EkaDavide.
103 Mandimdumise uYehova;
Mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.
2 Mandimdumise uYehova;
Kwanga ndingangaze ndizilibale zonke izinto azenzileyo.+
3 Yena uxolela zonke iziphoso zakho+
Ibe uphelisa zonke iintlungu onazo;+
4 Usindisa ubomi bakho emngxunyeni+
Aze akuthi jize ngothando lwakhe olungagungqiyo nenceba.+
5 Ukwanelisa ngezinto ezintle+ ubomi bakho bonke,
Ukuze uhlale umtsha, ungumqaba-qaba okokhozi.+
6 UYehova ubaphatha ngobulungisa+ nangokusesikweni
Bonke abo bacinezelwayo.+
7 Wamazisa uMoses iindlela zakhe,+
Wabazisa noonyana bakaSirayeli ngezenzo zakhe.+
8 UYehova unenceba ibe uyabavela abantu,+
Ucaphuka kade ibe uphuphuma luthando olungagungqiyo.+
9 Akazukusoloko ejonga iimpazamo,+
Engazukuhlala ecaphukile ngonaphakade.+
10 Akenzanga kuthi ngokwezono zethu,+
Engasohlwayanga nangokweziphoso zethu.+
11 Kuba uthando lwakhe olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bamoyikayo,
Lukhulu njengokuphakama kwamazulu kunomhlaba.+
12 Uzibhekelisele kude nathi izono zethu,
Njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.+
13 UYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo,
Njengoko utata ebenzela inceba oonyana bakhe.+
14 Kuba yena uyakwazi ukubunjwa kwethu,+
Ekhumbula ukuba siluthuli.+
15 Yena ke umntu, imihla yakhe injengeyengca;+
Uyachuma njengentyatyambo yasendle.+
16 Kodwa xa kuvuthuza umoya, iyabuna,
Ithi shwaka ngathi khange ibekho.
17 Kodwa uthando olungagungqiyo lukaYehova luhlala ngonaphakade
Kwabo bamoyikayo,+
Nobulungisa bakhe kubantwana babantwana babo,+
18 Kwabo bagcina isivumelwano sakhe+
Nakwabo bayithobela ngokupheleleyo imiyalelo yakhe.
19 UYehova uyizinzisile itrone yakhe emazulwini;+
Nobukumkani bakhe bulawula phezu kwayo yonke into.+
20 Mdumiseni uYehova, nina zingelosi zakhe+ zinamandla,
Ezimthobelayo+ zize zenze ngokwelizwi lakhe.
21 Mdumiseni uYehova, nonke nina mikhosi yakhe,+
Nina nenza ukuthanda kwakhe.+
22 Mdumiseni uYehova, nonke nina zidalwa zakhe,
Kuzo zonke iindawo alawula kuzo.
Mandimdumise uYehova ngentliziyo yam yonke.