Eyokuqala YeziKronike
28 UDavide wabiza zonke iinkosana zakwaSirayeli eYerusalem: iinkosana zezizwe, abaphathi bamaqela+ asebenzela ukumkani, iintloko zamawaka neentloko zamakhulu,+ abaphathi bazo zonke izinto nemfuyo kakumkani+ neyoonyana bakhe,+ amagosa enkundla namadoda anamandla naneziphiwo.+ 2 Emva koko uKumkani uDavide wema ngeenyawo, wathi:
“Ndimameleni bantakwethu nani bantu bam. Ndandikufuna ngentliziyo yam yonke ukuyakhela indlu eza kuphumla kuyo ityeya yesivumelwano* kaYehova, ibe sisihlalo seenyawo soThixo wethu,+ yaye ndenza amalungiselelo okwakha.+ 3 Kodwa uThixo wokwenene wathi kum, ‘Awuzukulakhela indlu igama lam,+ kuba uyindoda yeemfazwe, yaye uphalaze igazi.’+ 4 Sekunjalo, uYehova uThixo kaSirayeli wakhetha mna phakathi kwabo bonke abendlu katata ukuba ndibe ngukumkani kuSirayeli ngonaphakade,+ kuba wakhetha uYuda ukuba abe yinkokheli,+ endlini kaYuda wakhetha indlu katata,+ yaye koonyana bakatata wakhetha mna, waza wandenza ukumkani phezu koSirayeli wonke.+ 5 Kubo bonke oonyana bam, kuba uYehova undinike oonyana abaninzi,+ ukhethe uSolomon+ unyana wam ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova phezu koSirayeli.+
6 “Wathi kum, ‘NguSolomon unyana wakho oza kwakha indlu yam neeyadi zam, kuba nguye endimkhethileyo ukuba abe ngunyana wam, yaye mna ndiza kuba ngutata wakhe.+ 7 Ndiza kubumisela ngokuqinileyo ubukumkani bakhe ngonaphakade+ ukuba uye waqhubeka ethobela imiyalelo nemithetho yam,+ njengokuba esenza ngoku.’ 8 Ngoko phambi kwamehlo akhe wonke uSirayeli, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zikaThixo wethu ndithi: Zimiseleni ukuthobela nize niyiphande yonke imiyalelo kaYehova uThixo wenu, ukuze nihlale kweli lizwe lihle,+ lize libe lilifa loonyana benu ngonaphakade.
9 “Wena ke Solomon nyana wam, mazi uThixo katata wakho, umkhonze ngentliziyo epheleleyo+ nangomphefumlo* ovuyayo,* kuba uYehova uyazihlola zonke iintliziyo,+ ibe uqonda yonke into umntu ayicingayo neminqweno yakhe.+ Ukuba uyamfuna, uza kukuvumela umfumane,+ kodwa ukuba uyamshiya, uza kukulahla ngonaphakade.+ 10 Jonga ngoku, uYehova ukhethe wena ukuba wakhe indlu ibe yindawo engcwele. Yiba nesibindi usebenze.”
11 Emva koko, uDavide wanika uSolomon unyana wakhe iplani+ yokwakha iveranda,+ izindlu zayo, oovimba bayo, amagumbi ayo aseluphahleni, amagumbi ayo angaphakathi nendlu yokuhlawulela.+ 12 Wamnika iplani awayeyinikwe ngombono* yokwakha iiyadi+ zendlu kaYehova, onke amagumbi okutyela awayeyijikelezile, oovimba bobutyebi bendlu kaThixo wokwenene noovimba bobutyebi bezinto ezenziwe ngcwele,*+ 13 amaqela ababingeleli+ nawabaLevi, yonke imisebenzi eyenziwa kwindlu kaYehova, nazo zonke izinto zokusebenza endlini kaYehova, 14 ubunzima begolide, igolide yazo zonke izinto zemisebenzi eyahlukahlukeneyo, ubunzima bazo zonke izinto zesilivere, nazo zonke izinto zemisebenzi eyahlukahlukeneyo, 15 ubunzima beziphatho zezibane+ zegolide nezibane zazo zegolide, ubunzima beziphatho zezibane ezahlukahlukeneyo nezibane zazo, ubunzima beziphatho zezibane zesilivere, isiphatho sezibane ngasinye nezibane zaso ngokwendlela ezisetyenziswa ngayo, 16 ubunzima begolide yeetafile ekubekwa kuzo izonka,*+ itafile nganye, isilivere yeetafile zesilivere, 17 iifolokhwe, izitya, iibhekile zegolide esulungekileyo, ubunzima bezitya ezincinci zegolide,+ isitya ngasinye esincinci, nobunzima bezitya ezincinci zesilivere, isitya ngasinye esincinci. 18 Wamnika nobunzima begolide esulungekileyo yesibingelelo sesiqhumiso+ esiqholiweyo neyezinto ezimela inqwelo,+ eziziikherubhi+ zegolide ezolula amaphiko azo phezu kwetyeya yesivumelwano* kaYehova. 19 UDavide wathi: “Isandla sikaYehova saba phezu kwam, yaye wandinceda ndaqonda ukuze ndikwazi ukuzibhala phantsi+ zonke iinkcukacha zeplani+ yokwakha.”
20 Emva koko, uDavide wathi kuSolomon unyana wakhe: “Yiba nesibindi, yomelela uze usebenze. Sukoyika okanye wothuke, kuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe.+ Akazukukulahla okanye akushiye,+ kodwa uza kuba nawe de ugqitywe wonke umsebenzi wendlu kaYehova. 21 Nanga amaqela ababingeleli+ nabaLevi+ abaza kwenza wonke umsebenzi endlini yoThixo wokwenene. Unabasebenzi abazinikeleyo nabanobuchule bokwenza nawuphi na umsebenzi,+ unazo neenkosana+ nabo bonke abantu abaza kwenza yonke into obayalela yona.”