Hezekile
44 Le ndoda yandibuyisa ngegeyithi engaphandle yendawo engcwele ejonge ngasempuma,+ ibe yayivaliwe.+ 2 UYehova wathi kum: “Le geyithi iza kuhlala ivaliwe. Ayizukuvulwa, ibe akukho mntu uza kungena ngayo; kuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ungene ngayo,+ ngoko imele ihlale ivaliwe. 3 Noko ke, inkosi iza kuhlala kuyo ukuze itye isonka phambi koYehova,+ kuba iyinkosi. Iza kungena ngeveranda yegeyithi ize iphume kwangayo.”+
4 Emva koko, yandisa phambi kwetempile ngegeyithi yasemntla. Xa ndajongayo, ndabona ukuba ubuqaqawuli bukaYehova bugcwalise itempile kaYehova.+ Ngoko ndaqubuda.+ 5 Wathi uYehova kum: “Nyana womntu, jongisisa,* ubukele uze umamelisise yonke into endikuxelela yona ngemiyalelo nemithetho yetempile kaYehova. Uze uyiqaphele igeyithi yetempile nazo zonke iigeyithi zokuphuma kwindawo engcwele.+ 6 Uze uthi kwindlu kaSirayeli engathobeliyo, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Kwanele ngoku ngezi zinto zenyanyekayo nizenzayo, ndlu kaSirayeli. 7 Xa nisizisa abasemzini, abangalukanga entliziyweni nasenyameni, kwindawo yam engcwele, bangcolisa itempile yam. Ninikela ngesonka sam, amanqatha negazi, ngoxa kusaphulwa isivumelwano sam ngenxa yazo zonke izinto ezenyanyekayo enizenzayo. 8 Anikhange nizihoye izinto zam ezingcwele+ kwindawo yam engcwele. Kunoko, nithuma abanye abantu ukuba bazihoye.”’
9 “‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Akukho mntu wasemzini ohlala kwaSirayeli, nongalukanga entliziyweni nasenyameni, omele angene kwindawo yam engcwele.”’
10 “‘Kodwa abaLevi abaye bandilahla+ xa bendilahlwe ngamaSirayeli, alandela izithixo zawo ezenyanyekayo,* nabo baza kuvuna imiphumo yesono sabo. 11 Emva koko, baza kundisebenzela kwindawo yam engcwele, bavelele iigeyithi zetempile+ baze basebenze etempileni. Baza kuxhela umnikelo otshiswa ngokupheleleyo nombingelelo wabantu, bame phambi kwabo ukuze babalungiselele. 12 Ekubeni beye babalungiselela phambi kwezithixo zabo ezenyanyekayo baza baba sisikhubekiso esibangela indlu kaSirayeli yone,+ yiyo le nto ndiye ndaphakamisa isandla sam ndibafungela,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘yaye baza kuvuna imiphumo yesono sabo. 13 Abazukusondela kum ukuze basebenze njengababingeleli bam okanye basondele nakwiziphi na izinto zam ezingcwele, okanye ezona zinto zam zingcwele, ibe baza kuthwala ihlazo labo ngenxa yezinto ezenyanyekayo abazenzileyo. 14 Kodwa ndiza kubenza bajongane nemisebenzi yasetempileni, bahoye yonke imisebenzi yayo nazo zonke izinto ezifuna ukwenziwa.’+
15 “‘Bona ababingeleli abangabaLevi, oonyana bakaTsadoki,+ ababesebenza kwindawo yam engcwele xa amaSirayeli andishiyayo,+ baza kusondela kum ukuze bandisebenzele, ibe baza kuma phambi kwam ukuze banikele amanqatha+ negazi,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 16 ‘Ngabo abaza kungena endaweni yam engcwele, ibe baza kusondela etafileni yam ukuze bandisebenzele,+ benze imisebenzi abamele bandenzele yona.+
17 “‘Xa bengena ezigeyithini zeyadi engaphakathi, bamele banxibe iimpahla zelinen.+ Abamele banxibe nto yaboya xa besebenza ezigeyithini zeyadi engaphakathi okanye ngaphakathi eyadini. 18 Bamele bathwale ilinen entloko, banxibe ooshoti belinen abade.+ Mabanganxibi nto iza kubabilisa. 19 Ngaphambi kokuba baphume baye kwiyadi engaphandle apho bakhoyo abantu, mabakhulule iimpahla abebesebenza ngazo,+ bazibeke emagumbini okutyela angcwele.*+ Emva koko baza kunxiba ezinye iimpahla, ukuze bangadluliseli ubungcwele ebantwini* ngeempahla zabo. 20 Bamele bangachebi nkqayi+ okanye baziyeke zibe nde iinwele zabo. Bafanele bazichebe kakuhle. 21 Ababingeleli bamele bangaseli wayini xa bengena kwiyadi engaphakathi.+ 22 Bamele bangatshati mhlolokazi okanye umfazi ekuqhawulwe umtshato naye,+ kodwa bangayitshata intombi engazange yalala nandoda, eyinzala kaSirayeli okanye umhlolokazi wombingeleli.’+
23 “‘Bamele babayalele abantu bam umahluko phakathi kwento engcwele nento eqhelekileyo; baza kubafundisa nomahluko phakathi kwento engcolileyo nento ecocekileyo.+ 24 Bamele babe ziijaji xa kuxoxwa ityala,+ baligwebe ngokuvumelana nezigwebo zam.+ Bamele bathobele imithetho yam nemimiselo yam ngawo onke amatheko am,+ bazenze ngcwele neesabatha zam. 25 Bamele bangasondeli kwisidumbu somntu, kuba abazukucoceka. Kodwa bangazenza bangacoceki ngenxa yootata babo, oomama babo, oonyana, iintombi, abantakwabo okanye oodadewabo abangatshatanga.+ 26 Emva kokucocwa kombingeleli, bafanele bambalele iintsuku ezisixhenxe. 27 Ngomhla angena ngawo kwindawo engcwele, kwiyadi engaphakathi, eze kusebenza kwindawo engcwele, umele anikele umnikelo wakhe wesono,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
28 “‘Nantsi into eza kuba lilifa labo: Ndim ilifa labo.+ Ningabaniki lifa kwaSirayeli, kuba ndim ilifa labo. 29 Uza kutyiwa ngabo umnikelo wokutya,+ umnikelo wesono nomnikelo wetyala,+ ibe yonke into enikelweyo kwaSirayeli iza kuba yeyabo.+ 30 Ezona ziqhamo zihle kuso sonke isivuno sokuqala nawo wonke umnikelo kwiminikelo evela kuni uza kuba ngowababingeleli.+ Nimele niwunike ababingeleli nomgrayo wesivuno sokuqala.+ Loo nto iza kubangela ukuba izindlu zenu zisikelelwe.+ 31 Ababingeleli bafanele bangatyi ntaka okanye silwanyana siye safunyanwa sifile okanye sidlakaziwe.’+