Eyesibini KwabaseTesalonika
3 Okokugqibela bazalwana, qhubekani nisithandazela,+ ukuze ilizwi likaYehova* liqhubeke lisasazeka ngokukhawuleza+ yaye lidunyiswa kanye njengokuba nani nisenza, 2 nokuze sisindiswe kubantu abenzakalisayo nabenza izinto ezimbi,+ kuba ayingabo bonke abantu abanokholo.+ 3 Kodwa iNkosi ithembekile, yaye iza kuniqinisa ize inikhusele kumenzi-bubi. 4 Ngaphezu koko, ekubeni singabalandeli beNkosi, siyanithemba ukuba niyazenza yaye niza kuqhubeka nizenza izinto esiniyalele zona. 5 Kwanga iNkosi ingaqhubeka inikhokela ukuze nithande uThixo+ nize ninyamezele+ ngenxa kaKristu.
6 Ngoku ke siyaniyala bazalwana, egameni leNkosi uYesu Kristu, ukuba nihambele kude kuye nawuphi na umzalwana ongalawulekiyo+ nongazenziyo izinto esanifundisa zona.+ 7 Kaloku niyazi ukuba nimele nibe njengathi,+ kuba saziphatha kakuhle xa sasikunye nani, 8 ibe asizange sitye kutya kwamntu mahala.+ Kodwa sasebenza nzima ubusuku nemini ukuze singabi ngumthwalo kuni.+ 9 Sasinalo ilungelo lokufuna izinto kuni,+ kodwa safuna ukuba ngumzekelo enimele niwulandele.+ 10 Kaloku ngexesha esasikunye nani, sasidla ngokuthi kuni: “Ukuba umntu akafuni kusebenza, makanganikwa kutya.”+ 11 Kuba siva ukuba kukho abantu abangalawulekiyo phakathi kwenu,+ bengafuni kusebenza kodwa bezifaka ezintweni ezingabafuniyo.+ 12 Abo bantu siyabayala, sibacela egameni leNkosi uYesu Kristu ukuba bazisebenzele bengaphazamisi mntu, baze batye ukutya abakusebenzeleyo.+
13 Nina ke bazalwana ningayeki ukwenza izinto ezilungileyo. 14 Kodwa ukuba kukho nabani na ongayithobeliyo into esiyithethayo kule leta, mphawuleni, nibhekele kuye,+ ukuze abe neentloni. 15 Ningamjongi njengotshaba, kodwa qhubekani nimlungisa+ njengomzalwana.
16 Kwanga iNkosi yoxolo ingahlala ininika uxolo ngandlela zonke.+ INkosi mayibe nani nonke.
17 Lo ngumbuliso wam, mna Pawulos.+ Ndihlala ndibhala ngale ndlela kuzo zonke iileta zam, ukuze nazi ukuba zibhalwa ndim.
18 Kwanga iNkosi yethu uYesu Kristu inganenzela ububele* nonke.