Isaya
42 Jonga! Umkhonzi wam,+ endimxhasayo!
Lowo ndimkhethileyo,+ nondivuyisayo!+
Ngokuthembeka, uza kuzisa ubulungisa.+
4 Akazukuphelelwa ngamandla okanye atyunyuzwe, de amisele ubulungisa emhlabeni;+
Kwaye iziqithi ziza kuhlala zilindele umthetho* wakhe.
5 Uthi uThixo wokwenene uYehova,
UMdali wamazulu oZukileyo, nalowo uwanekayo,+
Lowo wolula umhlaba nemveliso yawo,+
Lowo unika abantu abakuwo impefumlo,+
Nobanika umoya abo bahamba kuwo:+
6 “Mna, Yehova, ngokuthembeka ndiye ndakubiza;
Ndikubambe ngesandla.
Ndiza kukukhusela, ibe uza kuba sisivumelwano phakathi kwam neentlanga+
Nesikhanyiso seentlanga,+
7 Ukuze uvule amehlo eemfama,+
Ukhuphe ibanjwa ejele
Ukhuphe nabo bahleli ebumnyameni ejele.+
8 NdinguYehova. Ligama lam elo;
Ubukhulu bam andibuniki namnye,
Nozuko lwam andiluniki imifanekiso eqingqiweyo.+
9 Jongani, izinto zokuqala ziye zafika zagqitha;
Ngoku ndixela izinto ezintsha.
Ndinazisa zona ngaphambi kokuba zivele.”+
10 Culelani uYehova ingoma entsha,+
Mdumiseni emhlabeni wonke,+
Nina nihamba elwandle, nani zinto zikulo,
Nina ziqithi nabo bahlala kuzo.+
11 Intlango nezixeko zayo maziphakamise amazwi azo,+
Neendawo ekuhlala kuzo amaKedare+ maziphakamise amazwi azo.
Mabakhwaze bevuya abo bahlala eliweni;
Mabakhwaze bephezu kweentaba.
13 UYehova uza kuphuma njengendoda enamandla.+
Uza kutshiseka njengegorha.+
Uza kukhwaza, nangoku, uza kuhlaba umkhosi;
Uza kuzibonakalisa ukuba unamandla ukogqitha iintshaba zakhe.+
14 “Ndiye ndathula ixesha elide.
Ndee cwaka, ndazibamba.
Njengomfazi obelekayo,
Ndiza kugcuma, ndikhefuzele, ndibefuzele ngaxeshanye.
15 Ndiza kutshabalalisa iintaba neenduli,
Ndomise zonke izityalo.
16 Abantu abangaboniyo ndiza kubahambisa endleleni abangayaziyo+
Ndibanyathelise endleleni abangayiqhelenga.+
Ndiza kubenzela ezo zinto, ibe andizukubashiya.”
17 Baza kujikiswa baze bahlaziswe ngokupheleleyo
Bonke abo bathembele ngemifanekiso eqingqiweyo,
Bonke abo bathi kwimifanekiso yesinyithi: “Ningoothixo bethu.”+
19 Ngubani ongaboniyo, ngaphandle komkhonzi wam,
Ongevayo njengomthunywa endimthumayo?
Ngubani ongaboniyo njengovuziweyo,
Ongaboniyo njengomkhonzi kaYehova?+
20 Ubona izinto ezininzi, kodwa akukho nto ithi thiki kuwe.
Uvule iindlebe, kodwa awuva kwanto.+
22 Kodwa aba bantu bathinjiwe ibe baphuciwe;+
Bonke bavaleleke emingxunyeni, ibe bavalelwe kwiijele.+
Baye bathinjwa bengenamntu wakubasindisa,+
Baphucwe bengenamntu othi: “Buyisa abo bantu!”
23 Ngubani kuni oza kuyiva le nto?
Ingubani oza kuyibekela indlebe ukwenzela ixesha elizayo?
24 Ngubani ophise ngoYakobi ukuba athinjwe
NoSirayeli ukuba aphucwe?
AsingoYehova na, lo simonileyo?
25 Ngoko uThixo waqhubeka eyigalela kuSirayeli ingqumbo yakhe,
Umsindo wakhe nobundlobongela bemfazwe.+
Waqwenga kwanto ephambi kwakhe, kodwa uSirayeli akazange ayihoye loo nto.+
Wavutha, kodwa uSirayeli akazange ayikhathalele loo nto.+