IiNdumiso
74 Owu Thixo, kutheni usilahle ngonaphakade?+
Kutheni uvutha* umsindo wakho emhlambini wedlelo lakho?+
Yikhumbule iNtaba YeZiyon owawuhlala kuyo.+
3 Hamba uye kwiindawo ezitshabalele ngokupheleleyo.+
Utshaba lutshabalalise yonke into endaweni engcwele.+
4 Iintshaba zakho zagquma phakathi endaweni yakho yokuhlangana,+
Zaxhoma iiflegi zazo apho.
5 Zazifana namadoda agawula ihlathi elishinyeneyo.
6 Zayophula ngamazembe nangeentsimbi yonke imihombiso ekuyo.+
7 Zayitshisa indawo yakho engcwele.+
Zayingcolisa, zayidiliza intente engcwele enegama lakho.
8 Zona nenzala yazo zithe ezintliziyweni zazo:
“Zonke iindawo zikaThixo ekudityanwa kuzo* zimele zitshiswe elizweni.”
9 Akukho ziflegi sizibonayo thina;
Akusekho nomprofeti lo,
Ibe akukho namnye kuthi owaziyo ukuba koda kube nini na.
10 Luya kukunxwala de kube nini na utshaba Thixo?+
Ngaba utshaba luza kulidelela ngonaphakade igama lakho?+
11 Kutheni usifihlile isandla sakho, isandla sakho sasekunene?+
Sikhuphe esifubeni sakho uze uzitshabalalise.
16 Yeyakho imini nobusuku.
Nguwe owenza ukukhanya kwanelanga.+
18 Khumbula indlela olukunyevulele ngayo utshaba Yehova,
Nendlela abantu abazizidenge abalidelele ngayo igama lakho.+
19 Sukubunikela erhamncweni ubomi behobe lasendle.
Ungabulibali ngonaphakade ubomi babantu bakho abasentlungwini.
20 Sikhumbule isivumelwano sakho,
Kuba iindawo ezimnyama zomhlaba zigcwele inkohlakalo.
21 Makangadani lowo utyunyuziweyo;+
Mabalidumise igama lakho abo bangathathi ntweni nabahlwempuzekileyo.+
22 Khawuphakame Thixo, uzithethelele.
Khumbula indlela izidenge ezikunxwale ngayo imini yonke.+
23 Ungazilibali izinto ezithethwa ziintshaba zakho.
Ingxolo yabo bakudelelayo iqhubeka inyukela phezulu.