Isaya
29 “Isengxakini iAriyeli,* iAriyeli isixeko awamisa kuso inkampu uDavide!+
Qhubekani nisenza amatheko+
Unyaka nonyaka.
2 Ndiza kuyizisela intlungu iAriyeli,+
Iza kuzila, yenze isijwili,+
Kum iza kuba njengeziko lesibingelelo sikaThixo.+
3 Ndiza kukurhangqa ngeenkampu macala onke,
Yaye ndiza kukubiyela ngezibonda ezitsolo zokuhlasela
Ndize ndikwakhele nezixhobo zokukuhlasela.+
Ilizwi lakho liza kuphuma emhlabeni+
Njengelizwi lomntu oligqirha,
Amazwi akho aza kutswitswiza eluthulini.
5 Zonke iintshaba zakho* ziza kuba njengomgubo ocoliweyo,+
Oozwilakhe babe njengokuphephetheka komququ.+
Yonke loo nto iza kwenzeka ngequbuliso nangephanyazo.+
6 UYehova wemikhosi uza kukusindisa
Ngendudumo, ngenyikima nangengxolo enkulu,
Ngesaqhwithi nesivuthuvuthu somoya, nangamadangatye omlilo aqwengayo.”+
7 Emva koko izizwe ezininzi ezilwa neAriyeli,+
Zonke izizwe ezilwa nayo,
Eziyakhela iinqaba zokuyihlasela,
Ezo ziyingcungcuthekisayo,
Ziza kuba njengephupha, umbono wasebusuku.
8 Ngokuqinisekileyo kuza kufana naxa kanye umntu olambileyo ephupha esitya,
Kodwa avuke elambile,
Naxa umntu onxaniweyo ephupha esela,
Kodwa avuke ediniwe futhi enxaniwe.
Kuza kuba njalo kwiintlanga ezininzi
Eziqala imfazwe neNtaba YeZiyon.+
Banxilile, kodwa abanxiliswanga yiwayini;
Bayagxadazela kodwa bengagxadazeliswa butywala.
10 Kuba uYehova unenze nalala engqondweni okomntu olele ubuthongo;+
Amehlo enu angabaprofeti, uwavalile,+
Neentloko zenu eziziimboni, uzogqumile.+
11 Yonke imibono yenu iza kuba njengencwadi evalwe mba.+ Xa beyinika umntu okwazi ukufunda besithi: “Khawufunde apha sive,” uza kuthi: “Andikwazi, kuba ivalwe mba.” 12 Xa beyinika umntu ongakwazi kwaukufunda besithi: “Khawufunde apha torho,” uza kuthi yena: “Andifundanga nje.”
13 UYehova uthi: “Aba bantu beza kum nje ngomlomo
Bandihlonipha nje ngomlomo,+
Iintliziyo zabo zikude lee kum,
Bandoyika ngenxa yemithetho yabantu, abayifundisiweyo.+
14 Ngoko ke, ndim oza kuphinda enze izinto ezimangalisayo ngaba bantu,+
Ummangaliso emva kommangaliso;
Ubulumko bamadoda abo azizilumko buza kuthi shwaka,
Nokuqonda kwabantu babo abaziingqondi kuza kufihleka.”+
15 Ndiyabasizela abo bazama konke okusemandleni ukufihlela uYehova amacebo abo.+
Imisebenzi yabo bayenzela ebumnyameni,
Ngoxa besithi: “Sibonwa ngubani?
Ingubani owaziyo ukuba siphezu kwantoni?”+
16 Niyazijija izinto, ke loo nto!
Angafaniswa njani umbumbi nodongwe?+
Kungenzeka na ukuba into ebunjiweyo ithi ngomenzi wayo:
“Andenziwanga nguye mna”?+
Ibe ikhe ithi na ngomenzi wayo into eyenziweyo:
“Akukho nto ayaziyo ke lowo”?+
18 Ngaloo mini abantu abangevayo baza kuva amazwi ale ncwadi,
Nabantu abangaboniyo baza kubona kwisithokothoko sobumnyama.+
19 Abalulamileyo baza kumvuyela uYehova,
Namahlwempu ebantwini aza kumvuyela Lowo Ungcwele kaSirayeli.+
20 Kuba uzwilakhe akazukubakho,
Nomqhayisi uza kufikelwa sisiphelo,
Nabo bonke abahlala belungele ukwenzakalisa baza kutshatyalaliswa,+
21 Abo bafaka abanye ematyaleni ngamazwi obuxoki,
Abathiyisela umthetheleli ezigeyithini zesixeko,+
Nabo bavimba abamsulwa ubulungisa ngeengxoxo ezingenasihlahla.+
22 UYehova, lowo wasindisa uAbraham,+ uthi kwindlu kaYakobi:
23 Kuba xa ebona abantwana bakhe,
Abangumsebenzi wezandla zam,+
Baza kulingcwalisa igama lam,
Ngokuqinisekileyo baza kumngcwalisa Lowo uNgcwele kaYakobi,
Ibe baza kumangaliswa nguThixo kaSirayeli.+
24 Abo baneendlela ezingafanelekanga baza kuqonda,
Kwanabo bakhalazayo baza kufundiswa.”