Isaya
25 Wena Yehova unguThixo wam.
Ndiyakudumisa, ndiyaliphakamisa igama lakho,
Kuba ziyamangalisa izinto ozenzileyo,+
Izinto owacinga ukuzenza* kwakudala,+
Ngokuthembeka+ nangokunyaniseka.
2 Kuba usenze sayimfumba yamatye isixeko,
Nedolophu ekhuselekileyo yayingqushu yamabhodlo.
Inqaba yomntu wasemzini ayisesiso isixeko,
Soze iphinde yakhiwe.
4 Kuba uye wayinqaba kumntu osweleyo,
Inqaba kwihlwempu xa lisebunzimeni,+
Ikhusi esiphangweni,
Umthunzi ebushushwini.+
Xa oozwilakhe begqabhuka njengemvula enamandla ibetha eludongeni.
5 Njengobushushu kwilizwe elomileyo,
Uyayiphelisa ingxolo yabasemzini.
Njengomthunzi welifu ophelisa ubushushu,
Uyithulisa kuthi tu ingoma yoozwilakhe.
6 UYehova wemikhosi uza kudekela izizwana kule ntaba,+
Izidlo ezinamafutha,+
Iwayini eninzi emnandi,*
Izidlo ezinamafutha nomongo,
Iwayini emnandi nehluziweyo.
7 Kule ntaba uza kususa* isigqubuthelo esogqume zonke izizwana,
Nelaphu elithe wambu zonke iintlanga.
8 Uza kukuginya ukufa ngonaphakade,+
Yaye iNkosi enguMongami uYehova iza kuzosula iinyembezi ebusweni babo bonke abantu.+
Ukuphathwa kakubi kwabantu uza kukuphelisa emhlabeni wonke,
Kuba utsho uYehova.
9 Ngaloo mini kuza kuthiwa:
“Jongani! Lo nguThixo wethu.+
Lo nguYehova!
Sithembele kuye.
Masonwabe sivuye, kuba uyasisindisa.”+
10 Kuba isandla sikaYehova siza kuba phezu kwale ntaba,+
Yaye uMowabhi uza kunyathelwa kule ndawo+
Njengemfumba yeendiza enyathelwa ibe ngumgquba.
11 Uza kumbetha ngesandla uMowabhi
Oku kwendadi ibetha amanzi xa iqubha,
Yaye uza kumthoba njengokuba ephakamile nje+
Ngokuzolula ngobuchule izandla zakhe.
12 Uza kusidiliza isixeko esikhuselekileyo neendonga zakho eziphakamileyo,
Uza kusikhahlela phantsi emhlabeni, eluthulini.