Isaya
26 Ngaloo mini kuza kuculwa le ngoma+ kwilizwe lakwaYuda:+
“Sinesixeko esomeleleyo.+
Iindonga nongqameko lwaso uzenza indawo yokusindisa.+
2 Vulani iigeyithi+ ukuze lungene uhlanga oluthobela uThixo.
3 Uza kubakhusela abo bayame ngawe ngokupheleleyo;*
Uza kubenza bahlale benoxolo,+
Kuba bathembele kuwe.+
5 Kuba ubathobile abo bahlala kwindawo ephezulu, isixeko esiphakamileyo.
Uyasithoba,
Usithobela emhlabeni;
Usijula phantsi eluthulini.
6 Unyawo luza kusinyathela,
Iinyawo zomntu osentlungwini, izingqi zehlwempu.”
7 Indlela yelungisa ilungile.
Kuba wena ulungile,
Uza kuyigudisa indlela yelungisa.
8 Njengokuba silandela indlela yakho yobulungisa, Yehova Thixo wethu,
Ulithemba lethu.
Sihlala sifuna ukukhumbula igama lakho nento eliyimelayo.*
9 Ebusuku ndikufuna ngentliziyo yam yonke,
Umoya wam ukufuna ngeyona ndlela;+
Kuba xa uwugweba umhlaba,
Abemi bawo batsho bafunde ngobulungisa bakho.+
11 Yehova Thixo wam, usiphakamisile isandla sakho, kodwa iintshaba azisiboni.+
Ziza kuyibona indlela obathanda nobakhusela ngayo abantu bakho, zize zihlazeke.
Ngokuqinisekileyo uza kuziqwenga ngomlilo.
13 Yehova Thixo wethu, besikhe saphathwa zezinye iinkosi,+
Kodwa lelakho kuphela igama esilidumisayo.+
14 Zifile ibe azizukuphila.
Ekubeni zingenamandla ekufeni, azizukuvuka.+
Kuba uzigwebile
Ukuze uzitshabalalise, ulitshayele kuthi nya igama lazo.
Uyandise kakhulu yonke imida yelizwe.+
17 Kanye njengomfazi okhulelweyo osele eza kubeleka
Olunywayo notsho isikhalo ngenxa yeentlungu,
Siye sanjalo nathi Yehova Thixo wethu.
18 Siye sakhulelwa, salunywa,
Kodwa kube ngathi sizele umoya.
Asilisindisanga eli lizwe,
Ibe akukho mntu uzele usana oluza kuhlala kweli lizwe.
19 “Abantu benu abafileyo baza kuphila.
Izidumbu zakuthi ziza kuvuka.+
Vukani nize nikhwaze nivuya,
Nina bahlala eluthulini!+
21 Kuba jongani! uYehova uyeza evela endaweni yakhe.
Uze kuphendulisa abemi beli lizwe ngesono sabo,
Kuba eli lizwe liza kulibhenca igazi elachithwayo
Lingaphindi libogqumelele abantu balo ababuleweyo.”