ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zeencwadi Eziya KwabaseKorinte
UMPOSTILE uPawulos uyixhalabele gqitha impilo yokomoya yebandla laseKorinte. Uvile ukuba kukho ukruthakruthwano phakathi kwabazalwana balapho. Banyamezele ukuziphatha okubi. Nalo eli bandla libhalele uPawulos, limbuza ngemibandela ethile. Ngenxa yoku, malunga nowama-55 C.E., ngoxa ese-Efese kutyelelo lwakhe lwesithathu njengomthunywa wevangeli, uPawulos ubhala incwadi yakhe yokuqala kwezimbini eziya kwabaseKorinte.
Ileta yesibini ekubonakala ukuba yabhalwa kwiinyanga nje ezimbalwa, ithatha apho ibiyeke khona leyo yokuqala. Ekubeni iimeko zangaphakathi nangaphandle kwebandla laseKorinte lenkulungwane yokuqala zifana ngeendlela ezininzi nezexesha lethu, isigidimi seeleta zikaPawulos eziya kwabaseKorinte sibaluleke gqitha kuthi.—Heb. 4:12.
‘HLALANI NIPHAPHILE, YIMANI NIQINILE, YOMELELANI’
UPawulos ubongoza ukuba, ‘Bonke bathethe ngokuvumelanayo.’ (1 Kor. 1:10) ‘Akukho nasiphi na esinye isiseko ngaphandle kukaYesu Kristu,’ ezakhelwe kuso iimpawu zamaKristu. (1 Kor. 3:11-13) Ngokuphathelele umhenyuzi owayekwelo bandla, uPawulos uthi: “Mshenxiseni umntu ongendawo phakathi kwenu.” (1 Kor. 5:13) Uphinda athi: “Umzimba awungowohenyuzo, kodwa ngoweNkosi.”—1 Kor. 6:13.
Ephendula ngokuphathelele ‘izinto ababebhale ngazo,’ uPawulos unikela isiluleko esiluncedo ngokuphathelele ukutshata nokungatshati. (1 Kor. 7:1) Emva kokuthetha ngobuntloko bamaKristu, ngolungelelwano kwiintlanganiso zamaKristu, nangokuqiniseka kovuko, uPawulos ubongoza athi: “Hlalani niphaphile, yimani niqinile elukholweni, yibani ngamadoda, yomelelani.”—1 Kor. 16:13.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:21—Ngaba ngokwenene uYehova usebenzisa “ubudenge” ukuze asindise abo bakholwayo? Akunjalo. Kodwa, ekubeni “ihlabathi ngobulumko balo lithe alamazi uThixo,” indlela ayisebenzisayo ukusindisa abantu ibonakala ibubudenge kulo.—Yoh. 17:25.
5:5—Kuthetha ukuthini ‘ukunikela umntu [ongendawo] kuSathana ukuba kutshatyalaliswe inyama, ukuze kusindiswe umoya’? Xa umenzi wesono esinzulu ongaguqukiyo ekhutshelwa ngaphandle kwebandla, uphinda abe yinxalenye yehlabathi likaSathana elingendawo. (1 Yoh. 5:19) Yiloo nto kusithiwa unikelwe kuSathana. Ukugxothwa kwakhe kuphumela ekutshatyalalisweni, okanye ekususweni kwempembelelo yakhe embi ebandleni nokulondolozwa komoya walo omhle.—2 Tim. 4:22.
7:33, 34—Ziziphi “izinto zehlabathi” ezixhalelwa yindoda okanye umfazi otshatileyo? UPawulos ubhekisela kwizinto ezisisiseko zobomi ezimele zixhalatyelwe ngamaKristu atshatileyo. Ezi zinto ziquka ukutya, impahla nendlu, kodwa asizizo izinto ezimbi zeli hlabathi ezimele ziphetshwe ngamaKristu.—1 Yoh. 2:15-17.
11:26—Zingaphi izihlandlo okumele kukhunjulwe ngazo ukufa kukaYesu, ibe oko kuya kwenziwa de kube nini? UPawulos wayengathi ukufa kukaYesu kwakuya kuba yinto ekhunjulwa umhla nezolo. Ibinzana lesiGrike elisetyenziswe apho elithi “ngamaxesha onke” lithetha ukuba “nanini na” okanye “sihlandlo ngasinye.” Ngoko, uPawulos wayesithi sihlandlo ngasinye amaKristu athanjisiweyo ethabatha imifuziselo yeSikhumbuzo, okuthetha ukuthi, kanye ngonyaka, ngoNisan 14, ‘abhengeza ukufa kweNkosi.’ Oku akwenza “ide ifike,” okanye kude kube xa iwamkela kuvuko lwasezulwini.—1 Tes. 4:14-17.
