Isahluko 34
Unyula Abapostile Bakhe
SEKUMALUNGA nonyaka onesiqingatha ukususela ekubeni uYohane uMbhaptizi wamazisa uYesu njengeMvana kaThixo nasekubeni uYesu eqalise ubulungiseleli bakhe basesidlangalaleni. Ngelo xesha uAndreya, uSimon Petros, uYohane, yaye mhlawumbi noYakobi (umzalwana kaYohane), kunye noFilipu noNataniyeli (okwabizwa ngokuba nguBhartolomeyu), baba ngabafundi bakhe bokuqala. Ekuhambeni kwexesha, abanye abaninzi babathelela ekulandeleni uKristu.
Ngoku uYesu ulungele ukunyula abapostile bakhe. Aba baya kuba zizinxulumani zakhe ezisenyongweni eziya kuqeqeshwa ngokukhethekileyo. Kodwa ngaphambi kokuba abanyule, uYesu uya entabeni aze achithe ubusuku bonke ethandaza, ngokunokwenzeka ecela ubulumko nentsikelelo kaThixo. Kuthi ke kwakuba semini, abize abafundi bakhe aze phakathi kwabo anyule abali-12. Noko ke, ekubeni beqhubeka befundiswa nguYesu, basabizwa ngokuba ngabafundi.
Abapostile abathandathu uYesu abanyulayo, abakhankanywe ngamagama ngasentla, ngabo baba ngabafundi bakhe bokuqala. UMateyu, lowo uYesu wambiza kwindawo yakhe yokurhafisa, naye uyanyulwa. Abanye abahlanu abanyulwayo nguYuda (okwabizwa ngokuba nguTadeyu), uYuda Sikariyoti, uSimon umKanan, uTomas noYakobi unyaka ka-Alifeyu. Lo Yakobi ukwabizwa ngokuba nguYakobi oMnci, mhlawumbi ngenxa yokuba emncinane ngokwakhiwa komzimba okanye emncinane ngeminyaka kunomnye umpostile uYakobi.
Ngeli xesha aba bali-12 bebenoYesu ithuba elithile, yaye ubazi kakuhle. Enyanisweni, abaninzi babo bazizalamane zakhe. Kuyabonakala ukuba uYakobi nomzalwana wakhe uYohane ngookanina bakaYesu. Yaye kunokwenzeka ukuba uAlifeyu wayengumzalwana kaYosefu, uyise ongumgcini kaYesu. Ngoko unyana ka-Alifeyu, umpostile uYakobi, naye ubeya kuba ngukanina kaYesu.
Kakade ke, uYesu akanangxaki ekukhumbuleni amagama abapostile bakhe. Kodwa ngaba wena unokubakhumbula? Kaloku, khumbula ukuba kukho ababini ababizwa ngokuthi Simon, ababini ababizwa ngokuthi Yakobi, nababini ababizwa ngokuthi Yuda, nokuba uSimon unomntakwabo uAndreya, nokuba uYakobi unomntakwabo uYohane. Leyo yindlela elula yokukhumbula abapostile abasibhozo. Abanye abane baquka umbuthi werhafu (uMateyu), omnye owathi kamva wamthandabuza (uTomas), omnye owabizwa phantsi komthi (uNataniyeli), nomhlobo wakhe uFilipu.
Abapostile abalishumi elinanye ngabaseGalili, ummandla olikhaya lakuloYesu. UNataniyeli ngowaseKana. UFilipu, uPetros noAndreya isinqe sabo siseBhetesayida, kamva uPetros noAndreya babefudukele eKapernahum, ndawo leyo ekubonakala ukuba uMateyu wayehlala kuyo. UYakobi noYohane babengabalobi yaye kunokwenzeka ukuba nabo babehlala eKapernahum okanye kufuphi nakhona. Kubonakala ukuba uYuda Sikariyoti, owathi kamva wangcatsha uYesu, ukuphela kompostile osuka kwelakwaYuda. Marko 3:13-19; Luka 6:12-16.
▪ Ngabaphi abapostile ekusenokuba babezizalamane zikaYesu?
▪ Bangoobani abapostile bakaYesu, yaye unokuwakhumbula njani amagama abo?
▪ Abapostile babesuka kuyiphi imimandla?