Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
4 Simele sijongwe njengezicaka zikaKristu nanjengamagosa eemfihlelo ezingcwele zikaThixo.+ 2 Kodwa ke amagosa afanele ahlale ethembekile. 3 Yinto engenamsebenzi kum ukuhlolwa nini okanye yinkundla yabantu. Kwamna lo andizihloli ngokwam. 4 Kaloku akukho nto imbi endiyaziyo endiyenzileyo. Kodwa loo nto ayithethi kuthi ndililungisa, kuba nguYehova*+ ondihlolayo. 5 Ngoko sanukugweba+ nantoni na ngaphambi kwexesha layo, de ifike iNkosi. Iza kuzizisa ekukhanyeni izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, ize izenze zaziwe izinto ezisezintliziyweni zabantu, aze mntu ngamnye anconywe nguThixo ngendlela emfaneleyo.+
6 Ezi zinto ke bazalwana, ndiye ndazibhala ndisebenzisa igama lam nelika-Apolo+ ukuze kuncedakale nina, nokuze xa nibona umzekelo wethu nifunde lo mthetho uthi: “Ningagqithi kwizinto ezibhaliweyo,” ukuze ningaziphakamisi+ nize nikhethe abanye abantu ngaphezu kwabanye. 7 Kuba yintoni ekwenza wahluke kwabanye abantu? Yintoni onayo ongayiphiwanga?+ Ukuba ke uyiphiwe, kutheni uqhayisa ngokungathi awuyiphiwanga?
8 Senanele na? Senizizityebi na? Seniqalisile na ukuba ngookumkani+ ngaphandle kwethu? Akwaba beseniqalise nyhani ukulawula, ukuze nathi sibe ngookumkani kunye nani.+ 9 Ndibona ngathi uThixo uye wasenza thina bapostile sangabokugqibela ukungena ebaleni kubantu abagwetyelwe ukufa,+ kuba siye sabukelwa ngabantu behlabathi lonke+ naziingelosi. 10 Thina sizizidenge+ ngenxa kaKristu, kodwa nina nizibona nilumkile kuba nimlandela; thina asinamandla, kodwa nina ninawo; niyahlonitshwa, kodwa thina siyadelelwa. 11 Nangoku sisaqhubeka silamba,+ sinxanwa,+ singenazimpahla, sibethwa,+ singenakhaya, 12 sisebenza nzima ngezandla zethu.+ Xa sithukwa, siyasikelela;+ xa sitshutshiswa, siyanyamezela;+ 13 xa kuthethwa kakubi ngathi, siphendula kakuhle;+ siye safana nenkunkuma yehlabathi, ubumdaka bazo zonke izinto, de kube ngoku.
14 Ezi zinto andizibhali kuba ndifuna ukunihlazisa, kodwa ndifuna ukunicebisa kuba ningabantwana bam endibathandayo. 15 Nokuba ningaba nabantu abayi-10 000 abanifundisa indlela yokulandela uKristu, ndiqinisekile ukuba abekho baninzi bona ootata benu, kuba ndim oye waba ngutata wenu, ndanifundisa iindaba ezilungileyo nokulandela uKristu Yesu.+ 16 Ndiyanicela ke, yibani njengam.+ 17 Yiloo nto ndithumela uTimoti kuni, kuba ungumntwana wam endimthandayo nothembekileyo eNkosini. Uza kunikhumbuza ngeendlela zam zokusebenzela uKristu Yesu,+ kanye njengokuba ndifundisa kuwo onke amabandla.
18 Abanye baziphakamisile, becinga ukuba andizi kuni. 19 Kodwa ndiza kukhawuleza ndifike apho, ukuba uYehova* uyavuma, ndize ndingamameli ukuba bathini abo bantu baziphakamisileyo, kodwa ndibone ukuba banawo na amandla kaThixo. 20 Kuba ayizozinto esizithethayo ezibonisa ukuba silawulwa buBukumkani BukaThixo, kodwa zezo sizenzayo, kutsho kubonakale ukuba sinamandla avela kuThixo. 21 Nikhetha eyiphi phakathi kokuba ndize ndiphethe intonga+ okanye ndize ndinothando kwaye ndizolile?