Duteronomi
23 “Mayingangeni ebandleni likaYehova indoda ethenwe ngokutyunyuzwa amasende nenqunyulwe ilungu lobudoda.+
2 “Makangangeni ebandleni likaYehova unyana ozelwe ngaphandle komtshato.+ Makungabikho nzala yakhe ingena ebandleni likaYehova ukuya kutsho nakwisizukulwana sakhe seshumi.
3 “Makangabikho umAmoni okanye umMowabhi ongena ebandleni likaYehova.+ Makungaze kubekho nzala yawo ingena ebandleni likaYehova ukuya kutsho nakwisizukulwana sawo seshumi, 4 kuba awazange anincede aninike ukutya namanzi endleleni esuka eYiputa,+ kwakhona aqesha uBhileham unyana kaBhehore wasePetore eMesopotamiya ukuba aniqalekise.+ 5 Kodwa uYehova uThixo wenu akazange ammamele uBhileham.+ Kunoko uYehova uThixo wenu wasitshintsha isiqalekiso saba yintsikelelo,+ kuba uYehova uThixo wenu enithanda.+ 6 Ningaze nibanqwenelele okuhle okanye impumelelo ubomi benu bonke.+
7 “Uze ungamcaphukeli umEdom, kuba ungumntakwenu.+
“Uze ungamcaphukeli umYiputa, kuba wawungumntu wasemzini elizweni lakhe.+ 8 Abantwana bawo abasisizukulwana sesithathu bangangena ebandleni likaYehova.
9 “Xa niyokulwa neentshaba zenu, nize niziphephe zonke izinto ezingcolisayo.+ 10 Xa indoda iye yaphuma amadlozi ebusuku,+ imele iphume enkampini, ingabuyeli. 11 Emalanga, loo ndoda imele ihlambe ngamanzi, ize ibuyele enkampini ekutshoneni kwelanga.+ 12 Nimele nibe nendawo yangasese ngaphandle kwenkampu, nize nisebenzise yona. 13 Uze ube nolugxa phakathi kwezixhobo zakho. Xa uyokuzithuma ngaphandle kwenkampu, umele wembe umngxuma ngalo, emva koko uligqumelele ilindle lakho. 14 Kuba uYehova uThixo wenu uhamba-hamba phakathi kwenkampu yenu+ ukuze anihlangule aze azinikele ezandleni zenu iintshaba zenu. Inkampu yenu imele ibe ngcwele,+ ukuze angaboni nto engafanelekanga kuni aze emke, angabi sahamba nani.
15 “Uze ungalibuyiseli kwinkosi yalo ikhoboka elibalekele kuwe. 16 Lingahlala naphi na phakathi kwenu, nakweyiphi na indawo kwesinye sezixeko zenu, naphi na apho lithanda khona. Uze ungaliphathi kakubi.+
17 “Makungabikho nanye kwiintombi zakwaSirayeli ethengisa ngomzimba etempileni,+ kungabikho namnye nakoonyana bakaSirayeli owenza loo nto.+ 18 Umvuzo womntu othengisa ngomzimba* nimele ningawuzisi endlini kaYehova uThixo wenu ukuze nizalisekise isifungo, kuba bobabini bayenyanyeka kuYehova uThixo wenu.
19 “Awumele umbhatalise inzala umntakwenu,+ nokuba yeyemali, yeyokutya, okanye yeyayo nantoni na enokuba nenzala. 20 Ungambhatalisa inzala umntu wasemzini,+ kodwa awumele umbhatalise inzala umntakwenu,+ ukuze uYehova uThixo wenu anisikelele kuyo yonke into eniza kuyenza kwilizwe aninika ukuba nihlale kulo.+
21 “Ukuba wenza isifungo kuYehova uThixo wakho,+ khawuleza usifezekise eso sifungo.+ Kuba nakanjani uYehova uThixo wakho uza kusifuna kuwe; ukuba awuyenzi loo nto uya kube wenze isono.+ 22 Kodwa ukuba awufungi, awuzukuba natyala.+ 23 Uze uyenze into oyithethileyo,+ yaye uze wenze ngokwesifungo sokuzithandela osenze kuYehova uThixo wakho.+
24 “Ukuba ungena kwintsimi yeediliya yommelwane wakho, ungatya wanele, kodwa uze ungazifaki entweni oza kuhamba nayo.+
25 “Ukuba ungena kwintsimi yommelwane wakho yokutya okuziinkozo, ungazikha izikhwebu ezivuthiweyo ngesandla, kodwa ungafaki rhengqa kuloo ntsimi.+