Hezekile
1 Ngonyaka we-30, ngomhla wesihlanu kwinyanga yesine, ngoxa ndandiphakathi kwabantu abathinjiweyo+ ngakumlambo iKebhare,+ amazulu avuleka, ndabona imibono kaThixo. 2 Ngomhla wesihlanu waloo nyanga, oko kukuthi, ngonyaka wesihlanu wokuthinjwa kukaKumkani uYehoyakin,+ 3 kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile* unyana kaBhuzi umbingeleli ngakumlambo iKebhare kwilizwe lamaKhaledi.+ Isandla sikaYehova saba phezu kwakhe apho.+
4 Ndathi ndakujonga, ndabona kusiza isaqhwithi somoya+ sivela ngasemntla. Kwakukho nelifu elikhulu nomlilo odangazelayo*+ ujikelezwe kukukhanya okuqaqambileyo, phakathi kwawo kuphuma into engathi ngumxube wegolide nesilivere.+ 5 Phakathi kwawo kwakukho izinto ezifana nezidalwa eziphilayo ezine,+ ngasinye kuzo sifana nomntu. 6 Ngasinye kuzo sasinobuso obune namaphiko amane.+ 7 Iinyawo zazo zazithe tse, neentende zeenyawo zazo zazinjengezamanqina ethole lenkomo, yaye zazibengezela okwekopolo emenyezelisiweyo.+ 8 Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni omane, yaye zone zazinobuso namaphiko. 9 Amaphiko azo ayayamene elinye kwelinye. Zazingajiki xa zihamba; ngasinye sasisiya ngqo phambili.+
10 Babunje ubuso bazo: Ngasinye sezi zidalwa zine sasinobuso bomntu kunye nobuso bengonyama+ ngasekunene, ubuso benkunzi yenkomo+ ngasekhohlo, yaye ngasinye sasinobuso+ bokhozi.+ 11 Babunjalo ke ubuso bazo. Amaphiko azo ayolulelwe phezulu. Ngasinye sasinamaphiko amabini ayameneyo, namabini agqume imizimba yazo.+
12 Ngasinye sasisiya ngqo phambili, naphi na apho umoya wawusikhokelela khona.+ Zazingajiki njengoko zihamba. 13 Ezi zidalwa ziphilayo zazingathi ngamalahle avuthayo, yaye kwakukho into engathi zizikhuni zomlilo ezitshangazayo phakathi kwazo, ibe kwakulanyaza umbane uphuma kuloo mlilo.+ 14 Xa ezi zidalwa ziphilayo zisiya phambili naxa zibuya umva, kwakuba ngathi kulanyaza umbane.
15 Njengoko ndandibukele ezi zidalwa ziphilayo, ndabona ivili elinye emhlabeni ecaleni kwesidalwa esiphilayo ngasinye esinobuso obune.+ 16 La mavili ayebengezela njengekrizolite, yaye omane ayefana. Ayenziwe ngathi kukho ivili ngaphakathi kwelinye.* 17 Xa ehamba, ayekwazi ukuya nakweliphi na icala, macala omane, engakhange ajike. 18 Iirim zawo omane zaziphakame kangangokuba zazisoyikeka, zinamehlo yonke indawo.+ 19 Nanini na izidalwa eziphilayo zihamba, amavili ayehamba nazo, naxa ziphakama emhlabeni, nawo amavili ayephakama.+ 20 Zazisiya apho umoya wawuzikhokelela khona. Amavili ayephakama kunye nazo, kuba umoya owawukwizidalwa eziphilayo* wawukho nasemavilini. 21 Xa zihamba, nawo ayehamba; xa zisima, nawo ayesima; naxa ziphakama emhlabeni, amavili ayephakama kunye nazo, kuba umoya owawukwizidalwa eziphilayo wawukho nasemavilini.
22 Phezu kweentloko zezidalwa eziphilayo kwakukho into efana nesibhakabhaka esibengezela okomkhenkce owoyikekayo, yoluliwe phezu kweentloko zazo.+ 23 Zaziwolulile* amaphiko azo ngaphantsi kweso sibhakabhaka, elinye layame kwelinye. Ngasinye sasinamaphiko amabini okogquma elinye icala lomzimba namanye amabini okogquma elinye icala. 24 Xa ndeva isandi samaphiko azo, sasingathi sesamanzi aqukuqela ngamandla, njengesandi sikaSomandla.+ Xa zihamba, zazisitsho ngesandi esifana nesomkhosi. Xa zisima, zaziwathoba amaphiko azo.
25 Kwakukho ilizwi ngentla kwesibhakabhaka esasiphezu kweentloko zazo. (Xa zisima, zaziwathoba amaphiko azo.) 26 Ngentla kwesibhakabhaka esasiphezu kweentloko zazo kwakukho into engathi lilitye lesafire,+ ifana netrone.+ Kuloo trone kwakuhleli into engathi ngumntu.+ 27 Ndabona into eyayibengezela okomxube wegolide nesilivere.+ Yayingathi ngumlilo ophuma kwindawo engathi kusesinqeni ukunyuka; nasesinqeni ukwehla, ndabona into engathi ngumlilo.+ Wayejikelezwe kukukhanya okuqaqambileyo 28 okufana nokomnyama+ emafini ngemini enemvula. Kwakunjalo oko kukhanya kuqaqambileyo. Kwakufana nozuko lukaYehova.+ Xa ndakubonayo, ndawa ngobuso ndaza ndeva ilizwi lomntu othethayo.