13:13—Kungayiphi indlela oluthi uthando lube lukhulu ngayo ngaphezu kokholo nethemba? Xa ‘izinto ezithenjiweyo’ zisenzeka ‘nolindelo oluqinisekisiweyo’ lwazo lubonakala, luyaphela olo kholo nethemba besinalo ngazo. (Heb. 11:1) Uthando lungaphezu kokholo nethemba kuba lona luhlala ngonaphakade.
15:29—Kuthetha ntoni ‘ukubhaptizwa ngenjongo yokuba ngabo bafileyo’? UPawulos wayengathi abantu abaphilayo mababhaptizwe egameni labo bafa bengekabhaptizwa. Apha uthetha ngokubhaptizelwa kwamaKristu athanjiswe ngomoya kubomi apho agcina khona ingqibelelo yawo de kube sekufeni aze avuselwe kubomi bomoya.
Oko Sikufundayo:
1:26-31; 3:3-9; 4:7. Ukuthobeka size siqhayise ngoYehova, kungekhona ngathi kukhuthaza umanyano ebandleni.
2:3-5. Ngoxa wayeshumayela eKorinte, nesisazulu sentanda-bulumko nemfundo yamaGrike, kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayexhalabele ukuba wayeya kukwazi kusini na ukweyisela abaphulaphuli bakhe. Noko ke, akazange avumele nabuphi na ubuthathaka okanye uloyiko ekusenokwenzeka ukuba wayenalo luphazamisane nobulungiseleli awayebunikwe nguThixo. Nathi asimele sivumele iimeko ezingaqhelekanga zisithintele ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. NjengoPawulos, sinokuthembela kuncedo lukaYehova.
2:16. Ukuba ‘nengqondo kaKristu’ kutheth’ ukwazi indlela yakhe yokucinga, ukucinga njengaye, ukubuqonda ngokupheleleyo ubuntu bakhe nokuxelisa umzekelo wakhe. (1 Pet. 2:21; 4:1) Kubaluleke ngokwenene ke ukuba sicamngce ngobomi nobulungiseleli bukaYesu.
3:10-15; 4:17. Simele sibuhlolisise size sibuphucule ubuchule bethu bokufundisa nokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Ukuba asifundisi kakuhle, abo sibafundelayo basenokungaluphumeleli uvavanyo lokholo lwabo, yaye sinokulahlekelwa kakhulu kangangokuba usindiso lwethu ‘lube ngathi ludlule emlilweni.’
6:18. ‘Ukusaba kuhenyuzo’ akupheleli nje ekuphepheni izenzo zepor·neiʹa kodwa kuquka ukuphepha imifanekiso yamanyala, ukungcola, ukucinga ngokuziphatha okubi ngokwesini, ukudlala ngothando—nayo nantoni na enokukhokelela kuhenyuzo.—Mat. 5:28; Yak. 3:17.
7:29. Amaqabane omtshato afanele alumke angachithi ixesha elininzi kunye de izilangazelelo zoBukumkani zibe kwindawo yesibini kubomi bawo.
10:8-11. Yamcaphukisa gqitha uYehova into yokumbombozela kukaSirayeli nxamnye noMoses noAron. Nathi siya kuba silumkile xa siwuphepha nomoya wokumbombozela.
16:2. Siya kukwazi ukuhlala sinikela ukuze sixhase izilangazelelo zoBukumkani ukuba siyiceba kusengaphambili indlela esiya kukwenza ngayo oko.
‘QHUBEKANI NILUNGISWA’
UPawulos uxelela abaseKorinte ukuba bafanele ‘bamxolele ngobubele baze bamthuthuzele’ umoni oguqukileyo ababemkhalimele. Nakuba ileta yakhe yokuqala yayibenze buhlungu, uPawulos uvakalisa uvuyo analo ngenxa yokuba baba “buhlungu ukusa ekuguqukeni.”—2 Kor. 2:6, 7; 7:8, 9.
