Eyokuqala YooKumkani
11 UKumkani uSolomon wayethanda abafazi basemzini abaninzi,+ ukongezelela kwintombi kaFaro:+ amaMowabhikazi,+ ama-Amonikazi,+ amaEdomikazi, amaSidonikazi+ namaHitikazi.+ 2 Babesuka kwiintlanga awayethe uYehova ngazo kumaSirayeli: “Ningayi kuzo, nazo zingezi kuni,* kuba ziza kuzilahlekisa iintliziyo zenu nize nilandele oothixo bazo.”+ Kodwa uSolomon wathi nca kuzo, wazithanda. 3 Waba nabafazi abayi-700 ababengamakhosazana, nabanye abafazi abayi-300,* yaye kancinci kancinci abafazi bakhe bayilahlekisa intliziyo yakhe.* 4 Ebudaleni bukaSolomon,+ abafazi bakhe bayitsalela kwabanye oothixo intliziyo yakhe,+ waza akamkhonza ngentliziyo yakhe yonke uYehova* uThixo wakhe, njengoDavide utata wakhe. 5 USolomon walandela uAshtoreti+ uthixokazi wamaSidon noMilkom+ uthixo owenyanyekayo wama-Amoni. 6 Wenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova, akamlandela ngokupheleleyo uYehova njengokuba wenzayo uDavide utata wakhe.+
7 USolomon wamakhela ngelo xesha ke indawo ephakamileyo+ uKemoshe, uthixo owenyanyekayo wakwaMowabhi, eyakha kwintaba eyayiphambi kweYerusalem, wakhela noMoleki+ uthixo owenyanyekayo wama-Amoni.+ 8 Wabenzela loo nto bonke abafazi bakhe basemzini ababesenza iziqhumiso, bebingelela koothixo babo.
9 Yamcaphukisa kakhulu uYehova le nto yenziwa nguSolomon, kuba intliziyo yakhe yayimlahlile uYehova uThixo kaSirayeli,+ owayebonakele kuye kwada kwakabini,+ 10 emlumkisa kanye ngale nto yokuba angalandeli abanye oothixo.+ Kodwa akazange awuthobele umyalelo kaYehova. 11 Ngoko uYehova wathi kuSolomon: “Kuba ungasigcinanga isivumelwano nemithetho yam endikuyalele yona, wenza le nto, ngokuqinisekileyo ndiza kubukrazula ubukumkani bakho, ndibunike esinye sezicaka zakho.+ 12 Kodwa ngenxa katata wakho uDavide, andizukuyenza usaphila loo nto. Ndiza kubukrazula xa kuphethe unyana wakho.+ 13 Andizukubukrazula bonke obu bukumkani.+ Ngenxa kaDavide umkhonzi wam nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo,+ ndiza kumnika isizwe esinye unyana wakho.”+
14 UYehova wamzisela utshaba uSolomon,+ uHadadi umEdom wenzala yasebukhosini kwaEdom.+ 15 Xa uDavide woyisa iEdom,+ uYowabhi intloko yomkhosi wenyuka waya kungcwaba abo babebulewe, waza wazama ukuxabela yonke into eyindoda kwaEdom. 16 (Kuba uYowabhi nawo onke amaSirayeli bahlala apho iinyanga ezintandathu de wabulala* yonke into eyindoda kwaEdom.) 17 Ngelo xesha uHadadi wayeseyinkwenkwana, ibe wabalekela eYiputa namanye amadoda akwaEdom awayezizicaka zikatata wakhe. 18 Ngoko besuka kwaMidiyan beza eParan. Bafika apho bathatha amadoda+ beza eYiputa kuFaro ukumkani waseYiputa. UFaro wamnika indlu nomhlaba, waza waqhubeka emnika nokutya. 19 UHadadi wathandwa nguFaro, kangangokuba wamnika umfazi, udadebokumkanikazi* uTapenesi. 20 Ekuhambeni kwethuba udadeboTapenesi wazalela uHadadi unyana onguGenubhati, yaye uTapenesi wamkhulisela* endlini kaFaro. UGenubhati waqhubeka ehlala kwaFaro noonyana bakhe.
21 UHadadi weva eseYiputa ukuba uDavide ubekwe kookhokho bakhe,+ nokuba uYowabhi oyintloko yomkhosi ufile.+ Ngoko uHadadi wathi kuFaro: “Ndikhulule ndibuyele kwilizwe lakowethu.” 22 Kodwa uFaro wathi kuye: “Ikhona na into oye wayidinga apha, le nto ufuna ukubuyela kwilizwe lakowenu?” Yena wathi: “Ayikho, kodwa ndiyakucela, ndikhulule.”
