Malaki
3 “Jonga! Ndithumela umthunywa wam, yaye uza kundilungiselela indlela.+ INkosi yokwenene, leyo niyikhangelayo, iza kuza ngequbuliso etempileni yayo;+ ibe nomthunywa wesivumelwano enivuyiswayo nguye uza kuza. Jonga! Uza kuza ngokuqinisekileyo,” utsho uYehova wemikhosi.
2 “Kodwa ngubani oza kuyinyamezela imini yokuza kwakhe, yaye ngubani oza kukwazi ukuma xa ebonakala? Kuba uza kufana nomlilo womsulungekisi nanjengesepha*+ yabantu abahlamba iimpahla. 3 Uza kuhlala njengomsulungekisi nomcoci wesilivere+ yaye uza kubacoca oonyana bakaLevi, aze abacikize* njengegolide nesilivere, yaye ngokuqinisekileyo kuYehova baza kuba ngabantu abazisa umnikelo osisipho ngobulungisa. 4 Kwaye umnikelo osisipho wakwaYuda nowaseYerusalem uza kumvuyisa* nyhani uYehova, njengakwimihla yakudala nanjengakwiminyaka yakudala.+
5 “Ndiza kusondela kuni ukuze ndinigwebe, yaye ndiza kukhawuleza ukumangalela abathakathi,+ abakrexezi, abo bafunga ubuxoki,+ abo baqhatha umqeshwa,+ umhlolokazi nomntwana ongenatata,*+ nabo bangafuniyo ukunceda umntu wasemzini.*+ Abo bantu abandoyiki,” utsho uYehova wemikhosi.
6 “Kuba ndinguYehova, anditshintshi.*+ Yaye nina ningoonyana bakaYakobi, anikagqitywa. 7 Ukususela kwimihla yookhokho benu niye nayishiya imithetho yam naza anayithobela.+ Buyelani kum, nam ndiza kubuyela kuni,”+ utsho uYehova wemikhosi.
Kodwa nithi: “Siza kubuyela njani?”
8 “Umntu wasemhlabeni angambela na uThixo? Kodwa nina niyandibela.”
Nithi: “Sikubele njani?”
“Kwizishumi nakwiminikelo. 9 Ngokuqinisekileyo niqalekisiwe,* kuba niyandibela. Uhlanga lonke lwenza loo nto. 10 Zisani zonke izishumi kuvimba,+ ukuze kubekho ukutya endlini yam;+ yaye ndivavanyeni kule nto, ndiyanicela,” utsho uYehova wemikhosi, “ukuze nibone ukuba andizukunivulela na iigeyithi zezikhukula emazulwini+ ndize ndiqongqothele phezu kwenu intsikelelo kude kungabikho nto niyidingayo.”+
11 “Ngenxa yenu ndiza kuyikhalimela into eqwengayo,* yaye ayizukunonakalisela isiqhamo somhlaba wenu, nomthi wenu weediliya awuzukungabi nasiqhamo,”+ utsho uYehova wemikhosi.
12 “Zonke iintlanga ziza kuthi nonwabile,+ kuba niza kuba lilizwe lovuyo,” utsho uYehova wemikhosi.
13 “Nithethe rhabaxa ngam,” utsho uYehova.
Nithi: “Sithethe sathini ngawe?”+
14 “Nithi, ‘Akuncedi nganto ukukhonza uThixo.+ Sifumene ntoni ngokugcina izithembiso zethu kuye, nokuhamba kwethu silusizi phambi koYehova wemikhosi? 15 Ngoku sibona ngathi bonwabile abantu abakhukhumeleyo. Futhi abenzi bobubi bayaphumelela.+ Banesibindi sokuvavanya uThixo baze bangenziwa nto.’”
16 Ngelo xesha abo bamoyikayo uYehova bathetha, ngamnye ethetha nomhlobo wakhe, yaye uYehova wamamelisisa. Kwabhalwa nencwadi yokukhumbuza phambi kwakhe+ ngenxa yabo bamoyikayo uYehova nangenxa yabo bacingisisa* ngegama lakhe.+
17 “Yaye baza kuba ngabam,”+ utsho uYehova wemikhosi, “ngemini endibenza ngayo babe ngabantu bam abakhethekileyo.*+ Ndiza kubavela, kanye njengomntu ovela unyana wakhe omsebenzelayo.+ 18 Niza kuphinda niwubone umahluko phakathi kwelungisa nomntu owenza ububi,+ phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonziyo.”