ISAHLUKO 14
Ukugcina Ibandla Linoxolo Yaye Licocekile
NYAKA ngamnye kubakho amawaka abantu abaya kwindlu kaYehova, beyokumkhonza ngendlela ayifunayo, bezalisekisa isiprofeto seBhayibhile. (Mika 4:1, 2) Kusivuyisa ngokwenene ukubamkela ‘kwibandla likaThixo’! (IZe. 20:28) Bayalixabisa ithuba lokukhonza uYehova kunye nathi kwaye bayavuya kuba ekhonzwa kakuhle ngendlela ecocekileyo nenoxolo. Umoya kaThixo oyingcwele nesiluleko sobulumko esikwiLizwi lakhe ziyasinceda sihlale sinoxolo size sigcine ibandla licocekile.—INdu. 119:105; Zek. 4:6.
2 Xa sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile, sinxiba “ubuntu obutsha.” (Kol. 3:10) Asizihoyi iingxabano ezingephi nokwahluka kwendlela esizibona ngayo izinto. Xa izinto sizijonga njengoYehova, siyazoyisa izinto zeli hlabathi ezinokusixabanisa, size sisebenze ngomanyano njengabazalwana bezizwe ngezizwe.—IZe. 10:34, 35.
3 Noko ke, ngamanye amaxesha kuye kuvele iingxaki ezinokuchitha uxolo nomanyano lwebandla. Yintoni ebangela loo nto? Kumaxesha amaninzi, kukungasisebenzisi isiluleko seBhayibhile. Kusafuneka silwe nokungafezeki kwethu. Akukho nokuba abe mnye kuthi ongenasono. (1 Yoh. 1:10) Omnye umntu usenokuthi, engaqondanga, enze into eza kubangela ukuba kungene ukungcola kokuziphatha okanye okungcolisa indlela esikhonza ngayo ebandleni. Sinokucaphukisa abanye ngokwenza okanye sithethe singacinganga, okanye sinokucatshukiswa yinto ethethwe okanye eyenziwe ngomnye. (Roma 3:23) Xa zisenzeka izinto ezinjalo, sinokuzilungisa njani?
4 Ngothando uYehova uye wazilungiselela zonke ezo zinto. ILizwi lakhe liyasicebisa ngoko simele sikwenze xa kuvela iingxaki. Uncedo luyafumaneka kubalusi bebandla abanothando, abadala. Xa sisebenzisa amacebiso abo eZibhalo, sinokuphinda sibe nobuhlobo obuhle nabanye ebandleni size siqhubeke sithandwa nguYehova. Ukuba siye saqeqeshwa okanye salulekwa ngenxa yobubi esiye sabenza, sinokuqiniseka ukuba ukulungiswa ngaloo ndlela kubonisa ukuba uTata wethu osezulwini uyasithanda.—IMize. 3:11, 12; Heb. 12:6.
UKULUNGISA IINGXABANO EZINCICI
5 Ngamanye amaxesha kunokuvela iingxabano okanye ukungaboni ngasonye okuncinci phakathi kwabantu abasebandleni. Ezi ngxabano zifanele zilungiswe ngokukhawuleza nangothando. (Efe. 4:26; Fil. 2:2-4; Kol. 3:12-14) Usenokufumanisa ukuba, iingxaki ezininzi ezichaphazela ubuhlobo bakho namanye amaKristu zinokulungiswa ngokusebenzisa isiluleko sikampostile uPetros sokuba ‘sithandane ngokusuka entliziyweni, kuba uthando logquma izono ezininzi.’ (1 Pet. 4:8) IBhayibhile ithi: “Sonke sihlala sizenza iimpazamo.” (Yak. 3:2) Xa sisebenzisa uMthetho Omkhulu, sibaphathe abanye ngendlela nathi esifuna ukuphathwa ngayo, sisenokuzixolela size sizilibale izinto ezincinci abasenze zona.—Mat. 6:14, 15; 7:12.
6 Ukuba ufumanisa ukuba ukhubekise umntu ngento oyenzileyo okanye oyithethileyo, kufuneka ukhawuleze uyilungise loo nto. Khumbula ukuba ubuhlobo bakho noYehova buyachaphazeleka. UYesu wacebisa abafundi bakhe esithi: “Ngoko ke, ukuba uzisa isipho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho ukhathazekile ngenxa yakho, sishiye eso sipho apho phambi kwesibingelelo, uhambe. Xolelana nomzalwana wakho kuqala; emva koko ubuye uze unikele isipho sakho.” (Mat. 5:23, 24) Kusenokwenzeka ukuba niye anaqondana. Ukuba kunjalo, thethani. Ukuba niyakwazi ukuthetha, akunakufane kubekho ukungaqondani ebandleni yaye ninokukwazi ukuzilungisa kakuhle iingxaki ezibangelwa kukungafezeki.
