Yeremiya
26 Ekuqaleni kolawulo lukaYehoyakim+ unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi livela kuYehova: 2 “Uthi uYehova, ‘Yima eyadini yendlu kaYehova, uthethe ngazo* zonke izizwana nezixeko zakwaYuda ezize kukhonza* endlini kaYehova. Zixelele yonke into endikuyalela yona; ungashiyi nalinye igama. 3 Mhlawumbi ziya kumamela aze ngamnye ajike endleleni yakhe embi, ndize ndingabi sayizisa intlekele* ebendizimisele ukuyizisa kuzo ngenxa yezenzo zazo ezimbi.+ 4 Yithi kuzo: “Uthi uYehova, ‘Ukuba anindimameli nize ningahambi emthethweni* wam endininike wona, 5 ngokumamela amazwi abakhonzi bam abaprofeti, endiye ndamane ndibathumela* kuni, ningabamameli,+ 6 le ndlu ndiza kuyenza ibe njengeShilo,+ nesi sixeko ndiza kusenza sibe yinto ezithukana ngayo zonke iintlanga zomhlaba.’”’”+
7 Yaye ababingeleli nabaprofeti nabo bonke abantu bamva uYeremiya ethetha la mazwi endlini kaYehova.+ 8 Akugqiba uYeremiya ukuzithetha zonke izinto uYehova awayemyalele ukuba azithethe kubo bonke abantu, ababingeleli nabaprofeti nabo bonke abantu bambamba, bathi: “Ngokuqinisekileyo uza kufa. 9 Kutheni uye waprofeta egameni likaYehova usithi, ‘Le ndlu iza kuba njengeShilo, nesi sixeko siza kutshatyalaliswa kungabikho mntu uhlalayo kuso’?” Baza bonke abantu bamrhangqa uYeremiya endlini kaYehova.
10 Xa iinkosana zakwaYuda zawevayo la mazwi, zenyuka zivela endlini kakumkani zaya endlini kaYehova zaza zahlala phantsi egeyithini entsha kaYehova.+ 11 Ababingeleli nabaprofeti bathi kwiinkosana nakubo bonke abantu: “Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa,+ ngenxa yokuba iprofete izinto ezimbi ngesi sixeko njengokuba nani nizivele ngeendlebe zenu.”+
12 UYeremiya wathi kuzo zonke iinkosana nakubo bonke abantu: “NguYehova ondithume ukuba ndiwaprofete onke la mazwi niwavileyo ngale ndlu nangesi sixeko.+ 13 Ngoko lungisani iindlela zenu nezenzo zenu, nithobele ilizwi likaYehova uThixo wenu, ibe uYehova akazukuba sayizisa kuni intlekele ebethethe ngayo.*+ 14 Mna ke, ndisesandleni senu. Ndenzeni nantoni na eniyibona ifanelekile. 15 Kodwa ke ze niqiniseke ukuba, ukuba niyandibulala, niza kuzisa igazi elimsulwa kuni nakwesi sixeko nakubantu abahlala kuso, kuba enyanisweni nguYehova ondithume ukuba ndithethe kuni nisiva.”
16 Emva koko iinkosana nabo bonke abantu bathi kubabingeleli nakubaprofeti: “Le ndoda ayifanelwanga sisigwebo sokufa, kuba ithethe nathi egameni likaYehova uThixo wethu.”
17 Ngapha koko, amanye kumadoda amakhulu elizwe aphakama aza athi kulo lonke ibandla: 18 “UMika+ waseMoresheti wayeprofeta ngemihla kaHezekiya+ ukumkani wakwaYuda, ibe wathi kubo bonke abantu bakwaYuda, ‘Uthi uYehova wemikhosi:
“IZiyon iza kulinywa njengentsimi,
IYerusalem iza kuba ngamabhodlo,+
Nentaba yeNdlu* iza kuba njengeendawo eziphakamileyo ehlathini.”’+
19 “Ngaba uKumkani uHezekiya wakwaYuda naye wonke uYuda bambulala? Akazange na uHezekiya amoyike uYehova aze amcenge uYehova,* waza uYehova akayizisa intlekele* awayethe uza kuyizisa?+ Ngoko siza kuzibizela intlekele enkulu.
20 “Kwakukho nenye indoda eyayiprofeta egameni likaYehova, u-Uriya unyana kaShemaya waseKiriyati-yarim,+ eyaprofeta amazwi afana nakaYeremiya ngesi sixeko nangeli lizwe. 21 UKumkani uYehoyakim+ nawo onke amadoda akhe anamandla nazo zonke iinkosana baweva amazwi akhe, waza ukumkani wafuna ukumbulala.+ Xa u-Uriya wayivayo le nto, ngoko nangoko woyika waza wabalekela eYiputa. 22 UKumkani uYehoyakim wathumela uElnatan+ unyana ka-Akebhore namanye amadoda eYiputa. 23 Bamlanda ke u-Uriya eYiputa, bamsa kuKumkani uYehoyakim, waza yena wamxabela ngekrele,+ isidumbu sakhe wasiphosa emangcwabeni abantu abaqhelekileyo.”
24 Kodwa uAhikam+ unyana kaShafan+ wamxhasa uYeremiya, waza akanikelwa ebantwini ukuze bambulale.+