Isaya
Hlala phantsi emhlabeni apho kungekho trone,+
Wena ntombi yamaKhaledi,
Kuba soze kuphinde kubekho bantu baza kumane bekubiza othambileyo nophila tofo-tofo.
2 Thatha ilitye lokuguba uze usile umgubo wokuxova.
Susa isigqubuthelo sakho.
Khulula umbhinqo wakho. Tyhila imilenze.
Wela imilambo.
3 Ubuze bakho buza kubonwa.
Ukuhlazeka kwakho kuza kuba semehlweni.
Ndiza kuziphindezela,+ ibe akukho mntu uza kuxaba endleleni yam.*
5 Hlala phaa uthe cwaka, uye ebumnyameni,
Wena ntombi yamaKhaledi;+
Soze abantu baphinde bakubize ngokuba unguKumkanikazi* Wezizwe.+
Kodwa wena awuzange ubenzele nceba.+
Wade wathwalisa nexhego idyokhwe enzima.+
7 Wathi: “Ndiza kuhlala ndinguKumkanikazi* ngonaphakade.”+
Awuzange uzihoye ezi zinto;
Awuzange ucinge ukuba siza kuba njani isiphelo.
8 Ngoku khawumamele mfazindini othanda ubumnandi,+
Wena uhleli ukhuselekile, nothi entliziyweni yakhe:
“Ndim lo, akukho bani ungomnye.+
Soze mna ndibe ngumhlolokazi,
Soze ndazi ukuba kunjani ukungabi nabantwana.”+
9 Kodwa ezi zinto zimbini ziza kukufikela ngequbuliso, ngamini-nye:+
Ukuzibona sowungenabantwana yaye ungumhlolokazi.
Ezi zinto ziza kukufikela ngokupheleleyo+
Ngenxa yokuba* uthakatha kakhulu nangenxa yamandla oomabophe bakho.+
10 Uye wathembela kububi bakho.
Uthe: “Akukho mntu undibonayo.”
Bubulumko nolwazi lwakho olukukhuphe endleleni,
Umana usithi entliziyweni yakho: “Ndim oyena yena, akakho omnye.”
Uza kwehlelwa zizinto ezibuhlungu, ibe awuzukukwazi ukuzijika.
Uza kutshatyalaliswa ngequbuliso, ngendlela ongazange uyicinge.+
Mhlawumbi ungazuza nto;
Mhlawumbi ungabashiya abantu bemangalisiwe.
13 Udiniwe bubuninzi babacebisi bakho.
Mabaphakame kaloku baze bakusindise,
Abo bakhonza amazulu,* abo bajonga ezinkwenkwezini,+
Abo bathi xa kuthwasa iinyanga ezintsha baqalise ukuthetha
Ngezinto eziza kukwehlela.
14 Jongani! Banjengeendiza.
Umlilo uza kubatshisa.
Abakwazi kuzisindisa edangatyeni.
La ayingomalahle okuzifudumeza,
Ibe lo ayingomlilo wokothiwa.
15 Ngoko abantu bakho abasebenzisa amakhubalo baza kuba njalo,
Abo ubusebenza nzima nabo ukususela ebutsheni bakho.
Baza kubhadula, ngamnye ahambe ngayibonayo.*
Akuzukubakho mntu ukusindisayo.+