Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
13 Ukuba ndithetha ngeelwimi zabantu nezeengelosi, kodwa ndibe ndingenalo uthando, ndiza kube ndifana nje nenkcenkce engxolayo okanye icangci elikhenkcezayo. 2 Ukuba uThixo undenze ndakwazi ukuprofeta yaye ndaziqonda zonke izinto ezifihlakeleyo ezingcwele nalo lonke ulwazi,+ yaye ndinokholo olomeleleyo kangangokuba ndingade ndisuse iintaba, kodwa ndibe ndingenalo uthando, akukho yam.+ 3 Ukuba ndinikela ngazo zonke izinto zam ukuze kondliwe abanye,+ yaye ukuba ndinikela ngomzimba wam ukuze ndiqhayise, kodwa ndibe ndingenalo uthando,+ ayindincedi nganto loo nto.
4 Uthando+ lunomonde+ yaye lunobubele.+ Uthando alunamona,+ aluqhayisi, aluziphakamisi,+ 5 aluziphathi ngokungenambeko,+ aluzicingeli lona lodwa,+ alukhawulezi lucaphuke,+ yaye alunanzondo.+ 6 Aluzivuyeli izinto ezimbi,+ kodwa luvuyela inyaniso. 7 Luthwala yonke into,+ lukholelwa yonke into,+ luthemba yonke into,+ lunyamezela yonke into.+
8 Uthando alusoze luphele. Kodwa nokuba kukho iziphiwo zokuprofeta, ezokuthetha iilwimi nezokuba nolwazi, ziza kupheliswa. 9 Kuba ulwazi esinalo aluphelelanga+ yaye asiprofeti ngokupheleleyo, 10 kodwa xa kufika izinto ezipheleleyo, ezo zingaphelelanga ziza kupheliswa. 11 Xa ndandingumntwana, ndandithetha njengomntwana, ndicinga njengomntwana, ndiqiqa njengomntwana; kodwa ekubeni ngoku ndiyindoda, ndizilahlile izinto zobuntwana. 12 Kuba okwangoku sibona luzizi ngokungathi sijonge esipilini sesinyithi, kodwa ekuhambeni kwexesha, yonke into iza kubonakala ngokucacileyo. Okwangoku ulwazi endinalo aluphelelanga, kodwa ekuhambeni kwexesha ndiza kwazi yonke into, njengokuba nam ndisaziwa kakuhle. 13 Nazi ke izinto eziza kuhlala zikhona: lukholo, ithemba nothando; kodwa eyona ibalulekileyo luthando.+