Kubalisa UMateyu
8 Emva kokuba ehlile entabeni, walandelwa ngabantu abaninzi. 2 Kweza umntu oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi: “Nkosi, ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.”*+ 3 Wolula isandla sakhe, wambamba waza wathi: “Ndiyathanda! Phila.”*+ Laphela ngoko nangoko iqhenqa lakhe.+ 4 Emva koko uYesu wathi kuye: “Qiniseka ukuba awuxeleli mntu ngale nto,+ kodwa hamba uye kumbingeleli,+ unikele isipho awathi uMoses makunikelwe ngaso,+ ukuze bazibonele ukuba uphilisiwe.”
5 Wathi xa efika eKapernahum, kweza kuye igosa lomkhosi, limcenga,+ 6 lisithi: “Mnumzana, isicaka sam silele endlini yam, sife umzimba, ibe siqaqanjelwa kakhulu.” 7 Wathi kulo: “Xa ndifika apho, ndiza kusiphilisa.” 8 Eli gosa lathi: “Mnumzana, andifanelekanga ukuba ungade uze kwam. Ukuba ungatsho nje, singaphila isicaka sam. 9 Kuba nam ndingumphathi, ndinamajoni aphantsi kwam. Ndithi kweli, ‘Hamba!’ lihambe, ndithi kwelinye, ‘Yiza apha!’ lize, ndithi kwisicaka sam, ‘Yenza le nto!’ siyenze.” 10 Yammangalisa le nto uYesu, waza wathi kwabo babemlandela: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, zange ndambona kwaSirayeli umntu onokholo olungaka.+ 11 Kodwa ndithi kuni, baninzi abaza kuza bevela empuma nasentshona, bahlale etafileni noAbraham noIsake noYakobi eBukumkanini bamazulu;+ 12 kodwa bona oonyana boBukumkani baza kuphoselwa ngaphandle ebumnyameni. Apho baza kukhala bengcungcutheka.”*+ 13 Emva koko uYesu wathi kwelo gosa: “Hamba. Ngenxa yokholo lwakho, mayenzeke le nto uyicelileyo.”+ Isicaka selo gosa saphila kanye ngaloo yure.+
14 Wathi uYesu xa efika endlini kaPetros, wabona umkhwekazi kaPetros+ elele, ephethwe yifiva.+ 15 Wambamba esandleni+ yaza yaphela ifiva. Emva koko lo mfazi waphakama wamenzela ukutya. 16 Kuthe ke kwakuhlwa, abantu bazisa kuYesu abantu abaninzi abaneedemon; wazikhupha ngokuziyalela nje, waza wabaphilisa bonke ababengcungcutheka, 17 ukuze yenzeke into eyathethwa ngumprofeti uIsaya esithi: “Wazithathela kuye izigulo zethu, wathwala nezifo zethu.”+
18 Uthe ke uYesu akubona ukuba ujikelezwe ngabantu abaninzi, wagqiba ekubeni aye ngaphesheya kunye nabafundi bakhe.+ 19 Kweza omnye umbhali wathi kuye: “Mfundisi, ndiza kukulandela naphi na apho uya khona.”+ 20 Kodwa uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zineendlwane, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufihla intloko.”+ 21 Emva koko, omnye umfundi wathi kuye: “Nkosi, ndicela undivumele ndiqale ndiyokungcwaba utata.”+ 22 UYesu wathi kuye: “Qhubeka undilandela, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo.”+
23 Wathi akukhwela esikhepheni, bamlandela abafundi bakhe.+ 24 Kuthe kusenjalo, kwavela isaqhwithi esikhulu elwandle, saza isikhephe sagqunywa ngamaza, wabe uYesu elele.+ 25 Beza kuye bamvusa, besithi: “Safa Nkosi, sisindise!” 26 Kodwa wathi kubo: “Kutheni nisoyika kangaka nje, nina ninokholo oluncinci?”+ Emva koko waphakama, walungxolisa ulwandle nesaqhwithi, kwaza kwazola kakhulu.+ 27 Abafundi bakhe bamangaliswa yile nto, baza bathi: “Ngumntu onjani na lo, ode athotyelwe lulwandle nasisaqhwithi?”
28 Wathi xa efika ngaphesheya, kummandla waseGadara, wadibana namadoda amabini aneedemon ephuma phakathi kwamangcwaba.*+ Ayekhohlakele ngendlela engaqhelekanga, kangangokuba kwakungekho mntu wayenesibindi sokuhamba ngaloo ndlela. 29 Akhwaza kakhulu, esithi: “Ufuna ntoni kuthi, Nyana kaThixo?+ Uzokusingcungcuthekisa+ ngaphambi kwexesha na?”+ 30 Kumgama othile, kwakukho iihagu ezininzi ezazisidla.+ 31 Zamcenga ezi demon, zisithi: “Ukuba uyasikhupha, yithi masiye kulaa mhlambi weehagu.”+ 32 Ngoko wathi kuzo: “Yiyani!” Wathi akutsho, zaphuma zaya kuloo mhlambi, waza waphephetheka ukuya kuwa eliweni, weyela elwandle, warhaxwa wafa. 33 Babaleka abalusi baya esixekweni, bafika baxela yonke into eyenzekileyo, kwanaleyo yamadoda ebekade eneedemon. 34 Baphuma bonke abantu besixeko baya kuYesu, bamcenga ukuba emke kuloo mmandla.+