Hoseya
Usibethile, kodwa uza kuwabopha amanxeba ethu.
2 Uza kusivusa emva kweentsuku ezimbini.
Ngosuku lwesithathu uza kusiphakamisa,
Yaye siza kuphila phambi kwakhe.
3 Siza kumazi, kuba siza kube sizimisele ukumazi uYehova.
Ukuphuma kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.
Uza kuza kuthi njengokugalela kwemvula,
Njengemvula yasentwasahlobo emanzisa umhlaba.”
4 “Ndikuthini na Efrayim?
Ndikuthini na Yuda?
Kuba uthando lwakho* lufana namafu akusasa
Lufana nombethe onyamalala msinya.
Ibe ukugwetywa kwenu kuza kukhazimla njengokukhanya.+
6 Kuba ndivuyiswa kukuthandwa ngokungagungqiyo,* kungekhona yimibingelelo,
Nokwaziwa kukaThixo, endaweni yeminikelo etshiswa ngokupheleleyo.+
7 Kodwa bona, njengabantu nje, basaphule isivumelwano.+
Baye bandijikela apho.
9 Ababingeleli bafana nemigulukudu elalele indoda.
Babulala abantu endleleni eya kwaShekem,+
Kuba izenzo zabo zilihlazo.
10 Ndibone inyala endlini kaSirayeli.