Isaya
52 Vuka unxibe amandla akho,+ wena Ziyon, vuka!+
Nxiba iimpahla zakho ezintle,+ Yerusalem, sixeko esingcwele!
Kuba kuwe, soze kuphinde kufike mntu ungolukanga nongacocekanga.+
2 Vuthulula uthuli, phakama uze uhlale endaweni ebekekileyo wena Yerusalem.
Nyenyisa izibopho ezisentanyeni yakho, ntombi yaseZiyon engumthinjwa.+
3 Kuba uthi uYehova:
4 Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova:
“Ekuqaleni abantu bam behla baya eYiputa ukuze bahlale khona njengabantu basemzini;+
Emva koko, iAsiriya yabacinezela ngaphandle kwesizathu.”
5 “Ndenze ntoni ke ngoku xa kunje?” utsho uYehova.
“Kuba abantu bam bathathwa ngaphandle kwentlawulo.
Bona abo babalawulayo baqhubeka bekhwaza kuba boyisile,”+ utsho uYehova,
“Ibe imini le yonke igama lam liphathwa ngendelelo.+
6 Yiloo nto eza kubangela abantu bam balazi igama lam;+
Ngaloo mini, baza kwazi ukuba Ndim lo uthethayo.
Ndim kanye.”
7 Zintle nyhani ezintabeni iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo,+
Lowo uthi kukho uxolo,+
Lowo uzisa iindaba ezilungileyo zento elunge ngakumbi,
Lowo uthi sisindisiwe,
Lowo uthi kwiZiyon: “UThixo wakho uye waba nguKumkani!”+
8 Mamela! Oonogada bakho baphakamisa amazwi abo.
Bonke baqhubeka bekhwaza bevuya,
Kuba baza kubona kakuhle xa uYehova eqokelela iZiyon.
9 Vuyani, khwazani nivuya nonke nina zindawo zitshabaleleyo zaseYerusalem,+
Kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe;+ uyihlawulele iYerusalem.+
10 UYehova uyityhilile ingalo yakhe engcwele emehlweni azo zonke iintlanga;+
Ibe bonke abantu abasemhlabeni baza kuyibona indlela asindisa* ngayo uThixo wethu.+
11 Mkani, mkani, phumani apho,+ ningachukumisi kwanto ingacocekanga!+
12 Kuba anizukuphakuzela xa niphuma,
Ningazukuphuma nibaleka,
Kuba uYehova uza kuhamba phambi kwenu,+
UThixo kaSirayeli uza kuba ngumkhuseli wenu ngasemva.+
13 Jonga! Umkhonzi wam+ uza kwenza ngobulumko.
Uza kuphakanyiselwa phezulu,
Uza kunyuswa aze aphakanyiswe kakhulu.+
14 Kanye njengokuba babemangalisekile abaninzi ababemthe ntsho,
Kuba wayenzakele ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu
Ubuhle bakhe bonakele ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu,