Hoseya
Kukho oza njengokhozi ezokulwa nendlu kaYehova,+
Kuba baye basophula isivumelwano sam,+ baza bawophula umthetho wam.+
2 Bakhala kum besithi, ‘Owu Thixo wethu, thina maSirayeli siyakwazi.’+
3 AmaSirayeli ayilahlile into elungileyo.+
Mawaleqwe lutshaba.
4 Aye azibekela ookumkani ngaphandle kwam.
Aye azibekela iinkokheli, kodwa andizamkelanga.
5 Ithole lenu lenkomo liye lalahlwa maSamariya.+
Niyandicaphukisa.+
Kuza kude kube nini ningakwazi ukuba msulwa?*
6 Kuba livela kwaSirayeli.
Lenziwe ngumkhandi olichule, yaye alingoThixo;
Liza kuba ziingceba ithole laseSamariya.
Akukho ndiza zivelisa nkozo.+
Akukho hlumelo livelisa mgubo wokuxova.
Ukuba ikho into evelisiweyo, abasemzini* baza kuyiginya.+
Ngoku uza kuba phakathi kweentlanga,+
Njengesitya esingafunwayo.
9 Kuba unyuke waya eAsiriya,+ njengedonki yasendle ehamba yodwa.
UEfrayim uqeshe izithandwa zakhe.+
10 Nangona eye waziqesha phakathi kweentlanga,
Ngoku ndiza kumqokelela ndawonye;
Uza kuqalisa ukuba sentlungwini+ ngenxa yomthwalo obekwe ngukumkani naziinkokheli.
11 Kuba uEfrayim uzongezile izibingelelo ukuze one.+
Uye wanezibingelelo ezimenze wona.+
Ngoku uza kusikhumbula isiphoso sakhe aze amohlwaye ngezono zakhe.+
14 USirayeli umlibele uMenzi wakhe,+ wakha iitempile,+
NoYuda wakhe izixeko ezikhuselekileyo ezingakumbi.+
Kodwa ndiza kuthumela umlilo kwizixeko zakhe,
Yaye uza kuziqwenga iinqaba zesixeko ngasinye.”+