Duteronomi
28 “Ukuba nakanjani niyalimamela ilizwi likaYehova uThixo wenu ngokuyithobela kakuhle yonke imithetho endiniyalela yona namhlanje, ngokuqinisekileyo uYehova uThixo wenu uza kuniphakamisa ngaphezu kwazo zonke ezinye iintlanga.+ 2 Zonke ezi ntsikelelo ziza kunifikela, zibe ninzi,+ ukuba niqhubeka nilimamela ilizwi likaYehova uThixo wenu:
3 “Niza kusikelelwa esixekweni, yaye niza kusikelelwa nasemaphandleni.+
4 “Baza kusikelelwa abantwana benu,+ isiqhamo somhlaba wenu, imfuyo yenu, amathole eenkomo zenu namatakane eegusha zenu.+
5 “Ziza kusikelewa iibhaskithi zenu,+ nezitya enixovela kuzo.+
6 “Niza kusikelelwa kuzo zonke iindawo eniya kuzo, nakuyo yonke into eniyenzayo.
7 “UYehova uza kuzenza zoyiswe phambi kwenu iintshaba zenu ezinihlaselayo.+ Ziza kunihlasela zisuka kwicala elinye kodwa ziza kuthi saa kwiindlela ezisixhenxe xa zinibaleka.+ 8 UYehova uza kubasikelela oovimba benu nayo yonke into eniyenzayo,+ yaye ngokuqinisekileyo uza kunisikelela kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu. 9 UYehova uza kunenza isizwe sakhe esingcwele+ kanye njengokuba wanifungelayo,+ ngenxa yokuba niqhubeka nithobela imiyalelo kaYehova uThixo wenu yaye nihamba ngeendlela zakhe. 10 Zonke izizwana zomhlaba ziza kunyanzeleka ukuba zibone ukuba nibizwa ngegama likaYehova+ yaye ziza kunoyika.+
11 “UYehova uza kunenza nibe nabantwana abaninzi, nemfuyo eninzi, nesivuno esininzi+ kwilizwe uYehova awafunga kookhokho benu ukuninika lona.+ 12 UYehova uza kunivulela uvimba ogcweleyo, amazulu, ukuze alinike ilizwe lenu imvula ngexesha layo+ aze anisikelele kuyo yonke into eniyenzayo. Niza kubolekisa kwiintlanga ezininzi kodwa nina akuzukufuneka niboleke nto kuzo.+ 13 UYehova uza kunenza nibe yintloko, ningabi ngumsila, yaye niza kuba phezulu+ ningabi phantsi, ukuba niyaqhubeka nithobela imiyalelo kaYehova uThixo wenu endiniyalela yona namhlanje ukuba niyithobele nize niyenze. 14 Nimele ningemki kula mazwi endiniyalela wona namhlanje, niye ekunene okanye ekhohlo,+ nilandele abanye oothixo nize nibakhonze.+
15 “Ukuba anilimameli ilizwi likaYehova uThixo wenu, ningayithobeli yonke imithetho nemimiselo endiniyalela yona namhlanje, zonke ezi ziqalekiso ziza kunifikela:+
16 “Niza kuqalekiswa esixekweni, yaye niza kuqalekiswa nasemaphandleni.+
17 “Ziza kuqalekiswa iibhaskithi zenu,+ nezitya enixovela kuzo.+
18 “Baza kuqalekiswa abantwana benu,+ isiqhamo somhlaba wenu, imfuyo yenu, amathole eenkomo zenu neegusha zenu.+
19 “Niza kuqalekiswa kuzo zonke iindawo eniya kuzo, nakuyo yonke into eniyenzayo.
