IZenzo Zabapostile
4 Ngoxa aba babini babesathetha nabantu, ababingeleli, umphathi wetempile nabaSadusi+ beza kubo. 2 Babecaphukile ngenxa yokuba abapostile babefundisa abantu yaye beshumayela ngokucacileyo ukuba uYesu uvusiwe ekufeni.*+ 3 Ngoko bababamba baza babafaka ejele+ de kwayimini elandelayo, kuba kwakusele kuhlwile. 4 Kodwa ke abaninzi kwabo babemamele loo ntshumayelo bakholwa, yaye amadoda awakholwayo aba malunga ne-5 000.+
5 Ngemini elandelayo abalawuli bamaYuda, abadala nababhali badibana eYerusalem, 6 kukho noAnas+ umbingeleli oyintloko, uKayafa,+ uYohane, uAleksandire nabo bonke abo babezizalamane zombingeleli oyintloko. 7 Bamisa uPetros noYohane phakathi kwabo, bababuza besithi: “Le nto niyenza ngamandla okanye ngegama likabani?” 8 Ngoko uPetros, efumene umoya oyingcwele,+ wathi:
“Balawuli babantu nani badala, 9 ukuba namhlanje sixoxiswa ngokwenzela indoda esisiqhwala into elungileyo,+ yaye nifuna ukwazi ukuba ngubani oyiphilisileyo, 10 nimele nazi nina nonke nawo onke amaSirayeli ukuba le ndoda iphiliswe ngegama likaYesu Kristu umNazarete,+ lo nambethelela esibondeni+ kodwa uThixo wamvusa ekufeni,+ kungenxa yakhe le ndoda imi apha phambi kwenu iphilile. 11 Lo Yesu ‘ulilitye enalibona lingabalulekanga nina bakhi kodwa eliye laba lilitye lekona eliyintloko.’+ 12 Ngapha koko, akakho omnye umntu onokusindisa, kuba alikho elinye igama elikhethiweyo+ phantsi kwezulu abanokusindiswa ngalo abantu.”+
13 Xa beva uPetros noYohane bethetha ngesibindi bothuka, kuba babesazi ukuba bangabantu abangafundanga* nabaqhelekileyo.+ Ngoko baqonda ukuba babekade bekunye noYesu.+ 14 Njengokuba babejonge laa mntu wayephilisiwe emi nabo,+ zange bakwazi ukuphendula.+ 15 Ngoko babayalela ukuba baphumele ngaphandle kweholo yeNkundla Ephakamileyo YamaYuda,* baza bacebisana 16 besithi: “Yintoni emasiyenze ngala madoda?+ Kuba nyhani ke bawenzile ummangaliso obonakala kubo bonke abantu baseYerusalem,+ yaye asinakuwuphika. 17 Ukuze le nto ingasasazeki ngaphezu koku, masibagrogrise sithi bangaphinde bathethe namntu ngeli gama.”+
18 Emva koko bababiza baza babayalela ukuba bangaphinde bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu. 19 Kodwa uPetros noYohane bathi: “Ukuba ilungile emehlweni kaThixo into yokumamela nina kunokumamela yena, zigqibeleni ngokwenu. 20 Kodwa thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.”+ 21 Ngoko emva kokuba bephinde babagrogrisa, babayeka bahamba, ekubeni bengazange bafumane nto abanokubohlwayela yona nangenxa yabantu,+ kuba bonke babemzukisa uThixo ngenxa yento eyenzekileyo. 22 Laa ndoda yayiphiliswe ngommangaliso yayineminyaka engaphezulu kweyi-40.
23 Emva kokuba bekhululwe, baya kwabanye abafundi baza babaxelela izinto ezithethwe ngababingeleli abaziintloko nangabadala. 24 Emva kokuba bezivile ezo zinto, bonke bathandaza kuThixo, bathi:
“Nkosi enguMongami, nguwe owadala izulu, umhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezikuzo,+ 25 yaye nguwe owathetha ngokhokho wethu uDavide,+ umkhonzi wakho, usebenzisa umoya wakho oyingcwele, usithi: ‘Kwakutheni ukuze iintlanga zibe noqhushululu nezizwana zicinge ngezinto ezingekhoyo? 26 Ookumkani bomhlaba bema, nabalawuli bamanyana ukuze balwe noYehova* nomthanjiswa wakhe.’*+ 27 Kuba nyhani uHerode, uPontiyo Pilato,+ abantu beentlanga nabakwaSirayeli baqokelelana kwesi sixeko ukuze balwe nomkhonzi wakho ongcwele uYesu, lo wamthambisayo,+ 28 ukuze benze into owayichaza kwangaphambili. Wayenza le nto ngamandla akho ukuze kwenziwe ukuthanda kwakho.+ 29 Ngoku ke Yehova, khawumamele indlela abagrogrisa ngayo, uze uncede amakhoboka akho ahlale elithetha ngesibindi ilizwi lakho, 30 ngoxa usolula isandla sakho ukuze kuphiliswe abantu, kwenziwe imimangaliso nezinto ezinkulu+ ngegama lomkhonzi wakho ongcwele uYesu.”+
31 Bakuba begqibile ukuthandaza becenga,* indawo ababeqokelelene kuyo yagungqiswa, baza bonke bafumana umoya oyingcwele,+ balithetha ngesibindi ilizwi likaThixo.+
32 Ngaphezu koko, bonke abantu ababa ngamakholwa babemanyene entliziyweni nasemphefumlweni,* yaye akukho mntu wayebanga nto, kunoko babesahlulelana ngayo yonke into.+ 33 Kwelinye icala abapostile baqhubeka beshumayela ngamandla ngovuko lweNkosi uYesu,+ yaye uThixo wabenzela ububele obukhulu.* 34 Enyanisweni akukho mntu wayedinga nto phakathi kwabo,+ kuba bonke ababenamasimi okanye izindlu babezithengisa baze bazise loo nto bayifumeneyo, 35 yaye babeyinika abapostile.+ Emva koko kwakusohlulelwa wonke umntu ngokweemfuno zakhe.+ 36 Ngoko uYosefu, abapostile ababembiza ngokuba nguBharnabhas+ (igama elithetha ukuthi, “uNyana Wentuthuzelo”), ongumLevi, inzalelwane yaseSipro, 37 wayenesiqwenga somhlaba, wasithengisa waza loo mali wayizisa kubapostile.+