Isaya
13 Nanku umbono kaIsaya+ unyana ka-Amotsi, wendlela eza kugwetywa ngayo iBhabhiloni:+
2 “Phakamisani into* aza kubona ngayo+ amajoni phezu kwentaba ebharhileyo.
Wakhwazeni, niwakhwebe,
Ukuze angene ezigeyithini zezikhulu.
3 Ndibakhuphele umyalelo abo ndibamiseleyo.*+
Ndiyalele amagorha am ukuba abonakalise umsindo wam,
Suka wona avuya enamabhongo.
4 Mamelani! Nalo igquba labantu ezintabeni,
Livakala ngathi ngabantu abaninzi!
Mamelani! Ingxolo yezizwe
Ingxolo yeentlanga zidityaniswe ndawonye!+
UYehova wemikhosi uqokelela umkhosi wemfazwe.+
5 Uza uvela kwilizwe elikude,+
Kwezona ndawo zikude phantsi kwezulu,
UYehova ekunye nawo
Eze konakalisa wonke umhlaba.+
6 Khalani kakhulu, kuba imini kaYehova isondele!
Iza kuba yintshabalalo evela kuSomandla.+
Bayaxhuzula, beqaqanjelwa,
Njengomfazi olunywayo.
Bajongana besoyika.
Nobuso babo bubhalwe intlungu.
9 Jongani! Imini kaYehova iyeza,
Ikhohlakele, inobushushu nomsindo,
Izokwenza ilizwe into eyoyikekayo,+
Nokuze itshabalalise aboni balo.
10 Kuba iinkwenkwezi namaqela azo*+
Azizukukhanyisa;
Ilanga liza kuphuma limnyama,
Nenyanga ayizukukhanyisa.
11 Wonke umhlaba omiweyo ndiza kuwuphendulisa ngezinto ezimbi ozenzileyo,+
Nabenzi-bubi ngesono sabo.
Ndiza kuliphelisa nya ikratshi labazigqatsayo,
Ndiza kulithoba nekratshi loozwilakhe.+
12 Umntu ndiza kumenza anqabe ngaphezu kwegolide esulungekisiweyo,+
Ndibenze banqabe abantu ngaphezu kwegolide yaseOfire.+
13 Yiloo nto ndiza kwenza izulu lingcangcazele,
Nomhlaba unyikime uze usuke endaweni yawo+
Ngenxa yokucaphuka kukaYehova wemikhosi ngemini yomsindo wakhe.
14 Njengebhadi elizingelwayo, nanjengomhlambi ongenamqokeleli,
Ngamnye uza kubuyela ebantwini bakowabo;
Ngamnye abalekele kwilizwe lakowabo.+
16 Abantwana babo baza kuntlekezwa phambi kwamehlo abo,+
Kuthathwe izinto ezindlini zabo,
Nabafazi babo badlwengulwe.
18 Izaphetha zawo ziza kubacumza abafana.+
Awazukuba nanceba kwisiqhamo sesibeleko,
Engazukubasizela nabantwana.
19 Kwaye iBhabhiloni, obona bukumkani buzukileyo,*+
Ubuhle neqhayiya lamaKhaledi,+
Iza kufana neSodom neGomora, xa uThixo wazibhukuqayo.+
Akukho mArabhu uza kumisa intente yakhe apho,
Kungekho balusi baza kuyeka imihlambi yabo ilale apho.
22 Izilwanyana ziza kwenza umkhulungwane kwiinqaba zayo,
Noodyakalashe kwizindlu zookumkani bayo.
Ixesha layo lisondele, nemihla yayo ayizukucotha.”+