Yoweli
Hlabani umkhosi entabeni yam engcwele.
2 Yimini yobumnyama nesithokothoko,+
Imini yamafu nesithokothoko,+
Njengokukhanya kwesifingo okunabileyo ezintabeni.
Kukho isizwana esikhulu nesinamandla,+
Zange yabakho imini enjengayo,
Yaye soze ibekho enye efana nayo
Kwiminyaka yazo zonke izizukulwana.
Ilizwe phambi kwaso linjengomyezo wase-Eden,+
Kodwa emva kwaso yintlango nje,
Yaye akukho nto inokusinda kuso.
5 Sitsho ngesandi esifana neseenqwelo ezihamba phezulu ezintabeni,+
Nesandi somlilo odangazelayo odla iindiza.
Sinjengesizwana esinamandla esilungele idabi.+
6 Ziza kuba sentlungwini zonke izizwana ngenxa yaso.
Bonke abantu baza kuphatsha ebusweni.
7 Sihlasela njengamakroti emfazwe,
Sinyuka eludongeni njengamajoni,
Ngamnye uhamba ngendlela yakhe,
Ungqala phambili angajiki.
8 Asityhalani,
Ngamnye uhamba ngendlela yakhe.
Xa omnye ehlaselwa ngezixhobo* aze awe,
Abanye abasuki endaweni yabo.
9 Siyagxalathelana ukungena esixekweni, sibaleka eludongeni.
Sikhwela ezindlini, singene ngeefestile njengesela.
10 Phambi kwaso ilizwe liyangcangcazela namazulu ayanyikima.
Ilanga nenyanga zijike zaba mnyama,+
Kwafiphala nokukhanya kweenkwenkwezi.
11 UYehova uza kuthetha ngelizwi elikhulu phambi komkhosi wakhe wemfazwe,+ kuba inkampu yakhe inkulu kakhulu.+
Kuba lowo uphumeza ilizwi lakhe unamandla;
Imini kaYehova inkulu yaye iyoyikeka kakhulu.+
Ngubani na onokumelana nayo?”+
12 “Kodwa nangoku,” utsho uYehova, “buyelani kum ngeentliziyo zenu zonke,+
Ngokuzila ukutya,+ ngokulila nangokwenza isijwili.
13 Krazulani iintliziyo zenu,+ ningakrazuli iimpahla zenu,+
Nibuyele kuYehova uThixo wenu,
Kuba unosizi nenceba, akakhawulezi ukucaphuka+ yaye unothando oluninzi olungagungqiyo,+
Kwaye uza kuyirhoxisa intlekele yenu.*
14 Ngubani na owaziyo ukuba angajika abe nosizi*+
Aze anishiyele intsikelelo,
Ukuze nenze umnikelo wokutya okuziinkozo nomnikelo othululwayo kuYehova uThixo wenu?
15 Vuthelani uphondo eZiyon!
Bhengezani* ixesha lokuzila ukutya, bizani abantu nibe nendibano engcwele.+
16 Qokelelani abantu, lenzeni ngcwele ibandla.+
Qokelelani amadoda amadala,* qokelelani abantwana neentsana ezincancayo.+
Umyeni makaphume kwigumbi lakhe elingaphakathi, nomtshakazi egumbini lakhe.
‘Khawube nosizi ngabantu bakho, yhini Yehova,
Sukubenza into yokuhlekisa abantu abalilifa lakho,
Ubayeke balawulwe ziintlanga.
Ungathini ukuziyeka izizwana zithi, “Uphi uThixo wabo?”’+
19 UYehova uza kubaphendula abantu bakhe athi:
‘Ndiza kuninika ukutya okuziinkozo newayini entsha neoli,
Ibe niza kwanela kuko,+
Andizukuphinda ndinenze nibe yintlekisa ezintlangeni.+
20 Ndiza kumgxothela kude kuni lowo uvela ngasemntla,
Ndiza kumdudulela kwilizwe elingahlali bantu,
Amajoni akhe aphambili ndiwase kulwandle* lwasempuma*
Ndize lawo angasemva ndiwase kulwandle lwasentshona.*
Ukunuka kwakhe kakubi kuza kunyuka,
Nevumba lakhe elibi liza kunyuka,+
Kuba yena uza kwenza izinto ezinkulu.’
21 Sukoyika mhlaba.
Vuya ube nemihlali, kuba uYehova uza kwenza izinto ezinkulu.
22 Sanukoyika nani zilwanyana zasendle,
Kuba amadlelo asentlango aza kuba luhlaza,+
Nemithi iza kuthwala iziqhamo,+
Imithi yamafiya neyeediliya iza kuchuma.+
23 Vuyani nibe nemihlali ngoYehova uThixo wenu, nina bonyana baseZiyon,+
Kuba uza kuninika imvula eyaneleyo ngexesha lasekwindla,
Aninike izantyalantyala,
Imvula yasekwindla nemvula yasentwasahlobo, njengakuqala.+
24 Amabala okubhula aza kugcwala ukutya okuziinkozo,
Neefatyi zesixovulelo ziza kuphuphuma yiwayini entsha neoli.+
25 Ndiza kunibuyekeza ngelahleko yeminyaka
Ebangelwe libubu leenkumbi, umqikela, iinkumbi ezitshabalalisayo neenkumbi ezibhuqayo,
Ezingumkhosi wam omkhulu wamajoni endanithumela ngawo.+
26 Ngokuqinisekileyo niza kutya nanele,+
Nitsho nilidumise igama likaYehova uThixo wenu,+
Onenzele yonke le mimangaliso,
Soze baphinde bahlazeke abantu bam.+
Soze baphinde bahlazeke abantu bam.
28 Emva koko ndiza kuthulula umoya wam+ phezu kwalo lonke uhlobo lwabantu,*
Yaye baza kuprofeta oonyana benu neentombi zenu,
Amaxhego enu aza kuphupha amaphupha,
Abafana benu babone imibono.+
29 Nkqu naphezu kwezicaka nezicakakazi zam
Ndiza kuthulula umoya wam ngaloo mihla.