Hezekile
25 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, jongisa ubuso bakho kuma-Amoni,+ uprofete ngawo.+ 3 Uze uthi ngama-Amoni, ‘Liveni ilizwi leNkosi enguMongami uYehova. Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ngenxa yokuba nithe ‘Heke!’ xa kwakungcoliswa ingcwele yam, naxa lalitshatyalaliswa ilizwe lakwaSirayeli, naxa yathinjwayo indlu kaYuda, 4 ndininikela ebantwini baseMpuma nibe lilifa labo. Baza kumisa iinkampu zabo* phakathi kwenu, bamise neentente zabo phakathi kwenu. Baza kutya iziqhamo zenu, basele nobisi lwenu. 5 Ndiza kuyenza iRabha+ ibe lidlelo leenkamela, nelizwe lama-Amoni libe yindawo ephumla kuyo imihlambi, nitsho nazi ukuba ndinguYehova.”’”
6 “Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba niqhwabe izandla,+ nangqisha ngeenyawo naza nayivuyela into eyenzeka elizweni lakwaSirayeli, nihlekisa ngalo,+ 7 ndiza kusolulela kuni isandla sam ndize ndiniyekele ezintlangeni ukuba zithathe izinto zenu. Ndiza kuninqumla ezizweni ndinitshabalalise emazweni.+ Ndiza kunitshayela, nitsho nazi ukuba ndinguYehova.’
8 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba uMowabhi+ noSehire+ bethe, “Jonga! Indlu kaYuda ifana nazo zonke ezinye iintlanga,” 9 ndiyalityhila ithambeka lakwaMowabhi ezixekweni ezisemdeni wakhe, ubuhle belizwe* lakhe, iBhete-yeshimoti, iBhahali-meyon, ukuya kwiKiriyatayim.+ 10 Ndiza kumnikela kunye nama-Amoni ebantwini baseMpuma,+ ukuze ama-Amoni angaze akhunjulwe phakathi kweentlanga.+ 11 Ndiza kugweba kwaMowabhi,+ batsho bazi ukuba ndinguYehova.’
12 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘UEdom uye waziphindezela kwindlu kaYuda yaye uye wanetyala elikhulu ngenxa yale nto.+ 13 Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndiza kusolulela nakwelakwaEdom isandla sam ndize ndinqumle apho umntu nemfuyo, ndilenze libe yindawo engahlali bantu.+ Baza kuwa ngekrele ukususela kwaTeman ukuya kwaDedan.+ 14 ‘Ndiza kuziphindezela kuEdom ndisebenzisa abantu bam amaSirayeli.+ Baza kukhuphela umsindo nengqumbo yam kuEdom, ukuze bayive impindezelo yam,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”’
15 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba amaFilisti ekhohlakele, aye ngolunya afuna ukuziphindezela nokutshabalalisa.+ 16 Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndisolulela kumaFilisti isandla sam,+ yaye ndiza kuwanqumla amaKereti+ ndize ndiwatshabalalise lawo ashiyekileyo aselunxwemeni lolwandle.+ 17 Ndiza kuziphindezela kuwo ngokuwohlwaya ngomsindo, ibe aza kutsho azi ukuba ndinguYehova xa ndiziphindezela kuwo.”’”