Isaya
UYehova undibize ndingekazalwa.*+
Ndisesesibelekweni sikamama, uye wandibiza ngegama.
Wandenza ndalutolo olubengezelayo.
Wandifihla kwisingxobo sakhe seentolo.
4 Kodwa mna ndathi: “Ndibulalekele nje into engekhoyo.
Amandla am ndiwagqibe onke ndisebenzela into engekhoyo.
5 UYehova, Lowo wandibumbela ukuba ngumkhonzi wakhe ndisesesibelekweni,
Uthe ndiza kubuyisela uYakobi kuye,
Ukuze uSirayeli abizelwe kuye.+
Ndiza kuzukiswa phambi kukaYehova,
UThixo wam uza kuba ngamandla am.
6 Kwaye wathi: “Akuphelelanga kule yokuba ube ngumkhonzi wam,
Ophakamisa izizwe zakwaYakobi,
Nobuyisa amaSirayeli awayekhuselwe.
Ndikwenze nokuba ube kukukhanya kweentlanga,+
Ukuze ukusindisa kwam kufikelele nakwezona ndawo zikude emhlabeni.”+
7 Uthi uYehova, uMhlawuleli kaSirayeli, Lowo Ungcwele,+ kulowo wenyanyekayo,+ nakulowo wenyanywa luhlanga, nakwisicaka sabalawuli:
“Ookumkani baza kubona baze baphakame,
Neenkosana ziza kuqubuda,
Ngenxa kaYehova othembekileyo,+
Lowo Ungcwele kaSirayeli, okukhethileyo.”+
8 Uthi uYehova:
“Ngexesha lenceba, ndakuphendula,+
Ndakunceda nangemini yosindiso;+
Ndaqhubeka ndikukhusela ukuze ube sisivumelwano phakathi kwam naba bantu,+
Ukuze kuhlaziywe ilizwe,
Balifumane kwakhona ilifa labo elitshabaleleyo,+
Nakwabo basebumnyameni+ kuthiwe, ‘Zivezeni!’
Baza kutya emadlelweni angasezindleleni,
Amadlelo abo aza kuba ngasezindleleni ezihanjwe kakhulu.
12 Jonga! Aba bantu bavela kude,+
Ibe jonga! Aba bantu bavela emntla nasentshona,
Yaye aba bavela kwilizwe laseSinim.”+
13 Khwazani nivuya nina mazulu, nawe mhlaba yitsho ngentswahla.+
Iintaba mazivuye ziyiyizele.+
14 Kodwa iZiyon yaqhubeka isithi:
“UYehova undilahlile,+ futhi uYehova undilibele.”+
15 Ngaba umfazi angalulibala usana lwakhe,
Okanye angamveli unyana wesibeleko sakhe?
Nokuba bona abo bafazi bangalibala, mna soze ndikulibale.+
16 Jonga! Ndikubhale ezandleni zam.
Iindonga zakho zisoloko ziphambi kwam.
17 Oonyana bakho bakhawuleza babuye.
Abo bakudilizileyo nabakutshabalalisileyo baza kumka kuwe.
18 Phakamisa amehlo akho uze ujonge macala onke.
Bonke bayaqokelelana.+
Beza kuwe.
“Ndiphila nje,” utsho uYehova,
“Uza kubanxiba bonke ngokungathi basisihombo,
Yaye uza kubaqhinela kuwe njengokuba umtshakazi esenza.
19 Nangona iindawo zakho zazitshatyalalisiwe yaye zomile, nelizwe lakho lingamabhodlo,+
Ngoku, ziza kugcwala ngabantu de zixinane,+
20 Oonyana owabazala emva kokuba ufelwe, baza kuthi kuwe usiva,
‘Le ndawo ixinene kakhulu ukuba singahlala kuyo.
Sivulele indawo yokuhlala.’+
21 Entliziyweni yakho uza kuthi,
‘Ngubani utata waba bantwana bam,
Ekubeni ndingumfazi owafelwa ngabantwana, umfazi ongafumani bantwana,
Owasiwa ekuthinjweni waza wavalelwa ejele?
Ngubani ondikhulisele aba bantwana?+
22 Ithi iNkosi enguMongami uYehova:
Baza kuqubuda kuwe, ubuso babo bujonge emhlabeni,+
Baze bakhothe uthuli olusezinyaweni zakho,+
Yaye kuza kufuneka wazi ukuba ndinguYehova;
Abo bathembela kum abazukuhlazeka.”+
24 Ngaba abantu abasele bethinjiwe bangathathwa kwindoda enamandla?
Bona abathinjwe nguzwilakhe bangasindiswa?
25 Kodwa uthi uYehova:
Ndiza kubachasa abo bakuchasayo,+
Yaye ndiza kubasindisa oonyana bakho.
26 Ndiza kubenza batye inyama yabo abo bakuphatha kakubi;
Baza kunxila ligazi labo ngokungathi basele iwayini emnandi.