20 “UYehova uza kuniqalekisa, anenze nibhideke aze anohlwaye kuyo yonke into eniyenzayo nide nitshabalale, ninyamalale ngokukhawuleza, ngenxa yezinto ezimbi enizenzayo nangenxa yokuba nimlibele.*+ 21 UYehova uza kuzenza zithi nca kuni izifo ade abe unitshabalalisile kwilizwe eniza kuhlala kulo.+ 22 UYehova uza kunibetha ngesifo sephepha, ngokutshisa komzimba,+ ngokutshotshozela komzimba, ngobushushu bomzimba, ngekrele,+ ngokutshaza kwezityalo nangokungunda,+ ziza kunithi nca nide nitshabalale. 23 Isibhakabhaka senu siza kuba yikopolo, uze umhlaba ube yintsimbi.+ 24 UYehova uza kujika imvula kwilizwe lenu ibe ngumgubo nothuli, inethe phezu kwenu nide nitshabalale. 25 UYehova uza kunenza noyiswe ziintshaba zenu.+ Niza kuzihlasela nisuka kwicala elinye kodwa niza kuthi saa kwiindlela ezisixhenxe xa nizibaleka; niza kuba yinto eyoyikisayo kuzo zonke izizwe zomhlaba.+ 26 Izidumbu zenu ziza kuba kukutya kweentaka zezulu nezilwanyana ezisemhlabeni, kungabikho mntu uzigxothayo.+
27 “UYehova uza kunibetha ngamathumba aseYiputa, ngamathumba ngaphakathi ezimpundu, ngokhwekhwe nerhashalala, ninganyangeki. 28 UYehova uza kunenza niphambane, nibe ziimfama+ yaye nibhideke. 29 Niza kuphuthaphutha emini emaqanda njengemfama iphuthaphutha ebumnyameni,+ anizukuphumelela kuyo yonke into eniyenzayo; niza kuhlala niqhathwa yaye niphangwa, kungekho mntu onokunihlangula.+ 30 Uza kungeja umfazi, kodwa adlwengulwe yenye indoda. Uza kwakha indlu kodwa awuzukuhlala kuyo.+ Uza kutyala intsimi yeediliya, kodwa awuzukuzitya iziqhamo zayo.+ 31 Inkunzi yakho yenkomo iza kuxhelwa phambi kwamehlo akho kodwa awuzukufumana nencinci kuloo nyama. Idonki yakho iza kuthathwa ujongile yaye ayizukubuyiswa. Iigusha zakho ziza kuthathwa ziintshaba zakho kodwa akuzukubakho mntu ukuncedayo. 32 Oonyana bakho neentombi zakho baza kuthathwa ngabanye abantu,+ ngoxa ujongile, yaye uza kubakhumbula kodwa kube kungekho nto unokuyenza. 33 Isiqhamo somhlaba wakho nayo yonke into oyivelisayo, iza kutyiwa ngabanye abantu ongabaziyo+ yaye uza kuhlala uqhathwa, utyunyuzwa. 34 Izinto ozibonayo ziza kukuphambanisa.
35 “UYehova uza kukubetha ngamathumba abuhlungu nanganyangekiyo emadolweni nasemilenzeni, ukususela phantsi konyawo ukuya kutsho entloko. 36 UYehova uza kukusa wena nokumkani ozikhethele yena kuhlanga wena nookhokho bakho eningalwaziyo,+ yaye apho niza kukhonza abanye oothixo, oothixo abenziwe ngomthi namatye.+ 37 Uza kuba yinto eyoyikekayo, eyokuthukwa neyokugezelwa zizo zonke izizwana akusa kuzo uYehova.+
38 “Uza kuya nembewu eninzi emasimini, kodwa incinci into oza kuyivuna+ kuba iinkumbi ziza kuyitya iphele. 39 Uza kutyala intsimi yeediliya uze uyihlakule, kodwa awuzukusela wayini yaye awuzukuvuna nto,+ kuba iza kutyiwa ngumbungu. 40 Uza kuba nemithi yeminquma kuyo yonke imimandla yakho, kodwa awuzukuzithambisa ngaoli, kuba iminquma yakho iza kuvuthuluka. 41 Uza kuzala oonyana neentombi, kodwa abazukuhlala bengabakho, kuba baza kuthinjwa.+ 42 Ibubu lezinambuzane liza kuhlasela yonke imithi yakho nesiqhamo somhlaba wakho. 43 Umntu wasemzini ohlala nawe uza kuya enyuka, ngoxa wena uya usehla. 44 Wena uza kuboleka kuye, kodwa yena akazukuboleka nto kuwe.+ Uza kuba yintloko, uze wena ube ngumsila.+
45 “Nakanjani na, zonke ezi ziqalekiso+ ziza kunifikela, zinileqe zize zibe zininzi nide nitshabalale,+ ngenxa yokuba ningalimamelanga ilizwi likaYehova uThixo wenu ngokuthobela imiyalelo yakhe nemithetho yakhe aniyalele yona.+ 46 Ziza kuhlala kuni nenzala yenu njengophawu nesilumkiso ngonaphakade,+ 47 ngenxa yokuba anizange nimkhonze uYehova uThixo wenu ninemihlali yaye nivuya ezintliziyweni zenu xa naninezinto ezininzi kakhulu.+ 48 UYehova uza kuthumela iintshaba zenu kuni yaye nina niza kuzisebenzela+ nilambile,+ ninxaniwe, ninqatyelwe naziimpahla, yaye ningenanto. UThixo uza kubeka idyokhwe yentsimbi entanyeni yenu ade abe unitshabalalisile.
