Eyesibini KaSamuweli
11 Ekuqaleni konyaka,* xa ookumkani bedla ngokuyokulwa iimfazwe, uDavide wathumela uYowabhi nezicaka zakhe nawo wonke umkhosi wakwaSirayeli, ukuba bayokutshabalalisa ama-Amoni, yaye bayirhangqa iRabha,+ ngoxa yena uDavide washiyeka eYerusalem.+
2 Ngenye ingokuhlwa* uDavide wavuka ebhedini yakhe waza wahambahamba phezu kophahla lwendlu kakumkani.* Wathi elapho phezu kophahla wabona umfazi ehlamba, ibe lo mfazi wayeyinzwakazi. 3 UDavide wathumela umntu ukuba ayokubuzisa ngalo mfazi, yaye loo mntu wathi: “AsingoBhatshebha+ na lo intombi kaEliyam,+ engumfazi kaUriya+ umHiti?”+ 4 Emva koko uDavide wathumela abathunywa ukuba bayokumthatha.+ Ukufika kwakhe, uDavide walala naye.+ (Le nto yenzeka xa lo mfazi wayezicoca ekungcoleni.*)+ Emva koko wabuyela endlini yakhe.
5 Lo mfazi wakhulelwa waza wathumela kuDavide esithi: “Ndikhulelwe.” 6 UDavide wathumela umyalezo kuYowabhi, esithi: “Thumela kum u-Uriya umHiti.” UYowabhi wamthumela u-Uriya kuDavide. 7 Akufika u-Uriya, uDavide wambuza ukuba uqhuba njani uYowabhi, aqhuba njani amajoni, nokuba imfazwe iqhuba njani. 8 Emva koko uDavide wathi ku-Uriya: “Yihla uye endlini yakho, uyokuphumla.”* Uthe xa ephuma apho, wathunyelelwa isipho sembeko sikakumkani.* 9 Noko ke, u-Uriya walala ngasemnyango wendlu kakumkani kunye nazo zonke ezinye izicaka zenkosi yakhe. Zange ehle aye endlini yakhe. 10 Kwathiwa kuDavide: “U-Uriya akehlanga aye endlini yakhe.” Akuyiva loo nto uDavide, wathi ku-Uriya: “Awuveli eluhambeni na? Kutheni ungehlanga uye endlini yakho?” 11 U-Uriya wathi kuDavide: “ITyeya,+ uSirayeli noYuda bahleli ezintenteni, yaye inkosi yam uYowabhi nezicaka zenkosi yam bamise inkampu endle. Ngaba mna ndifanele ndiye endlini yam ukuze nditye, ndisele ndize ndilale nomfazi wam?+ Uphila nje yaye uphefumla, soze ndiyenze loo nto!”
12 UDavide wathi ku-Uriya: “Hlala apha nanamhlanje, ngomso ndiza kukuyeka uhambe.” Ngoko u-Uriya wahlala eYerusalem ngaloo mini nangemini elandelayo. 13 Emva koko uDavide wambiza ukuze azokutya aze asele naye, waza wamnxilisa. Kodwa ngokuhlwa, u-Uriya waya kulala ebhedini yakhe kunye nezicaka zenkosi yakhe, nkqi ukwehla aye endlini yakhe. 14 Kusasa uDavide wabhalela uYowabhi ileta waza wayithumela ngoUriya. 15 Eleteni wathi: “U-Uriya mbekeni phambili, kweyona ndawo ishushu edabini. Emva koko buyani umva ukuze axatyelwe afe.”+
16 Ngoxa uYowabhi wayerhangqa isixeko, wabeka u-Uriya kwindawo apho wayesazi ukuba inamadoda angamakroti. 17 Akuphuma amadoda esixeko aza alwa noYowabhi, bambi kwizicaka zikaDavide bawa, noUriya umHiti waba ngomnye wabantu abafayo.+ 18 UYowabhi wachazela uDavide yonke into eyenzeke emfazweni. 19 Wayalela umthunywa, wathi: “Xa ugqiba ukuchazela ukumkani yonke into eyenzeke emfazweni, 20 ukumkani usenokuba nomsindo aze athi kuwe, ‘Bekutheni ukuze nisondele kangaka esixekweni ukuze nilwe? Beningazi na ukuba baza kunitola bephezulu eludongeni? 21 Ngubani owabulala uAbhimeleki+ unyana kaYerubheshete?+ Yayingengomfazi na owamtyumza ngelitye lokuguba, ephezulu eludongeni, wambulalela apho eTebhetse? Bekutheni ukuze nisondele kangaka eludongeni?’ Uze uthi, ‘Nesicaka sakho u-Uriya umHiti siye safa.’”
22 Wahamba ke umthunywa wayokuxelela uDavide yonke into uYowabhi athe makayithethe. 23 Umthunywa wathi kuDavide: “Utshaba luye lwanamandla kunathi, lwaphuma, lwaza kusihlasela endle, kodwa siye salududula, silubuyisela kwigeyithi yesixeko. 24 Kwaye abatoli baye batola kwizicaka zakho bephezulu eludongeni, kangangokuba abanye kwizicaka zikakumkani baye bafa, nesicaka sakho u-Uriya umHiti uye wafa.”+ 25 Akuyiva loo nto uDavide, wathi kumthunywa: “Uze uthi kuYowabhi, ‘Sukuzikhathaza ngale nto, kuba ikrele liqwenga nabani na. Wena nje qinisa idabi ulwe nesixeko usoyise.’+ Uze umkhuthaze.”
26 Uthe umfazi kaUriya akuva ukuba u-Uriya indoda yakhe ifile, wamzilela umyeni wakhe. 27 Lithe lakugqitha ixesha lokuzila, ngoko nangoko uDavide wathumela ukuba alandwe waza wamzisa endlini yakhe, waba ngumfazi wakhe,+ waza wamzalela unyana. Kodwa le nto wayeyenzile uDavide yayimbi kakhulu kuYehova.*+