Duteronomi
25 “Ukuba amadoda ayaxabana, amele aye kwiijaji,+ yaye iijaji ziza kuligweba elo tyala zize zichaze ukuba ngowuphi omsulwa ibe ngowuphi onetyala.+ 2 Ukuba lowo wenze ububi ufanelwe kukubethwa,+ ijaji iza kuthi makalaliswe phantsi aze abethwe phambi kwayo. Imivumbo imele ilingane ububi abenzileyo. 3 Angabethwa imivumbo eyi-40,+ kodwa makungagqithwa kuyo. Ukuba angabethwa imivumbo engaphezu kwaleyo, umntakwenu angahlazeka phambi kwenu.
4 “Uze ungayivali umlomo ngesicheme inkunzi yenkomo xa ibhula.+
5 “Ukuba umntu uhlala nomntakwabo aze omnye kubo afe engenanyana, umfazi wendoda efileyo akamele atshate nenye indoda. Umntakwabo loo ndoda ifileyo umele atshate naloo mfazi, abe ngaloo ndlela utshate umfazi womntakwabo.+ 6 Umntwana wokuqala ozalwa nguloo mfazi kuza kuthiwa ngumntwana wale ndoda ifileyo,*+ ukuze igama layo lingacinywa kwaSirayeli.+
7 “Ukuba loo ndoda ayifuni kumtshata umfazi womntakwayo, loo mfazi ongumhlolokazi umele aye kubadala ngasegeyithini yesixeko aze athi, ‘Umntakwabomyeni wam akafuni ukuligcina igama lomntakwabo kwaSirayeli. Akavumi ukunditshata njengomfazi womntakwabo.’ 8 Abadala besixeko saloo ndoda bamele bayibize baze bathethe nayo. Ukuba isame iqinile isithi, ‘andifuni kumtshata,’ 9 loo mhlolokazi umele aye kuloo ndoda phambi kwamehlo abadala, ayikhulule imbadada,+ ayitshicele ebusweni aze athi, ‘Makwenziwe le nto kwindoda engafuni ukwakha umzi womntakwayo.’ 10 Emva koko, kwaSirayeli, igama laloo ntsapho liya kwaziwa ngokuba ‘Yindlu yomntu okhululwe imbadada.’
11 “Ukuba amadoda ayalwa, aze umfazi wenye kuwo angenelele, ekhusela indoda yakhe, olule isandla, athi nqaku amaphambili enye indoda, 12 uze usinqumle isandla sakhe, ungamsizeli.
13 “Uze ungabi neentlobo ezimbini zamatye okukala engxoweni yakho,+ elikhulu nelincinci. 14 Uze ungabi neentlobo ezimbini zezitya zokukala*+ endlini yakho, esikhulu nesincinci. 15 Ufanele ube nelitye lokukala elichanileyo nelifanelekileyo, ukuze uhlale ixesha elide kwilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho.+ 16 Uyenyanyeka kuYehova uThixo wakho wonke umntu owenza into embi ngolo hlobo.+
17 “Nize ningayilibali into enayenziwa ngama-Amaleki endleleni xa naniphuma eYiputa,+ 18 indlela awadibana ngayo nani endleleni aza abaxabela bonke abo babeshiyekela ngasemva, ngenxa yokuba nanidinwe kakhulu yaye nityhafile. Ama-Amaleki awazange amoyike uThixo. 19 Xa uYehova uThixo wenu eniphumzile kuzo zonke iintshaba zenu ezinijikelezileyo kwilizwe uYehova uThixo wenu aninika lona ukuba libe lilifa lenu,+ nimele niwatshayele kuthi tu ama-Amaleki phantsi kwamazulu.+ Nize ningayilibali loo nto.