49 “UYehova uza kunizisela uhlanga oluvela kude+ ukuba luzokunihlasela. Luza kunixhwila njengokhozi,+ yaye luza kube luthetha ulwimi eningalwaziyo,+ 50 uhlanga oloyikekayo, olungazukumkhathalela umntu omdala okanye lube nenceba emntwaneni.+ 51 Olo hlanga luza kuyitya luyigqibe inzala yemfuyo yenu nesivuno senu nide nitshabalale. Aluzukushiya kutya okuziinkozo, nawayini intsha okanye naoli, lungazukushiya namathole eenkomo okanye amatakane eegusha, lude lunitshabalalise.+ 52 Luza kunirhangqa, lunivalele ngaphakathi kuzo zonke izixeko zenu kulo lonke ilizwe lenu, zide ziwe iindonga zenu eziphakamileyo nezikhuselekileyo enithembele ngazo. Nakanjani luza kunirhangqa kuzo zonke izixeko zenu kuwo wonke ummandla welizwe lenu uYehova uThixo wenu aninike wona.+ 53 Kuza kunyanzeleka nitye abantwana benu, inyama yoonyana neyeentombi zenu+ aninike zona uYehova uThixo wenu, ngenxa yobunzima obubangelwa kukurhangqwa kwenu, nentlungu eniyiziselwa lolo tshaba lwenu.
54 “Neyona ndoda ithambileyo nengayithandiyo into embi, ayizukumsizela umntakwabo okanye umfazi wayo emthandayo okanye oonyana bayo abashiyekileyo, 55 yaye ayizukubapha nentwana kwinyama yoonyana bayo ebatyayo, kuba ingenanto ishiyekileyo ngenxa yobunzima obubangelwa kukurhangqwa kwenu, nentlungu eniyiziselwa lolo tshaba kwizixeko zenu.+ 56 Umfazi othambileyo nongayithandiyo into embi, nongenakuyicinga nokuyicinga into yokubeka unyawo lwakhe emhlabeni kuba ethambile,+ akazukumsizela umyeni wakhe amthandayo okanye unyana wakhe okanye intombi yakhe. 57 Uza kutya nezinto eziphuma phakathi kwemilenze yakhe xa egqiba kuzala, atye kwanoonyana bakhe abazeleyo angabi nalusizi. Uza kuzityela emfihlekweni ngenxa yobunzima obubangelwa kukurhangqwa kwenu, nentlungu eniyiziselwa lolo tshaba.
58 “Ukuba aniwathobeli onke la mazwi oMthetho abhalwe kule ncwadi,+ yaye aniloyiki eli gama lizukileyo neloyikekayo+ likaYehova+ uThixo wenu, 59 uYehova uza kunibetha ngezibetho ezibuhlungu kakhulu, nina nenzala yenu, izibetho ezikhulu nezingapheliyo,+ nezifo ezibuhlungu nezinganyangekiyo. 60 Uza kunizisela zonke izifo zaseYiputa enanizoyika, yaye ngokuqinisekileyo uza kuzenza zithi nca kuni. 61 Ngaphezu koko uYehova uza kude anizisele zonke izifo nezibetho ezingabhalwanga kule ncwadi yoMthetho nide nitshabalale. 62 Nangona niye naba baninzi njengeenkwenkwezi zamazulu,+ bambalwa kuni abaza kushiyeka+ ngenxa yokuba ningalimamelanga ilizwi likaYehova uThixo wenu.
63 “Kanye ngendlela uYehova awayekuvuyela ngayo ukunenza niphumelele nize nande, uYehova uza kukuvuyela kwangaloo ndlela ukunitshabalalisa; niza kuncothulwa kweli lizwe niza kuhlala kulo.
64 “UYehova uza kunisasaza phakathi kwezizwana, nisuke kwesinye isiphelo somhlaba niye kwesinye,+ yaye apho niza kunyanzeleka ukuba nikhonze oothixo abenziwe ngomthi nangamatye, oothixo eningabaziyo nina nookhokho benu.+ 65 Anizukuba seluxolweni phakathi kwezo ntlanga,+ ningabi nayo nendawo yokuphumza unyawo lwenu. Kunoko uYehova uza kunenza nibe nexhala,+ adinwe amehlo enu yaye niphelelwe lithemba.+ 66 Niza kuphila ubomi bentshontsho, noyike ubusuku nemini, yaye ningaqiniseki ngobomi benu. 67 Ekuseni niza kuthi, ‘Akwaba bekusebusuku!’ nize ebusuku nithi, ‘Akwaba bekusekuseni!’ ngenxa yokoyika nangenxa yento eniza kuyibona. 68 Ngokuqinisekileyo uYehova uza kunibuyisela eYiputa ngeenqanawa, ngendlela endathi kuni ngayo, ‘Soze niphinde niyibone,’ yaye apho kuza kufuneka nizithengise kwiintshaba zenu ukuba nibe ngamakhoboka namakhobokazana, kodwa akukho mntu uza kunithenga.”