Kubalisa uMarko
3 UYesu waphinda wangena kwindlu ababekhonzela kuyo,* ibe apho kwakukho indoda efe isandla.+ 2 Ngoko babemgadile befuna ukubona ukuba uza kuyiphilisa na ngeSabatha, ukuze bammangalele. 3 Wathi kwindoda efe isandla: “Phakama uze ngaphambili.” 4 Emva koko wathi kubo: “Zeziphi izinto ekusemthethweni ukuzenza ngeSabatha: kokulungileyo okanye kokubi, kukusindisa ubomi okanye kukubulala?”+ Kodwa bathi cwaka. 5 Wabajonga bonke ecaphuka, ebuhlungu kakhulu kukungabi nasizi kwabo,+ waza wathi kuloo ndoda: “Yolula isandla sakho.” Yasolula ke, saza saphila. 6 Bakuyibona loo nto, abaFarisi baphuma baza ngoko nangoko baya kucebisana neqela labalandeli bakaHerode,+ ukuze bambulale.
7 Kodwa uYesu nabafundi bakhe bemka baya elwandle, walandelwa ngabantu abaninzi ababevela eGalili nakwaYuda.+ 8 Kweza nabanye abaninzi besuka eYerusalem naseIdumeya naphesheya kweYordan nakwimimandla yaseTire naseSidon, emva kokuba beve izinto ezininzi awayezenza. 9 Waxelela abafundi bakhe ukuba bamlungiselele iphenyane ukuze abo bantu bangamxini. 10 Ekubeni wayephilise abaninzi, bonke abo babenezifo ezibuhlungu babetyhudisa ukuze bamchukumise.+ 11 Kwaneedemon,+ xa zimbona zaziqubuda phambi kwakhe zize zikhwaze zithi: “UnguNyana kaThixo.”+ 12 Kodwa waphinda-phinda eziyalela kabukhali ukuba zingachazi ukuba ungubani.+
13 Wenyuka intaba waza wabiza abo wayebafuna,+ baya kuye.+ 14 Waqokelela* iqela labayi-12, awalibiza ngokuba ngabapostile, ababeza kuhamba naye, nawayeza kubathuma baye kushumayela 15 baze babe negunya lokukhupha iidemon.+
16 Kweli qela labayi-12+ kwakukho uSimon, awamthiya ngokuba nguPetros,+ 17 uYakobi unyana kaZebhedi noYohane umntakwabo (aba wabathiya ngokuba ngooBhowanerges, othetha “ooNyana Bendudumo”),+ 18 uAndreya, uFilipu, uBhartolomeyu, uMateyu, uTomas, uYakobi unyana ka-Alfeyu, uTadeyu, uSimon okhutheleyo 19 noYudas Skariyoti, lowo wamjikelayo.
Emva koko uYesu waya endlini, 20 baza abantu baphinda baqokelelana, kangangokuba yena nabafundi bakhe abazange bakwazi nokutya. 21 Kodwa xa izizalwana zakhe zayivayo loo nto, zaphuma zisiya kumbamba, kuba zazisithi: “Ushiywe ziingqondo.”+ 22 Bona ababhali ababevela eYerusalem babesithi: “UnoBhelezebhubhe,* ibe ukhupha iidemon ngomlawuli weedemon.”+ 23 Emva kokuba ebabizile, wabenzela imizekelo esithi: “USathana angamkhupha njani uSathana? 24 Ukuba ubukumkani bulwa bodwa, abunakuma;+ 25 yaye ukuba indlu iyahlulelana, ayinakuma. 26 Ngokufanayo ke, ukuba uSathana ulwa yedwa, akanakuma, kodwa uza kutshabalala. 27 Enyanisweni, akakho umntu onokungena endlini yendoda enamandla, ebe izinto zayo engakhange aqale ayibophe, aze emva koko athathe izinto zendlu yayo. 28 Ndiyaniqinisekisa ukuba, bonke abantu baza kuzixolelwa zonke izono abazenzayo nokuthuka kwabo. 29 Kodwa nabani na othuka umoya oyingcwele akasoze axolelwe naphakade,+ unetyala lesono sikanaphakade.”+ 30 Wayitsho le nto kuba babesithi: “Unedemon.”+
31 Kuthe kusenjalo, kwafika umama wakhe nabantakwabo,+ bema ngaphandle, baza bathumela ukuba abizwe.+ 32 Njengokuba abantu babehleli bemngqongile, kwathiwa kuye: “Jonga! Umama wakho nabantakwenu bayakufuna apha phandle.”+ 33 Kodwa wathi: “Ngubani umama nabantakwethu?” 34 Emva koko wajonga wonke umntu owayehleli phantsi emngqongile, wathi: “Jongani, nanku umama nabantakwethu!+ 35 Nabani na owenza ukuthanda kukaThixo, nguye ongumntakwethu, udadewethu nomama.”+