Isaya
56 Uthi uYehova:
“Gcinani okusesikweni,*+ nenze ubulungisa.
Kuba ndiza kusindisa kungekudala,
Nobulungisa bam buza kutyhilwa.+
2 Wonwabile ke umntu oyenzayo le nto
Nonyana womntu obambelela nkqi kuyo,
Ogcina iSabatha aze angayideleli,+
Nosinqandayo isandla sakhe angenzi nabuphi na ububi.
3 Umntu wasemzini ohamba noYehova+ makangathi,
‘Ngokuqinisekileyo uYehova uza kundisusa ebantwini bakhe.’
Nethenwa malingathi, ‘Jonga! Ndingumthi owomileyo.’”
4 Uthi uYehova: “Amathenwa agcina iisabatha zam nakhetha ukwenza izinto endizithandayo, nagcina isivumelwano sam,
5 Ndiza kuwanika igama endlini yam, nesikhumbuzo kwiindonga zam,
Into elunge ukodlula oonyana neentombi.
Ndiza kuwanika igama eliza kuba lelawo ngonaphakade,
Elingazukutshabalala.
6 Ke bona abantu basemzini abahamba noYehova nabakhetha ukuba zizicaka zakhe,
Ukuze bathande igama likaYehova+
Baze babe ngabakhonzi bakhe,
Bonke abo bagcina iSabatha baze bangayideleli
Nabagcina isivumelwano sam,
7 Nabo, ndiza kubazisa entabeni yam engcwele+
Ndibenze bavuye endlini yam yomthandazo.
Wonke umnikelo wabo otshiswayo nemibingelelo yabo, iza kwamkeleka esibingelelweni sam.
Kuba indlu yam iza kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo yabantu bonke.”+
8 Ithi iNkosi enguMongami uYehova, Lowo uqokelela abo basasazekileyo bakwaSirayeli:+
“Ndiza kubaqokelela ndawonye nabanye ngaphandle kwabo sele beqokelelene kakade.”+
10 Oonogada bakhe baziimfama,+ akukho namnye kubo uqaphelayo.+
Bonke bazizinja nje ezizizimumu, ezingakwazi kukhonkotha.+
Bayakhefuzela, bathe tywaa, behleli nje bayozela.
11 Bazizinja ezinyolukileyo;
Abaze banele.
Bangabalusi abangenakuqonda.+
Bonke bahamba ngabayibonayo;
Nowokugqibela kubo ufuna inzuzo yokunyotywa, esithi:
Nangomso kuza kuba njenganamhlanje, kude kuthi kratya!”