UKULUNGISWA NGEBHAYIBHILE
7 Ngamanye amaxesha, abadala kusenokufuneka balungise indlela umntu acinga ngayo. Le nto ayisoloko ilula. Xa wayebhalela amaKristu aseGalati, umpostile uPawulos wathi: “Bazalwana, nokuba umntu wenza into engalunganga engaqondi, nina enikhokelwa ngumoya nimele nimlungise ngomoya omhle.”—Gal. 6:1.
8 Xa abadala bewalusa umhlambi, banokulikhusela ibandla kwizinto ezininzi ezinokonakalisa ubuhlobo balo noThixo baze banqande iingxaki ezinzulu. Abadala bazama ukwenza indlela abasebenza ngayo ebandleni ifikelele kwinqanaba elathenjiswa nguYehova esebenzisa uIsaya: “Ngamnye uza kuba njengekhusi emoyeni, indawo yokuzifihla kwisiphango, njengemisinga yamanzi kwilizwe elomileyo, njengomthunzi weliwakazi kwilizwe elomileyo.”—Isa. 32:2.
UKUPHAWULA ABANGALAWULEKIYO
9 Umpostile uPawulos walumkisa ngabantu ababenokutyala impembelelo embi ebandleni. UPawulos wathi: “Ngoku ke siyaniyala bazalwana, egameni leNkosi uYesu Kristu, ukuba nihambele kude kuye nawuphi na umzalwana ongalawulekiyo nongazenziyo izinto esanifundisa zona. Kodwa ukuba kukho nabani na ongayithobeliyo into esiyithethayo kule leta, mphawuleni, nibhekele kuye, ukuze abe neentloni. Ningamjongi njengotshaba, kodwa qhubekani nimlungisa njengomzalwana.”—2 Tes. 3:6, 14, 15.
10 Ngamnye amaxesha kusenokubakho umntu ongenzanga sono sinzulu anokugxothwa ebandleni ngenxa yaso, kodwa abe eyidelela imilinganiselo kaThixo ekhokela amaKristu. Apha kuthethwa ngezinto ezifana nobuvila obugqithisileyo, ukugxeka okanye ubuxelegu. Usenokuba ‘uzifaka ezintweni ezingamfuniyo.’ (2 Tes. 3:11) Usenokuba ngumntu opheka amaqhinga ukuze athathe imali okanye izinto zabanye, okanye ozonwabisa ngendlela ecacileyo ukuba ayifanelekanga. Ukungalawuleki kwakhe kunzulu kangangokuba kunokulingcolisa ibandla yaye kusenokude kungene nakwamanye amaKristu.
11 Kuqala, abadala baza kuzama ukumnceda besebenzisa iBhayibhile. Kodwa ke, ukuba lo mntu uqhubeka edelela imigaqo yeBhayibhile nakubeni eye walulekwa ngokuphinda-phindiweyo, abadala basenokugqiba kwelokuba kunikelwe intetho elumkisa ibandla. Abadala baza kusebenzisa ukuqonda ukuze babone enoba imeko ethile inzulu ngokwaneleyo kwaye iphazamisa kangangokuba kufuneka intetho yokulumkisa. Isithethi siza kuthetha ngale ngxaki, kodwa asiyi kubiza gama lamntu. Noko ke, abo basaziyo isizathu sokuba kunikelwe le ntetho baza kubhekela kuloo mntu kuthethwa ngaye nangona bengayi kuyeka ukukhonza kunye naye, ‘bemlungisa njengomzalwana.’
12 Kubakho ithemba lokuba loo mntu ungalawulekiyo uza kuba neentloni aze atshintshe xa amanye amaKristu ekwenza ngokuthembeka oku. Xa kubonakala ukuba loo mntu uye waliyeka ikhondo lakhe lokungalawuleki, akusayi kuba yimfuneko ukuqhubeka ephawulwe.
