Malaki
4 “Jongani! iyeza imini evutha njengeziko,+ yaye bonke abakhukhumeleyo nabo bonke abenza ububi baza kuba njengeendiza. Loo mini izayo ngokuqinisekileyo iza kubaqwenga,” utsho uYehova wemikhosi, “kangangokuba ayizukushiya ngcambu okanye sebe kubo. 2 Kodwa nina balihloniphayo* igama lam, ilanga lobulungisa liza kukhanyisa kuni, liphilisa ngemitha yalo;* ibe niza kutsiba-tsiba njengamathole eenkomo atyetyisiweyo.”
3 “Niza kubanyathela abenzi-bubi, kuba baza kufana nothuli phantsi kweenyawo zenu ngemini endiyenza ngayo le nto,” utsho uYehova wemikhosi.
4 “Khumbulani uMthetho kaMoses umkhonzi wam, imithetho nezigwebo endayalela ukuba wonke uSirayeli azithobele eHorebhe.+
5 “Jongani! Ndithumela uEliya umprofeti+ kuni ngaphambi kokuba ifike imini kaYehova enkulu neyoyikekayo.+ 6 Uza kubuyisela intliziyo yootata koonyana,+ nentliziyo yoonyana kootata babo, ukuze ndingezi ndiwubethe umhlaba, ndiwutshabalalise.”
(Iphela apha inguqulelo yeZibhalo ZesiHebhere nesiAramiki, ilandelwa yeyeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike)