Isaya
50 Uthi uYehova:
“Siphi isiqinisekiso sokuqhawula umtshato+ sikamama wenu endamgxothayo?
Khona, ndanithengisa kuwuphi umbolekisi?
2 Kutheni ke ndifike kungekho mntu?
Kutheni ndingazange ndiphendulwe xa ndithetha?+
Ngaba sifutshane isandla sam ukuba singasindisa?
Okanye andinawo na amandla okusindisa?+
Iintlanzi zayo ziyabola ngenxa yokungabikho kwamanzi,
Ibe ziyafa ngenxa yonxano.
4 INkosi enguMongami uYehova indinike ulwimi lwezifundiswa,*+
Ukuze ndazi indlela yokuphendula* odiniweyo ngelizwi elifanelekileyo.*+
Iyandivusa ntsasa nganye;
Iyayivusa indlebe yam ukuze imamele njengezifundiswa.+
Ndandingenzi ntando yam.+
Andibufihlanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni.+
7 Kodwa iNkosi enguMongami uYehova iza kundinceda.+
Yiloo nto ndingazukuziva ndihlazekile.
Yiloo nto ndiqinise ubuso bam njengelitye lenyengane,+
Ibe ndiyazi ukuba andizukuhlaziswa.
8 Lowo undivakalisa ndililungisa ukufutshane nam.
Makeze sidibane.
Ngubani onokundibeka ityala?
Makeze kumangala.*
9 Jonga! INkosi enguMongami uYehova iza kundinceda.
Ngubani onokundigweba ngelithi ndinetyala?
Jonga! Bonke baza kuguga okwempahla.
Baza kutyiwa linundu.*
Ngubani ohambe esithokothokweni sobumnyama ekude ekukhanyeni?
Makathembele ngegama likaYehova aze azixhase* ngoThixo wakhe.
11 “Jongani! Nonke nina baphemba umlilo,
Batakisa iintlantsi,
Hambani ekukhanyeni komlilo wenu,
Naphakathi kweentlantsi enizivuthisayo.
Nantsi into eniza kuba nayo esuka esandleni sam:
Niza kulala phantsi nisifa ziintlungu.