Kubalisa uLuka
19 UYesu wangena eYeriko, egqitha. 2 Apho kwakukho indoda enguZakeyu, eyayingumphathi wabaqokeleli berhafu, isiso nesityebi. 3 Yayifuna ukubona lo Yesu, kodwa yayingakwazi, kuba yayimfutshane, isithwa nangabantu. 4 Ngoko yabaleka phambili yaza yakhwela emthini wesikamore,* ukuze imbone, kuba wayeza kugqitha apho. 5 Wathi akufika kuloo ndawo uYesu, wajonga phezulu, wathi kuyo: “Zakeyu, khawuleza uhle, kuba ndiya kwakho namhlanje.” 6 Ngoko wakhawuleza wehla, waza wamamkela kwakhe. 7 Bathe bakuyibona le nto, bakhalaza bonke besithi: “Uye emzini wendoda engumoni.”+ 8 Kodwa uZakeyu waphakama waza wathi kwiNkosi: “Nkosi, ndiza kunika amahlwempu ihafu yezinto zam, ibe ndiza kuyibuyisela ngokuphindwe kane yonke imali endiyithathe ebantwini ngokubaqhatha.”+ 9 UYesu wathi kuye: “Namhlanje uThixo uyisindisile le ndoda nendlu yayo, kuba nayo ingunyana ka-Abraham. 10 Kuba uNyana womntu weza ukuze akhangele aze asindise abo balahlekileyo.”+
11 Bathi besamamele, wabenzela omnye umzekelo, kuba wayesele eza kufika eYerusalem, ibe babecinga ukuba uBukumkani bukaThixo babuza kufika ngoko nangoko.+ 12 Wathi: “Enye indoda yasebukhosini yayiza kuya kwilizwe elikude+ ukuze yenziwe ukumkani, ize ibuye emva koko. 13 Yabiza amakhoboka ayo alishumi, yawanika imali eziimina* ezilishumi yaza yathi kuwo, ‘Hambani niyokwenza imali ngazo.’+ 14 Kodwa abantu belo lizwe babeyicaphukela loo ndoda, baza bathumela abantu ukuba bayokuthi, ‘Asifuni ukuba lo mntu abe ngukumkani wethu.’
15 “Yakubuya, sele ingukumkani, yathi makubizwe laa makhoboka yayiwanike imali,* ukuze ibone ukuba enze imali engakanani ngayo.+ 16 Kweza elokuqala lathi, ‘Nkosi, ndenze iimina ezilishumi ngemina yakho.’+ 17 Yathi kulo, ‘Usebenzile, khoboka lam elilungileyo! Uza kuphatha izixeko ezilishumi, kuba uye wathembeka kweyona nto incinci.’+ 18 Kweza nelesibini lathi, ‘Nkosi, ndenze iimina ezintlanu ngemina yakho.’+ 19 Yathi nakweli, ‘Wena ke, uza kuphatha izixeko ezihlanu.’ 20 Kweza nelinye, lathi, ‘Nkosi, nantsi imina yakho, bendiyifihle elaphini. 21 Bendikoyika, kuba ungumntu okhohlakeleyo; uthatha into ongayibekanga, ibe uvuna apho ungatyalanga khona.’+ 22 Yathi kulo, ‘Ndikugweba ngamazwi akho ke, khobokandini elingalunganga. Andithi ubusazi ukuba ndikhohlakele; ndithatha into endingayibekanga, ndivuna nalapho ndingatyalanga khona?+ 23 Kutheni ke ungayifakanga ebhankini imali yam?* Bendiza kuthi xa ndibuya, ndiyifumane inenzala.’
24 “Emva koko yathi kwabo babeme apho, ‘Thathani le mina kuye, niyinike lo uneemina ezilishumi.’+ 25 Kodwa bathi kuye, ‘Nkosi, uneemina ezilishumi nje yena!’— 26 ‘Ndithi kuni, wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye, kodwa lowo ungenanto, naloo nto incinci anayo iza kuthathwa.+ 27 Zisani naba bantu baziintshaba zam, aba bebengafuni ndibe ngukumkani, nize nibabulale apha phambi kwam.’”
28 Emva kokuba uYesu ethethe yonke le nto, waqhubeka nohambo lwakhe oluya eYerusalem. 29 Xa wayekufutshane eBhethefage naseBhethani, kwintaba ebizwa ngokuba yiNtaba YemiNquma,+ wathumela abafundi bakhe ababini,+ 30 esithi: “Hambani niye kule lali iphambi kwenu. Niza kuthi xa ningena nibone inkonyane ledonki elibotshelelweyo, ekungazange kukhwele mntu kulo. Likhululeni nilizise apha. 31 Kodwa ukuba kukho umntu othi kuni, ‘Nilikhululela ntoni elo nkonyane?’ ze nithi, ‘Liyafunwa yiNkosi.’” 32 Ngoko baya abo babethunyiwe, bafika kunjengokuba uYesu wayetshilo.+ 33 Kodwa xa belikhulula, bathi abanikazi balo: “Nilikhululela ntoni elo nkonyane?” 34 Bathi: “Liyafunwa yiNkosi.” 35 Balisa kuYesu, babeka kulo izambatho zabo zangaphezulu, waza uYesu wahlala phezu kwazo.+
36 Njengoko wayehamba, bandlala izambatho zabo zangaphezulu endleleni.+ 37 Wathi xa esondela kwindlela eyehlayo kwiNtaba YemiNquma, bonke abafundi ababelapho bakhwaza bevuya, bedumisa uThixo ngenxa yayo yonke imimangaliso ababeyibonile, 38 besithi: “Usikelelwe lowo uza enguKumkani egameni likaYehova!* Makubekho uxolo ezulwini, nozuko kwezona ndawo ziphakamileyo!”+ 39 Kodwa abanye abaFarisi ababephakathi kwabo bantu bathi kuye: “Mfundisi, nqanda aba abafundi bakho.”+ 40 Kodwa yena wathi: “Ndithi kuni, ukuba aba bantu bangathula, kungathetha amatye.”
41 Wathi akusondela wabona iYerusalem, wakhala,+ 42 esithi: “Akwaba ubuye wayibona namhlanje into efunekayo ukuze ube noxolo, kodwa ngoku ezi zinto zifihliwe kuwe.+ 43 Kuza kufika imihla apho iintshaba zakho ziza kukurhangqa ngeepali ezitsolo, zikuxine* macala onke.+ 44 Ziza kukugadlela phantsi, wena nabo bonke abantwana bakho,+ ibe akukho nalinye ilitye eliza kushiyeka phezu kwelinye kuwe,+ kuba uThixo weza kukuhlola, kodwa wena awuzange uyibone loo nto.”
45 Emva koko, wangena etempileni wagxotha abantu ababethengisa,+ 46 esithi kubo: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Indlu yam iza kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo,’+ kodwa nina niyenza indawo yootsotsi.”+
47 Waqhubeka efundisa etempileni yonke imihla. Kodwa ababingeleli abaziintloko, ababhali neenkokheli zabantu zazifuna ukumbulala;+ 48 kodwa abazange bafumane ndlela, kuba bonke abantu ababelapho babemthe nca, befuna ukummamela.+