Isaya
37 Emva kokuba uKumkani uHezekiya eyivile le nto, wakhawuleza wazikrazula iimpahla zakhe, wanxiba amalaphu okwenza ingxowa, waza waya endlini kaYehova.+ 2 Emva koko, wathumela uEliyakim owayephethe indlu,* uShebhena unobhala nababingeleli abangabadala, benxibe amalaphu okwenza ingxowa, kumprofeti uIsaya,+ unyana ka-Amotsi. 3 Bathi kuye: “Uthi uHezekiya, ‘Le mini yimini yentlungu, yokukhalinyelwa* nokuhlazeka; kuba abantwana balungele ukuzalwa,* kodwa akukho mandla akuzala.+ 4 Mhlawumbi uYehova uThixo wakho uza kuweva amazwi eRabheshake, ethunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yayo ukuba igezele uThixo ophilayo,+ aze uYehova uThixo wakho amphendulise ngamazwi awavileyo. Ngoko thandazela+ abambalwa abasindileyo.’”+
5 Izicaka zikaKumkani uHezekiya zaya kuIsaya,+ 6 yena wathi kuzo: “Yithini kwinkosi yenu, ‘Uthi uYehova: “Mawanganoyikisi+ amazwi eniwavileyo, athethwe zizicaka zikakumkani waseAsiriya,+ zindidelela. 7 Ndiza kufaka iingcinga engqondweni yakhe,* yaye uza kuva ingxelo aze abuyele elizweni lakhe;+ ibe ndiza kumenza awe ngekrele kanye kwilizwe lakhe.”’”+
8 Emva kokuba iRabheshake ivile ukuba ukumkani waseAsiriya umkile eLakishe, yabuyela kuye, yafika esilwa neLibhena.+ 9 Ukumkani weva kusithiwa ngoKumkani uTiraka waseTiyopiya: “Uzokulwa nawe.” Xa wayivayo loo nto, wathumela abathunywa kuHezekiya,+ wathi kubo: 10 “Nize nithi kuKumkani uHezekiya wakwaYuda, ‘Ungamvumeli uThixo wakho othembele ngaye akuqhathe athi, “IYerusalem ayizukunikelwa kukumkani waseAsiriya.”+ 11 Jonga! Uvile ukuba ookumkani baseAsiriya bawatshabalalise onke amazwe.+ Ucinga ukuba wena uza kusindiswa? 12 Ngaba oothixo beentlanga ezatshatyalaliswa ngookhokho bam bakwazi ukuzisindisa?+ Iphi iGozan, iHaran,+ iRetsefe nabantu base-Eden ababeseTele-asare? 13 Uphi ukumkani waseHamati, ukumkani waseArpadi nokumkani wezixeko zaseSefarvayim+ nowaseHena naseIva?’”
14 UHezekiya wazithatha iileta ezandleni zabathunywa, wazifunda. Emva koko uHezekiya wenyuka waya endlini kaYehova waza wazitwabulula* phambi koYehova.+ 15 UHezekiya wathandaza kuYehova+ esithi: 16 “Owu Yehova wemikhosi,+ Thixo kaSirayeli, ohleli etroneni entla* kweekherubhi, nguwe wedwa uThixo wokwenene kuzo zonke izizwe zomhlaba. Wenze amazulu nomhlaba. 17 Vula indlebe yakho Yehova, uze uve!+ Vula amehlo Yehova, uze ubone!+ Wave onke la mazwi athunyelwe nguSenaribhe ethuka uThixo ophilayo.+ 18 Yinyaniso Yehova ukuba ookumkani baseAsiriya bawatshabalalise onke amazwe,+ nkqu nelizwe labo. 19 Noothixo bawo babaphose emlilweni,+ ngenxa yokuba bebengengabo oothixo, kodwa bebengumsebenzi wezandla zomntu,+ benziwe ngomthi nelitye. Yiloo nto beye bakwazi ukubatshabalalisa. 20 Ngoku ke Yehova Thixo wethu, sisindise esandleni sakhe, ukuze zonke izizwe zomhlaba zazi ukuba nguwe wedwa uThixo, yhini Yehova.”+
21 UIsaya unyana ka-Amotsi wathumela lo myalezo kuHezekiya: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Kuba uthandazile, wathetha nam ngoKumkani uSenaribhe waseAsiriya,+ 22 uthi uYehova ngaye:
“Intombi yaseZiyon engazange yalala nandoda ikudelile, ihlekisa ngawe.
