Kubalisa UMateyu
18 Ngelo xesha abafundi beza kuYesu, bathi: “Ngubani kanye kanye oyena mkhulu eBukumkanini bamazulu?”+ 2 Ngoko wabiza umntwana omncinci, wammisa phakathi kwabo, 3 waza wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba anijiki nibe njengabantwana abancinci,+ soze ningene eBukumkanini bamazulu.+ 4 Ngoko ke, nabani na ozithobayo abe njengalo mntwana, ungoyena mkhulu eBukumkanini bamazulu;+ 5 ibe nabani na owamkela umntwana omncinci njengalo egameni lam, wamkela nam. 6 Kodwa nabani na owenza omnye waba bancinci aphelelwe lukholo, ngekubhetele ukuba ebebotshelelwe ilitye elikhulu lokuguba* entanyeni waza watshoniswa enzulwini yolwandle.+
7 “Liza kuthi shu ihlabathi ngokwenza abantu bone! Ewe kona, ziza kuhlala zikho izinto ezenza abantu bone, kodwa kuza kuba kubi kakhulu kumntu obenza bone! 8 Ukuba ke, isandla sakho okanye unyawo lwakho lukwenza wone, lunqumle uze ululahle kude.+ Kungcono ufumane ubomi ulimele okanye usisiqhwala kunokuba uthi unezandla zozibini okanye iinyawo zombini utshabalale ngonaphakade emlilweni.+ 9 Kwanelihlo lakho, ukuba likwenza wone, lincothule ulilahle kude. Kungcono ufumane ubomi unelihlo elinye kunokuba uthi unamehlo omabini uphoswe emlilweni weGehena.*+ 10 Lumkani, ningadeleli namnye kwaba bancinci, kuba ndiyaniqinisekisa ukuba, iingelosi zabo ezulwini zihlala zibubona ubuso bukaTata osezulwini.+ 11 *——
12 “Khanitsho, ukuba umntu uneegusha eziyi-100 kuze kulahleke ibe nye,+ akanakuzishiya na ezo ziyi-99 ezintabeni, ayokukhangela leyo ilahlekileyo?+ 13 Xa eyifumana, ndiyaniqinisekisa ukuba, uyivuyela ngaphezu kwezo ziyi-99 bezingalahlekanga. 14 Unjalo ke noTata* osezulwini, akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinci.+
15 “Ngaphezu koko, ukuba umzalwana wakho uyakona, hamba uyokuthetha naye ngaloo nto* ninobabini kuphela.+ Ukuba uyakumamela, uya kuba umncedile umzalwana wakho.+ 16 Kodwa ukuba akakumameli, yiya kuye uhamba nomntu omnye okanye ababini, ukuze kubekho amangqina amabini okanye amathathu xa kugwetywa ityala.+ 17 Ukuba akawamameli, thetha nebandla. Ukuba akalimameli nebandla, kuwe makabe njengomntu weentlanga+ nomqokeleli werhafu.+
18 “Ndiyaniqinisekisa ukuba, nantoni na eniyibophayo emhlabeni iza kube sele ibotshiwe nasezulwini, futhi nantoni na eniyikhululayo emhlabeni iza kube sele ikhululwe nasezulwini. 19 Ukuba ababini kuni apha emhlabeni bavumelana ngokucela nantoni na ebalulekileyo, baza kuyenzelwa nguTata osezulwini.+ 20 Kuba ukuba kukho abantu ababini okanye abathathu abadibene egameni lam,+ nam ndikhona phakathi kwabo.”
21 Emva koko uPetros weza kuYesu, wathi: “Nkosi, kufuneka ndimxolele kangaphi umzalwana wam xa endonile? Kude kube kasixhenxe?” 22 UYesu wathi: “Ndithi kuwe, sukumxolela kasixhenxe, kodwa mxolele kude kube kayi-77.+
23 “Yiloo nto uBukumkani bamazulu bunokufaniswa nokumkani owayefuna amakhoboka akhe abhatale amatyala awo. 24 Uthe xa eqala ukufuna imali yakhe, kwaziswa umntu owayemtyala iitalente eziyi-10 000.* 25 Kodwa kuba wayengenandlela yokubhatala, inkosi yakhe yayalela ukuba athengiswe, kuthengiswe umfazi wakhe, abantwana bakhe nayo yonke into anayo, ukuze kubhatalwe elo tyala.+ 26 Ngoko ke, ikhoboka layo lawa phantsi laqubuda kuyo, lisithi, ‘Ndicela undinyamezele, ndiza kukunika yonke imali yakho.’ 27 Yaba nosizi inkosi yalo, yaliyeka lahamba yaza yalicima ityala lalo.+ 28 Kodwa elo khoboka lahamba layokukhangela elinye ikhoboka elalilityala iidenariyo* eziyi-100, laza lalithi nqaku, lalikrwitsha lisithi, ‘Bhatala lonke ityala lakho.’ 29 Ngoko elo khoboka lawa phantsi licenga, lisithi, ‘Ndicela undinyamezele, ndiza kukunika yonke imali yakho.’ 30 Kodwa alizange livume. Lasuka laliphosa ejele ukuze livalelwe de lilibhatale elo tyala. 31 Athi amanye amakhoboka akubona loo nto, akhathazeka kakhulu, aza aya kuxelela inkosi yawo yonke into eyenzekileyo. 32 Ngoko inkosi yalo yalibiza yaza yathi kulo: ‘Khobokandini elingalunganga, ndalicima lonke ityala lakho xa wawundicenga. 33 Ubungamelanga ukuba uye wanenceba na kwela khoboka, njengokuba nam ndikwenzele inceba?’+ 34 Yacaphuka inkosi yalo, yaliphosa ejele ukuze livalelwe de lilibhatale lonke ityala lalo. 35 UTata osemazulwini uza kwenza loo nto nakuni+ ukuba anibaxoleli ngentliziyo yenu yonke abazalwana benu.”+