Amosi
5 “Waveni amazwi engoma yokuzila endiniculela yona ndlu kaSirayeli:
2 ‘Intombi engazange yalala nandoda, uSirayeli, iwile,
Ayikwazi kuphinda ivuke.
Ishiywe ilele phantsi emhlabeni,
Akukho mntu uyiphakamisayo.’
3 “Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova:
‘Isixeko esiphuma sinewaka siya kusala nekhulu,
Nesiphuma sinekhulu siya kusala neshumi. Yiloo nto eza kwenzeka kwindlu kaSirayeli.’+
4 “Kuba uthi uYehova kwindlu kaSirayeli:
‘Ndikhangeleni nize niqhubeke niphila.+
Ningayi eGiligali,+ ningadluleli naseBher-shebha,+
Kuba nakanjani na iGiligali iza kuthinjwa,+
Ize yona iBheteli ingabi nto yanto.*
6 Funani uYehova, nize niqhubeke niphila,+
Ukuze angavuthi njengomlilo endlini kaYosefu,
Uze uyiqwenge iBheteli, kungekho mntu wokuwucima.
8 Lowo wenza iqela leenkwenkwezi iKima neKesile,+
Lowo ujika ithunzi elimnyama libe yintsasa,
Lowo wenza imini ibe mnyama njengobusuku,+
Lowo ubiza amanzi olwandle,
Ukuze awagalele phezu komhlaba,+
NguYehova igama lakhe.
9 Uza kubatshabalalisa abo banamandla,
Azitshabalalise neendawo ezikhuselekileyo.
11 Ngenxa yokunyanzela kwenu ihlwempu ukuba libhatalele umhlaba eliwulimayo,
Nokulirhafisa kwenu ngokutya okuziinkozo,+
Anizukuqhubeka nihlala kwizindlu zenu enizakhe ngamatye+
Ningayiseli newayini yamasimi enu eediliya anqwenelekayo eniwatyalileyo.+
12 Kuba ndiyazazi iindlela ezininzi eniye anathobela ngazo
Nendlela ezikhulu ngayo izono zenu,
Niqweqwedisa amalungisa,
Nifuna ukunyotywa,*
Ibe aniwahoyi amalungelo amahlwempu egeyithini yesixeko.+
Nokuze uYehova uThixo wemikhosi anixhase,
Kanye njengokuba nisithi uyanixhasa.+
Mhlawumbi uYehova uThixo wemikhosi
Uza kubababala abashiyekileyo bakwaYosefu.’+
16 “Ngoko ke uthi uYehova uThixo wemikhosi, uYehova:
‘Kuza kubakho isijwili kuzo zonke iindawo zikawonke-wonke,
Nasezitratweni zonke abantu baza kuthi, “Yhoo, yhoo!”
Baza kubizela abalimi ekuzileni
Neencutshe zokuzila ukuba zenze isijwili.’
17 ‘Kuwo onke amasimi eediliya kuza kwenziwa isijwili;+
Kuba ndiza kudlula phakathi kwenu,’ utsho uYehova.
18 ‘Baza kuthi shu abo banqwenela imini kaYehova!+
Iza kuthetha ntoni na ke imini kaYehova kuni?+
Iza kuba bubumnyama, ingabi kukukhanya.+
19 Iza kuba njengaxa umntu ebaleka ingonyama, suke athi gqi ngebhere,
Athi xa engena endlini abambelele ngesandla eludongeni, suke alunywe yinyoka.
20 Ayizukuba bubumnyama na imini kaYehova, ingabi kukukhanya?
Ayizukuba sisithokothoko na, ingabi kukuqaqamba?
21 Ndiyawacaphukela, ndiyawenyanya amatheko enu,+
Ibe alimnandanga kum ivumba leendibano zenu ezingcwele.
22 Nokuba ninikela kum iminikelo etshiswa ngokupheleleyo neminikelo esisipho,
Andizukuyamkela;+
Andizukuyamkela nemibingelelo yenu yobuhlobo yezilwanyana ezityetyisiweyo.+