‘Kanye njengoko babephuphuma kwinto yonke,’ uPawulos ukhuthaza abaseKorinte ukuba ‘baphuphume nasekunikeleni.’ Emva kokuphendula abachasi, nali icebiso lokugqibela alinikela kubo bonke: “Qhubekani ninemihlali, nilungiswa, nithuthuzelwa, nicinga ngokuvumelanayo, nihlala ngoxolo.”—2 Kor. 8:7; 13:11.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:15, 16—Siba lilo njani “ivumba elimnandi likaKristu”? Siba lilo xa sithobela iBhayibhile size sisasaze isigidimi sayo. Ngoxa kusenokwenzeka ukuba elo ‘vumba’ linuka kakubi kubantu abangengomalungisa, litsho kamnandi kuYehova nakwabo banyanisekileyo.
5:16—Kuthethwa ukuthini xa kusithiwa amaKristu athanjisiweyo ‘akukho mntu amazi ngokwenyama’? La maKristu akajongi abantu ngendlela yokwenyama, into ethetha ukuthi, akabonisi khethe ngenxa yobutyebi umntu anabo, ibala okanye uhlanga lwakhe, okanye ilizwe avela kulo. Eyona nto iphambili kuwo lulwalamano lokomoya namanye amaKristu.
11:1, 16; 12:11—Ngaba uPawulos wayengenangqiqo kwabaseKorinte? Akunjalo. Kodwa, kusenokwenzeka ukuba kwabanye wabonakala njengomntu oqhayisayo nongenangqiqo ngenxa yoko kwanyanzeleka ukuba akuthethe ekhusela ukuba ngumpostile kwakhe.
12:1-4—Ngubani lo “wathatyathelwa eparadesi”? Ekubeni iBhayibhile ingathethi ngaye nabani na owaba nombono onjalo yaye amazwi alandelayo ingakaPawulos xa wayekhusela ukuba ngumpostile kwakhe, kusenokwenzeka ukuba wayethetha ngento eyenzeka kuye. Kulo mbono, kumele ukuba lo mpostile wayebona iparadesi yokomoya enanditshwa libandla lamaKristu ‘ngexesha lesiphelo.’—Dan. 12:4.
Oko Sikufundayo:
3:5. Le ndinyana isixelela ukuba nguYehova onceda amaKristu ukuze afanelekele ubulungiseleli esebenzisa iLizwi lakhe, umoya oyingcwele nenxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe. (Yoh. 16:7; 2 Tim. 3:16, 17) Simele siyifundisise kakuhle iBhayibhile neempapasho ezisekelwe kuyo, sithandaze rhoqo sicela umoya oyingcwele size singaze siphoswe ziintlanganiso zamaKristu nakukuba nenxaxheba kuzo.—INdu. 1:1-3; Luka 11:10-13; Heb. 10:24, 25.
4:16. Ekubeni uYehova emenza mtsha ‘umntu esinguye ngaphakathi imihla ngemihla,’ simele siwaxhase amalungiselelo kaYehova, singavumeli nosuku olunye ludlule singakhange senze nto ukuze someleze ulwalamano lwethu noThixo.
4:17, 18. Ukukhumbula ukuba “imbandezelo iyeyokomzuzwana yaye incinane,” kunokusinceda sihlale sithembekile kuYehova naxa kunzima.
5:1-5. UPawulos uyichaza kakuhle gqitha indlela avakalelwa ngayo amaKristu athanjisiweyo ngethemba lawo lokuphila ezulwini.
10:13. Ngokuqhelekileyo, sifanele sisebenze kuphela intsimi eyabelwe ibandla lethu, ngaphandle kokuba kwenziwe amalungiselelo akhethekileyo okuba siye kuncedisa kwindawo enemfuneko engakumbi.
13:5. Ukuze ‘sizivavanye enoba siselukholweni kusini na,’ sifanele sihlolisise indlela esiziphatha ngayo ngokusekelwe koko sikufunda eBhayibhileni. ‘Ukuze sizicikide oko sikuko’ sifanele sihlolisise imeko yethu yokomoya, nokuba bukhali ‘kwamandla ethu okuqonda’ nobungakanani bemisebenzi yethu yokholo. (Heb. 5:14; Yak. 1:22-25) Xa sisebenzisa eli cebiso likaPawulos, sinokuqhubeka sihamba endleleni eyinyaniso.
[Umfanekiso okwiphepha 26, 27]
Atheth’ ukuthini amazwi athi “ngamaxesha onke enisukuba nisitya esi sonka, niyisela le ndebe”?—1 Kor. 11:26.