UKULUNGISA IINGXABANO EZINKULU
13 Ukukulungela ukuzibetha ngoyaba iimpazamo akuthethi kuthi asikhathali xa kusenziwa ububi okanye sivumelana nabo. Asizizo zonke izinto eziphosakeleyo ekunokuthiwa umntu uzenza ngenxa yokungafezeki; kananjalo akufanelekanga ukuzibetha ngoyaba izinto eziphosakeleyo ezinzulu. (Lev. 19:17; INdu. 141:5) Isivumelwano soMthetho sasivuma ukuba ezinye izono zinzulu kunezinye, kunjalo ke nakwibandla lamaKristu.—1 Yoh. 5:16, 17.
14 UYesu wachaza iindlela ezicacileyo zokulungisa iingxaki ezinzulu phakathi kwamaKristu. Qaphela izinto awathi unokuzenza: “Ukuba umzalwana wakho uyakona, [1] hamba uyokuthetha naye ngaloo nto ninobabini kuphela. Ukuba uyakumamela, uya kuba umncedile umzalwana wakho. Kodwa ukuba akakumameli, [2] yiya kuye uhamba nomntu omnye okanye ababini, ukuze kubekho amangqina amabini okanye amathathu xa kugwetywa ityala. Ukuba akawamameli, [3] thetha nebandla. Ukuba akalimameli nebandla, kuwe makabe njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.”—Mat. 18:15-17.
15 Umzekeliso owenziwa nguYesu kamva, obhalwe kuMateyu 18:23-35, ubonisa ukuba esinye sezono ekuthethwa ngazo kuMateyu 18:15-17 sinento yokwenza nemali okanye izinto eziphathekayo, njengokungabuyisi imali ebibolekiwe okanye ubuqhetseba. Esinye isono isenokuba kukungcolisa igama lomnye umntu ngokuthetha kakubi ngaye.
16 Ukuba unobungqina obubambekayo bokuba umntu ebandleni ukwenze enye yezi zinto, sukungxamela ukuya kubadala ucele ukuba bangenelele. Njengoko uYesu wacebisayo, qala uthethe naloo mntu umkhalazelayo. Zama ukuyilungisa loo nto ninobabini ningakhange nifake omnye umntu. Khumbula ukuba uYesu akazange athi ‘yiya kube kanye kuphela, uyokuthetha naye ngaloo nto.’ Ngoko ke, ukuba loo mntu akavumi ukuba ukonile aze acele uxolo, mhlawumbi unokuphinda uye kuye ngelinye ixesha. Ukuba iyalunga ingxaki yenu emva kokuba nithethile, loo mntu ukonileyo uza kuyivuyela into yokuba ungakhange uxelele mntu ngesono sakhe okanye wangcolisa igama lakhe ebandleni. Uza kuba “umncedile umzalwana wakho.”
17 Ukuba lowo ukonileyo uyavuma ukuba ukonile, acele uxolo, aze alungise, akuyomfuneko ukuthatha amanye amanyathelo. Nangona loo nto ebekwenze yona umntu imbi kakhulu, ninokuyilungisa nobabini.
18 Ukuba awukwazi ukumnceda umzalwana wakho xa ‘uyokuthetha naye ngaloo nto ninobabini kuphela,’ unokwenza oko uYesu wakuthethayo, “yiya kuye uhamba nomntu omnye okanye ababini,” niye kuthetha nomzalwana wakho kwakhona. Injongo yabo bantu uya nabo kumzalwana wakho ifanele ibe kukumnceda. Ukuba kunokwenzeka, mayibe ngabantu abayibonileyo le nto iphosakeleyo isenzeka, kodwa ukuba abakho abantu abayibonileyo xa isenzeka, unokucela omnye okanye ababini ukuba bazokuba ngamangqina. Basenokuba banamava kuloo ngxaki kwaye basenokukwazi ukutsho enoba loo nto yenzekileyo iphosakele ngokwenene na. Abadala abacelwe ukuba babe ngamangqina abameli ibandla, kuba asiloqumrhu labadala elibacele ukuba basingathe loo mcimbi.
19 Ukuba le ngxaki ayikalungi emva kwemizamo eliqela, xa ubuthetha naye naxa ubuye kuye nomnye umzalwana okanye abazalwana ababini, kwaye uvakalelwa kukuba awunakuyibetha ngoyaba, ufanele uye kuchazela abadala bebandla. Ukhumbule ukuba bafuna ukugcina ibandla linoxolo kwaye licocekile. Wakuba uyile kubadala, yiyekele kubo, uze uthembele kuYehova. Ungaze uvumele into eyenziwa ngomnye umntu ikukhubekise okanye ikwenze ungonwabi xa ukhonza uYehova.—INdu. 119:165.
