Hoseya
8 “Emlonyeni wakho—beka isigodlo!+ Kukho oza njengokhozi+ nxamnye nendlu kaYehova, ngenxa yokuba bawugqithile umnqophiso wam,+ yaye banxaxhile kumthetho wam.+ 2 Baqhubeka bekhala kum, besithi, ‘Owu Thixo wam, thina, Sirayeli, sikwazile.’+
3 “USirayeli ukulahlile okulungileyo.+ Utshaba malumsukele.+ 4 Yena ngokwakhe umise ookumkani,+ kodwa bengaveli kum. Umisele iinkosana, kodwa andikwazanga oko. Ngesilivere yakhe nangegolide yakhe uzenzele izithixo,+ ukuze zinqunyulwe.+ 5 Ithole lakho lenkomo lilahliwe,+ Samariya. Umsindo wam uyavutha kuye.+ Kuya kude kube nini na engafaneleki ukuba msulwa?+ 6 Kuba nalo elo livela kwaSirayeli.+ Lenziwe yingcibi,+ alingoThixo; ke elo thole laseSamariya liya kutyunyuzwa.+
7 “Ngokuba ngumoya aqhubeka ewuhlwayela, yaye uya kuvuna umoya wesaqhwithi.+ Akukho kudla kuziinkozo kumilileyo.+ Akukho hlumelo livelisa umgubo.+ Ukuba mhlawumbi kukho eliwuvelisayo, abasemzini baya kuwuginya.+
8 “USirayeli makaginywe.+ Ke phakathi kweentlanga,+ makabe njengesitya esingayolisiyo.+ 9 Kuba yena ngokwakhe unyukele kuAsiriya,+ njengeqwarhashe lizahlula.+ Kwimeko kaEfrayim, uqeshe izithandwa.+ 10 Nangona eqhubeka eziqesha phakathi kweentlanga,+ ndiya kuziqokelela ndawonye; yaye okwethutyana uya kuba sezintlungwini eziqatha+ ngenxa yomthwalo kakumkani neenkosana.
11 “Kuba uEfrayim wandise izibingelelo ukuze one.+ Umise izibingelelo ukuze one.+ 12 Ndambhalela phantsi izinto ezininzi zomthetho wam;+ zigqalwe njengento engaqhelekanga.+ 13 Njengemibingelelo yesipho sam waqhubeka ebingelela inyama,+ yaye waqhubeka esidla oko angakholiswayo kuko uYehova.+ Ngoko uya kusikhumbula isiphoso sakhe amphendulise ngezono zakhe.+ Yena ngokwakhe wabuyela eYiputa.+ 14 Yaye uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe+ waza wakha iitempile;+ noYuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo.+ Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuthumela umlilo kwizixeko zakhe uze uqwenge iinqaba zokuhlala zakhe ngamnye.”+