Yobhi
2 Emva koko, oonyana bakaThixo wokwenene*+ bema phambi kukaYehova,+ noSathana wangena wema phambi kukaYehova.+
2 Wathi uYehova kuSathana: “Uvela phi?” USathana wamphendula uYehova wathi: “Bendizula-zula ndisehla ndisenyuka emhlabeni.”+ 3 UYehova wathi kuSathana: “Umqaphele phofu umkhonzi wam uYobhi? Akukho mntu unjengaye emhlabeni. Uyindoda elungileyo nethembekileyo,+ eyoyika uThixo nengazenziyo izinto ezimbi. Nangoku akakasoleki nganto,+ nangona wena ufuna ndimtshabalalise*+ engenzanga nto.” 4 Kodwa uSathana wamphendula uYehova wathi: “Isikhumba ngesikhumba. Akukho nto umntu angenakuyincama ukuze asindise ubomi bakhe. 5 Khawolule nje isandla sakho, umbethe emathanjeni nasenyameni, uze ubone ukuba akazukujika akuthuke na.”+
6 UYehova wathi kuSathana: “Jonga ke, ndimyekela esandleni sakho! Kodwa ungakhe ulinge umbulale!” 7 USathana wemka phambi kukaYehova waza wenza uYobhi wanamathumba abuhlungu*+ ukususela ezinyaweni ukuyokutsho entloko. 8 UYobhi wahlala eluthuthwini,+ wathatha iceba lengqayi wazikrwempa ngalo.
9 Ekugqibeleni umfazi wakhe wathi kuye: “Usathembekile nangoku? Thetha kakubi ngalo Thixo, usuke ufe ke!” 10 Kodwa yena wathi kuye: “Uthetha okomfazi ongenangqondo. Simele samkele izinto ezintle qha na kuThixo wokwenene, singazifuni ezimbi?”+ Kuyo yonke loo nto, uYobhi akazange one ngamazwi akhe.+
11 Bathi abahlobo bakaYobhi abathathu bakuva ngezinto ezibuhlungu ezimehleleyo, beza kumbona, ngamnye esuka ekhayeni lakhe. YayinguElifazi+ umTeman, uBhiledadi+ umShuha+ noTsofare+ umNahama. Bagqiba kwelokuba badibane baze bayokumthuthuzela. 12 Bambona besekude, kodwa babengatsho ukuba nguye. Basuka bakhala, bakrazula iimpahla zabo, baphosa umhlaba phezulu nasentloko.+ 13 Bahlala naye bhaxa phantsi, kwadlula iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo. Babethe cwaka bonke, kuba babona indlela awayengcungcutheka ngayo.+