Isaya
15 Esi sisigwebo esiya kuMowabhi:+
Ekubeni etshatyalaliswe ngobusuku,
IAri+ yakwaMowabhi ivalwe umlomo.
Ekubeni itshatyalaliswe ngobusuku,
IKire+ yakwaMowabhi ivalwe umlomo.
Zonke iintloko zichetywe inkqayi,+ neendevu zitsheviwe.+
3 Abantu bahamba ezitratweni bebhinqe amalaphu okwenza ingxowa.
Batsho ngesikhalo esikhulu beseluphahleni nakwiindawo zikawonke-wonke;
Behla bekhala.+
Kungeso sizathu le nto amadoda axhobileyo akwaMowabhi ekhwaza.
Ayangcangcazela.
5 Intliziyo yam ikhalela uMowabhi.
Iimbacu zibaleke zayokufika eTsoware+ nase-Egelati-shelishiya,+
Zinyuka zilila eqhineni laseLuhite.
Endleleni eya eHoronayim ziyakhala ngenxa yale ntlekele.+
6 Amanzi aseNimrim ome nko.
Ingca eluhlaza yomile,
Iphelile ingca, akukho kwanto iluhlaza ishiyekileyo.
7 Yiloo nto zihamba nento eshiyekileyo ebikoovimba, nobutyebi bazo.
Ziwela intlambo yemithi yemingcunube.
8 Kuba isikhalo sivakala kuwo wonke ummandla wakwaMowabhi.+
Isijwili sivakala e-Eglayim;
Isijwili sivakala eBhere-elim.
9 Kuba amanzi aseDimon agcwele igazi,
Andikagqibi ke ngeDimon:
Abo basindileyo bakwaMowabhi, ndibabekele ingonyama,
Nabo bashiyekileyo elizweni.+