Duteronomi
29 La ngamazwi esivumelwano uYehova awayalela uMoses ukuba asenze nabantu bakwaSirayeli kwilizwe lakwaMowabhi, ukongeza kwisivumelwano awasenza nabo eHorebhe.+
2 Emva koko uMoses waqokelela onke amaSirayeli, wathi kuwo: “Nayibona yonke into uYehova awayenzayo eYiputa kuFaro, kuzo zonke izicaka zakhe, nakulo lonke nje ilizwe lakhe,+ 3 izigwebo ezinamandla enazibonayo, imiqondiso emikhulu nemimangaliso.+ 4 Kude kube namhlanje, uYehova akaninikanga intliziyo eqondayo, amehlo abonayo neendlebe ezivayo.+ 5 ‘Xa bendinikhokela kule minyaka iyi-40 entlango,+ iimpahla zenu khange ziguge yaye neembadada zenu khange ziguge.+ 6 Khange nitye sonka, khange nisele wayini okanye nantoni na ebutywala, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.’ 7 Ekugqibeleni nafika kule ndawo, waza uSihon ukumkani waseHeshbhon+ no-Ogi ukumkani waseBhashan,+ beza kulwa nathi, kodwa saboyisa.+ 8 Emva koko salithatha ilizwe labo saza salinika amaRubhen, amaGadi nehafu yesizwe sakwaManase ukuba ibe lelabo.+ 9 Ngoko ke wathobeleni amazwi esi sivumelwano nize niwenze ukuze yonke into eniyenzayo iphumelele.+
10 “Nonke nimi phambi koYehova uThixo wenu namhlanje, iinkosi zezizwe zenu, abadala benu, amagosa enu, onke amadoda akwaSirayeli, 11 abantwana benu, abafazi benu,+ abantu basemzini+ abakunye nani, ukususela kogawula iinkuni ukuya kutsho kokha amanzi. 12 Nilapha ukuze ningene kwisivumelwano sikaYehova uThixo wenu nakwisifungo sakhe asenza nani uYehova uThixo wenu namhlanje+ 13 ukuze anikhethe namhlanje nibe ngabantu bakhe,+ naye abe nguThixo wenu,+ kanye njengokuba eye wanithembisa waza wafunga kookhokho benu uAbraham,+ uIsake+ noYakobi.+
14 “Andisenzi nani nodwa esi sivumelwano nesi sifungo, 15 kodwa ndisenza kunye nabo bemi nathi phambi koYehova uThixo wethu namhlanje, kunye nabo bangekho kunye nathi apha namhlanje. 16 (Kuba niyazi kakuhle indlela esasihleli ngayo eYiputa nendlela esadlula ngayo kwiintlanga ezahlukahlukeneyo ngoxa nanisendleleni.+ 17 Yaye nanidla ngokuzibona izinto zazo ezilizothe nezithixo*+ zazo ezenyanyekayo, ezenziwe ngomthi nangelitye, ngesilivere nangegolide.) 18 Lumkani ukuba phakathi kwenu kungabikho ndoda okanye umfazi, intsapho okanye isizwe esiba nentliziyo eyekayo ukuthobela uYehova uThixo wethu namhlanje, size siyokukhonza oothixo bezo ntlanga,+ kungabikho ngcambu evelisa isiqhamo esinetyhefu nomhlonyane.+
19 “Kodwa ukuba umntu uva amazwi esi sifungo, aze azikhukhumalise entliziyweni yakhe athi, ‘Ndiza kuba seluxolweni, nokuba ndenza okufunwa yintliziyo yam,’ ize loo nto ibangele ukuba ehlelwe yintlekele yena nabantu abasondeleyo kuye,* 20 uYehova akazukumxolela.+ Kunoko uYehova uza kuba nomsindo kakhulu ngenxa yaloo mntu, yaye zonke ezi ziqalekiso zibhalwe kule ncwadi ziza kumfikela ngokuqinisekileyo,+ yaye nakanjani uYehova uza kulicima igama laloo mntu phantsi kwamazulu. 21 Emva koko uYehova uza kumkhetha phakathi kwazo zonke izizwe zakwaSirayeli, amzisele intlekele ngokuvumelana nazo zonke iziqalekiso ezikwisivumelwano esibhalwe kule ncwadi yoMthetho.
22 “Xa isizukulwana soonyana benu nomntu wasemzini ovela kwilizwe elikude bebona izibetho zelo lizwe nezifo uYehova alizisele zona ezizezi, 23 isalfure netyiwa, nokutsha, ukuze ilizwe lonke lingatyalwa okanye kukhule nto kulo, yaye kungabikho zityalo zintshulayo, njengaxa kwakutshatyalaliswa iSodom neGomora,+ iAdima neTsebhoyim,+ ezo uYehova awazitshabalalisa enomsindo yaye ecaphukile, 24 baza kuthi bona nazo zonke iintlanga, ‘Kwakutheni ukuze uYehova alitshabalalise eli lizwe?+ Wayecatshukiswe yintoni kangaka?’ 25 Abantu baza kuthi, ‘Kungenxa yokuba basaphula isivumelwano sikaYehova+ uThixo wookhokho babo, awasenza nabo xa wayebakhupha eYiputa.+ 26 Kodwa basuka bakhonza abanye oothixo baza baqubuda kubo, oothixo ababengabazi nawayengabavumelanga uThixo ukuba babakhonze.+ 27 UYehova wacaphuka kakhulu waza walizisela elo lizwe zonke iziqalekiso ezibhalwe kule ncwadi.+ 28 Emva koko uYehova wabancothula elizweni labo enomsindo+ yaye ecaphuke kakhulu, wabasa kwelinye ilizwe, abasekulo nangoku.’+
29 “UYehova uThixo wethu uyazazi zonke izinto ezifihlakeleyo,+ kodwa zona izinto afuna ukuzityhila uzinike thina nenzala yethu ngonaphakade, ukuze siwathobele onke amazwi alo Mthetho.+