Isaya
23 Nantsi indlela eza kugwetywa ngayo iTire:+
Lilani nina zinqanawa zaseTarshishe!+
Kuba izibuko litshatyalalisiwe; akungeneki kulo.
Bakuve oku bekwilizwe laseKitim.+
2 Thulani nithi tu, nina bemi belizwe eligudle unxweme.
Oosomashishini baseSidon+ abawela ulwandle bakwenze wahlutha.
3 Iinkozo* zaseShihore*+ zihambe phezu kwamanzi amaninzi,
Isivuno somNayile, ingeniso yeTire,
Zizisa ingeniso esuka kwiintlanga.+
4 Yiba neentloni Sidon, nqaba yolwandle,
Kuba ulwandle luthe:
5 Njengokuba abantu baba buhlungu xa beva into eyenzeka eYiputa,+
Baza kuba buhlungu xa besiva into eyenzeke eTire.+
6 Welelani eTarshishe!
Khalani kakhulu, nina bantu belizwe eligudle unxweme!
7 Siso na esi isixeko esasivuya kwakudala, ukususela kumaxesha akudala?
Iinyawo zaso zazikade zisithatha ziye kusihlalisa kwimimandla ekude.
8 Ngubani owenze esi sigqibo ngeTire,
Yona ingumthwesi wezithsaba,
Enoosomashishini ababeziinkosana,
Nababehlonitshwa emhlabeni wonke?+
9 Nantsi into uYehova wemikhosi agqibe ukuyenza,
Uza kubungcolisa bonke ubuhle bakhe, aliphelise nekratshi lakhe,
Abahlaze bonke abo babehlonitshwa emhlabeni wonke.+
10 Gcwalisa ilizwe lakho liphuphume oku koMlambo umNayile, ntombi yaseTarshishe.
Akusekho nendawo le yeenqanawa.*+
11 Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle.
Uzishukumisile izizwe.
UYehova ukhuphe umyalelo wokuba kutshatyalaliswe iinqaba zaseFenike.+
12 Yaye uthi: “Awusoze uphinde uvuye kwakhona,+
Wena ucinezelweyo, ntombi yaseSidon engazange yalala nandoda.
Phakama, welela eKitim.+
Nalapho awuzukuphumla.”
13 Jonga! Ilizwe lamaKhaledi.+
Naba ke abona bantu, hayi ama-Asiriya.+
Bayenze indawo yokubhadulela izilwanyana zasentlango.
Bamise iinqaba zabo zokurhangqa;
Bazishiye zize iinqaba ezikhuselekileyo,+
Bayishiya ingamabhodlo awohlokayo.
15 Ngaloo mini, iTire iza kulityalwa iminyaka eyi-70,+ kanye njengeminyaka* yobomi bokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka eyi-70 kuza kwenzeka kwiTire ngokwengoma yomfazi othengisa ngomzimba, ethi:
16 “Thatha uhadi ujikeleze isixeko wena mfazi othengisa ngomzimba nolityelweyo.
Dlala uhadi lwakho ngobuchule;
Cula iingoma ezininzi,
Ukuze bakukhumbule.”
17 Ekupheleni kweminyaka eyi-70, uYehova uza kuyikhumbula iTire. Iza kuphinda ibe ngumfazi othengisa ngomzimba kuzo zonke izizwe eziphezu kobuso bomhlaba. 18 Inzuzo nomvuzo wayo ziza kuba yinto engcwele kuYehova. Azizukugcinwa, okanye zibekwe, kuba umvuzo weTire uza kuba ngowabo bahlala phambi koYehova, ukuze batye baneliseke, nokuze banxibe iimpahla ezintle.+