20 Abelusi bomhlambi baza kuwuphanda lo mcimbi. Ukuba bafumanisa ukuba ngokwenene lo mzalwana ukwenze into embi kakhulu kodwa akavumi kuguquka nokwenza umgudu osengqiqweni nofanelekileyo wokulungisa imicimbi, kusenokufuneka ikomiti yabadala imgxothe loo moni ebandleni. Ngale ndlela bayawukhusela umhlambi baze bagcine nebandla licocekile.—Mat. 18:17.
UKUSINGATHA AMATYALA EZONO EZINZULU
21 Ezinye izono ezinzulu ezinjengokuziphatha kakubi ngesondo, ukukrexeza, amadoda alala namadoda okanye amabhinqa alala namabhinqa, ukuthuka uThixo, ukuwexuka, ukukhonza izithixo nezinye izono ezinzulu ezifana nezi, azifuni kuxolelwa ngulo mntu woniweyo nje kuphela. (1 Kor. 6:9, 10; Gal. 5:19-21) Ekubeni ibandla lisengozini yokungcoliswa, izono ezinjalo zifanele zixelwe kubadala ukuze bazisingathe. (1 Kor. 5:6; Yak. 5:14, 15) Umntu unokuzixela kubadala xa enze isono okanye axele esenziwe ngomnye umntu. (Lev. 5:1; Yak. 5:16) Kungakhathaliseki ukuba abadala bayive ngayiphi indlela ekuqaleni ingxelo ethi iNgqina lenze isono esinzulu, kufanele kubekho abadala ababini abenza uphando kuqala. Ukuba kufunyaniswa ukuba inesihlahla loo ngxelo ibe ubungqina bubonisa ukuba kuye kwenziwa isono esinzulu, iqumrhu labadala liza kumisela ikomiti egwebayo enabadala abathathu okanye ngaphezulu.
22 Abadala bawugade kakhulu umhlambi bafuna ukuwukhusela kuyo nayiphi na into enokuphelisa ukholo lwawo. Benza umzamo wokusebenzisa iLizwi LikaThixo ngobuchule ukuze banqande nabani na oye waphambuka bezama ukumbuyisela endleleni. (Yude 21-23) Oku kuvisisana nemiyalelo eyanikelwa ngumpostile uPawulos kuTimoti, ethi: “Ndiyakuyala phambi koThixo noKristu Yesu, oza kugweba abaphilayo nabafileyo, . . . Baluleke abantu, ubangxolise, ubacenge, ubafundise ngobuchule nangomonde.” (2 Tim. 4:1, 2) Ukwenjenjalo kunokutya ixesha, kodwa ke kuyinxalenye yomsebenzi wabadala. Ibandla liyayixabisa imigudu yabo kwaye libanika ‘imbeko ephindiweyo.’—1 Tim. 5:17.
23 Xa kufunyaniswe ukuba umntu unetyala, eyona njongo iphambili yabadala, kukumbuyisela endleleni. Ukuba uguquka ngokwenene kwaye uyavuma ukuncedwa, ukumluleka ecaleni okanye phambi kwamangqina ebekho xa bekumanyelwe ityala, kuza kumqeqesha yaye kuza kwenza ukuba nawo oyike ukona. (2 Sam. 12:13; 1 Tim. 5:20) Xa umoni elulekwa, uye abekelwe imiqathango. Ngaloo ndlela umoni unokuncedwa ‘ahambe kwindlela efanelekileyo.’ (Heb. 12:13) Ngexesha elifanelekileyo, iyasuswa imiqathango xa kubonakala ukuba buya bulunga ubuhlobo baloo mntu noThixo.
ISAZISO XA UMNTU ELULEKIWE YIKOMITI EGWEBAYO
24 Ukuba ikomiti egwebayo igqiba kwelokuba loo mntu uguqukile, kodwa into ayenzileyo inokwaziwa libandla okanye ekuhlaleni okanye ukuba kufuneka ibandla lilunyukiswe, kunokwenziwa isaziso esifutshane kwiNtlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Sifanele sithi: “U[Chaza igama] ululekiwe yikomiti egwebayo.”
