Ingoma Yokunyuka.
132 Owu Yehova, mkhumbule uDavide
Nayo yonke intlungu yakhe,+
2 Indlela awafunga ngayo kuYehova,
Nesivumelwano awasenza kuLowo Unamandla kaYakobi,+ esithi:
3 “Andizukungena endlini yam.+
Andizukulala ebhedini yam;
4 Andizukuwavala amehlo am ndilale,
Andizukuzivala iinkophe zamehlo am
5 Ndide ndimfumanele indawo uYehova,
Ndimfumanele indawo entle Lowo Unamandla kaYakobi.”+
6 Jonga! Sivile ngayo e-Efratha;+
Siyifumene kwimimandla enamahlathi.+
7 Masiye kwindawo ahlala kuyo;+
Masiqubude kwindawo yokubeka iinyawo zakhe.+
8 Khawuphakame Yehova, uye endaweni yakho yokuphumla,+
Wena neTyeya yamandla akho.+
9 Ababingeleli bakho mabambathe ubulungisa,
Nabantu bakho abathembekileyo bakhwaze bevuya.
10 Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho,
Sukumfulathela umthanjiswa wakho.+
11 UYehova ufungile kuDavide;
Soze ajike kwinto ayithethileyo, esithi:
“Omnye wenzala yakho
Ndiza kumbeka etroneni yakho.+
12 Ukuba oonyana bakho bayasigcina isivumelwano sam
Nezikhumbuzo zam endibafundisa zona,+
Kwanoonyana babo
Baza kuhlala etroneni yakho ngonaphakade.”+
13 Kuba uYehova ukhethe iZiyon;+
Uye wafuna ukuba ibe yindawo yakhe yokuhlala, wathi:+
14 “Yiyo le indawo endiza kuhlala kuyo ngonaphakade;
Ndiza kuhlala apha,+ kuba ndifuna loo nto.
15 Ndiza kuyisikelela ngentabalala yokutya;
Amahlwempu ayo aza kutya isonka anele.+
16 Ndiza kubasindisa ababingeleli bayo,+
Nabathembekileyo abahlala kuyo baza kukhwaza bevuya.+
17 Ndiza kumenza abe namandla kakhulu apho uDavide.
Ndimlungiselele isibane umthanjiswa wam.+
18 Ndiza kuzihlazisa iintshaba zakhe;
Kodwa ulawulo lwakhe luza kuphumelela.”+