Intombi yaseYerusalem ikunikinela intloko.
23 Ngubani lo umthukayo+ nomdelelayo?
Ngubani lo umkhwazayo xa uthetha?+
Ingubani lo umjonge ngamehlo anekratshi?
NguLowo Ungcwele kaSirayeli!+
24 Uthuke uYehova+ ngezicaka zakho wathi,
‘Ngeenqwelo zam zokulwa ezininzi
Ndiza kunyukela kwimimandla ephakamileyo yeentaba,+
Kweyona mimandla ithe qelele yaseLebhanon.
Ndiza kuyigawula imithi yayo yemisedare ephakamileyo, nemithi yayo emihle yejunipha.
Ndiza kungena kwiindawo zayo eziphakamileyo, kwawona mahlathi ayo ashinyeneyo.
26 Awuvanga na? Oku ndakugqiba* kwakudala.
Ngoku ndiza kukwenza.+
Izixeko ezikhuselekileyo uza kuzenza iimfumba zamabhodlo.+
27 Abemi bazo baza kuba ziintsizana;
Baza koyika baze bahlaziswe.
Baza kuba njengezityalo zasendle nengca eluhlaza,
Njengengca ephezu kwendlu etshiswe ngumoya wasempuma.
28 Kodwa ndikwazi kakuhle ukuhlala, ukuphuma, nokungena kwakho,+
Kwanaxa undiqumbele,+
29 Kuba ukundiqumbela kwakho+ nokugquma kwakho kunyuke kwaza kufika ezindlebeni zam.+
Ndiza kufaka ihaki yam empumlweni yakho nomkhala+ wam phakathi kwemilebe yakho,
Ndikubuyise ngendlela obuze ngayo.”
30 “‘Nantsi into oza kubona ngayo:* Kulo nyaka uza kutya ummilela;* ngonyaka wesibini utye iinkozo zawo; kodwa ngonyaka wesithathu uza kutyala imbewu, uvune, utyale iidiliya uze utye isiqhamo sazo.+ 31 Abo basindileyo bendlu kaYuda, abo bashiyekileyo,+ baza kumila iingcambu, bavelise isiqhamo. 32 Kuba kuza kuphuma abashiyekileyo eYerusalem nabasindileyo kwiNtaba YeZiyon.+ UYehova wemikhosi uzimisele, ibe uza kuyenza le nto.+
33 “‘Ngoko uthi uYehova ngokumkani waseAsiriya:+
“Akazukungena kwesi sixeko+
Akazukutola notolo olu
Akazukulwa naso enekhaka
Akazukusakhela nethambeka lokuhlasela.”’+
34 ‘Uza kujika ngalaa ndlela ebeze ngayo;
Akazukungena kwesi sixeko,’ utsho uYehova.
35 ‘Ndiza kusikhusela esi sixeko+ ndize ndisisindise ngenxa yegama lam+
Nangenxa yomkhonzi wam uDavide.’”+
36 Ingelosi kaYehova yaxabela amadoda ayi-185 000 enkampini yama-Asiriya. Xa bevuka abantu ekuseni, babona kuthe saa izidumbu.+ 37 Ngoko uKumkani uSenaribhe waseAsiriya wemka wabuyela eNineve,+ wahlala apho.+ 38 Wathi esaqubudile endlini* kathixo wakhe uNiseroki, oonyana bakhe uAdrameleki noSharezere bamxabela ngekrele,+ baza babalekela kwilizwe laseArarati.+ Unyana wakhe uEsar-hadon+ waba ngukumkani endaweni yakhe.