23 UThixo wamzisela olunye utshaba uSolomon,+ uRezon unyana kaEliyada, owayebaleke inkosi yakhe, uHadadezere+ ukumkani waseTsobha. 24 Waqokelela amadoda waza wayinkokheli yamajoni angabaphangi, ngexesha uDavide awoyisa* ngalo umkhosi waseTsobha.+ Ngoko baya eDamasko+ baza bahlala apho balawula. 25 Waba lutshaba lukaSirayeli yonke imihla kaSolomon, esongeza kububi obenziwa nguHadadi, ibe wawenyanya amaSirayeli xa wayelawula eSiriya.
26 Kwakukho uYerobhoham+ unyana kaNebhati, umEfrayim waseTsereda, isicaka sikaSolomon,+ yaye igama likamama wakhe yayinguTseruwa, umfazi ongumhlolokazi. Naye wamjikela* ukumkani.+ 27 Nasi isizathu sokumjikela kwakhe: USolomon wakha iNduli*+ evala isikhewu esikudonga lwesiXeko SikaDavide utata wakhe.+ 28 UYerobhoham lo wayeyindoda emadodeni. Xa uSolomon wabona ukuba lo mfana wayekhuthele, wamenza waphatha+ bonke abo babesetyenziswa ngenkani endlini kaYosefu. 29 Ngelo xesha uYerobhoham waphuma eYerusalem, waza wadibana nomprofeti uAhiya+ ongumShilo endleleni. UAhiya wayenxibe isambatho esitsha, yaye babebobabini apho. 30 UAhiya wasithatha esi sambatho sitsha wasikrazula saziziqwenga eziyi-12. 31 Wathi kuYerobhoham:
“Zithathele iziqwenga ezilishumi, kuba uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Ndiza kubukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, ndikunike izizwe zibe lishumi.+ 32 Kodwa ndiza kumshiyela+ isizwe esinye ngenxa yomkhonzi wam uDavide+ nangenxa yeYerusalem, isixeko endisinyulileyo kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli.+ 33 Ndiza kuyenza le nto, kuba baye bandishiya+ baqubuda kuAshtoreti uthixokazi wamaSidon, kuKemoshe uthixo wakwaMowabhi nakuMalkom uthixo wama-Amoni, baza abahamba ezindleleni zam ngokwenza izinto ezilungileyo emehlweni am, nangokuthobela imithetho nezigwebo zam njengotata wakhe uDavide. 34 Kodwa andizukubuthatha bonke ubukumkani kuye, kuba ndiza kumgcina eyinkosi yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo,+ kuba wayithobela imiyalelo nemithetho yam. 35 Ndiza kubuthatha kunyana wakhe ubukumkani ndibunike wena, ndikunike izizwe ezilishumi.+ 36 Unyana wakhe ndiza kumnika isizwe esinye, ukuze uDavide umkhonzi wam ahlale enesibane phambi kwam eYerusalem,+ isixeko endisikhethele igama lam. 37 Ndiza kumisela wena, ibe uza kulawula naphi na apho ufuna ukulawula khona, yaye uza kuba ngukumkani kwaSirayeli. 38 Futhi, ukuba uthobela yonke into endikuyalela yona, uze uhambe ezindleleni zam, wenze into elungileyo emehlweni am ngokuthobela imithetho nemiyalelo yam, njengokuba wenzayo uDavide umkhonzi wam,+ ndiza kuba nawe. Ndiza kukwakhela indlu eza kuhlala ikho, njengokuba ndenzayo kuDavide,+ ibe ndiza kukunika uSirayeli. 39 Ndiza kuyihlaza inzala kaDavide ngenxa yale nto,+ kodwa andizukuhlala ndiyihlaza.’”+
40 Ngoko ke uSolomon wazama ukumbulala uYerobhoham, kodwa yena wabalekela kuShishaki+ ukumkani waseYiputa,+ wahlala apho de wafa uSolomon.
41 Enye imbali kaSolomon, izinto awazenzayo nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yembali kaSolomon?+ 42 Xa iyonke iminyaka* uSolomon awalawula ngayo uSirayeli eYerusalem yaba yi-40. 43 USolomon wabekwa kookhokho bakhe, wangcwatyelwa kwisiXeko SikaDavide utata wakhe; waza uRehobhoham unyana wakhe+ wangena ezihlangwini zakhe.