IiNdumiso
95 Yizani simkhwaze sivuya uYehova!
Masilikhwaze iLiwa lethu losindiso kuba soyisile.+
Ukuba niyalimamela ilizwi lakhe namhlanje,+
8 Sanukuyenza lukhuni intliziyo yenu njengaseMeribha,*+
Njengemini yaseMasa* entlango,+
9 Xa ookhokho benu bandilingayo,+
Bendivavanya nangona babezibonile izinto endazenzayo.+
10 Ndandisonyanya iminyaka eyi-40 eso sizukulwana, ndaza ndathi:
“Basisizwana esineentliziyo eziphumileyo endleleni,
Abakhange bazazi iindlela zam.”
11 Ngoko ndafunga ngomsindo ndathi:
“Abazukungena ekuphumleni kwam.”+