UKUBA ISIGQIBO KUKUMSUSA KUBUDLELANE
25 Kwezinye iimeko umoni usenokungafuni ukujika kwikhondo lakhe lesono aze ngenxa yoko angayamkeli imizamo yokumnceda. Usenokuba akenzanga ‘izinto ezibonisa ukuba uguqukile’ xa bekuxoxwa ityala lakhe. (IZe. 26:20) Kumele kwenziwe ntoni xa kunjalo? Kwiimeko ezinjalo, kuye kufuneke agxothwe ebandleni umoni ongaguqukiyo, angabi nabudlelane nabantu bakaYehova abacocekileyo. Loo nto yenzelwa ukususa impembelelo embi yaloo moni ebandleni, ukuze ibandla lihlale licocekile kwindlela eliziphatha nelikhonza ngayo yaye kukhuselwe negama lalo elihle. (Dut. 21:20, 21; 22:23, 24) Xa umpostile uPawulos weva ngezinto ezilihlazo ezazisenziwa ngumntu okwibandla laseKorinte, wathi abadala bamele ‘bamnikele umntu onjalo kuSathana ukuze likhuseleke ibandla.’ (1 Kor. 5:5, 11-13) UPawulos wachaza nangokususwa kubudlelane kwabanye ababevukele inyaniso ngexesha labapostile.—1 Tim. 1:20.
26 Xa ikomiti egwebayo igqiba kwelokuba umoni ongaguqukiyo ufanele asuswe kubudlelane, ifanele imchazele ngesigqibo efikelele kuso, isichaze ngokucacileyo isizathu esikwiZibhalo sokususwa kwakhe. Xa ichazela umoni ngesigqibo sayo, ikomiti ifanele imxelele ukuba, xa evakalelwa kukuba ayigwebanga kakuhle kwaye angathanda ukubhena, unokwenjenjalo ngokubhala ileta, achaze ngokucacileyo izizathu zokuba abhene. Uza kunikwa iintsuku ezisixhenxe ukususela kwixesha ikomiti eye yamazisa ngalo ngesigqibo sayo. Xa esithumele isibheno, iqumrhu labadala lifanele lazise umveleli wesiphaluka, aze yena akhethe abadala abaza kuba yikomiti yesibheno eza kuphinda imamele elo tyala. Le komiti iza kwenza konke okusemandleni ayo ukuze imamele isibheno kwisithuba seveki emva kokuba sifunyenwe. Ukuba kukho isibheno, asiyi kukhawuleza senziwe isaziso sokususwa kubudlelane. Ngelo xesha, loo mntu ubekwa ityala akayi kuphendula, athandaze kwiintlanganiso okanye anikwe amalungelo akhethekileyo enkonzo.
27 Isibheno sililungiselelo lobubele kulowo ubekwa ityala kwaye unikwa ithuba elingakumbi lokuba achaze izinto ezimkhathazayo. Ngenxa yoko, ukuba akezi ngabom xa kuchotshelwa isibheno sakhe, sifanele senziwe isaziso sokuba ususiwe emva kokuba kwenziwe imigudu esengqiqweni yokunxibelelana naye.
28 Ukuba umoni akabheni, ikomiti egwebayo ifanele imchazele ukuba kufuneka aguquke ize imchazele izinto anokuzenza ukuze abuyiselwe kubudlelane ngenye imini. Oku kuza kumnceda, yaye kufanele kwenziwe ngethemba lokuba uza kutshintsha iindlela zakhe aze ethubeni akufanelekele ukubuyela kwintlangano kaYehova.—2 Kor. 2:6, 7.
ISAZISO SOKUSUSWA KUBUDLELANE
29 Xa kufuneka umoni ongaguqukiyo asuswe kubudlelane, kwenziwa isaziso esifutshane ebandleni, esithi: “U[Chaza igama] akaselilo iNgqina LikaYehova.” Oku kuza kubonisa amaKristu athembekileyo ebandla ukuba afanele ayeke ukuhlobana naloo mntu.—1 Kor. 5:11.
UKUZAHLULA
30 Igama elithi “ukuzahlula” lisebenza kwiNgqina elibhaptiziweyo elenza into ebonisa ukuba alisafuni ukuba ngumKristu, litsho ngokucacileyo ukuba alisafuni kwaziwa okanye ukubizwa ngokuba liNgqina LikaYehova. Okanye, umntu unokubonisa ukuba akasafuni kuba yinxalenye yebandla lamaKristu ngezenzo zakhe, njengokuba lilungu lombutho wehlabathi onenjongo engquzulanayo neBhayibhile, nto leyo ewenza ugwetywe nguYehova uThixo.—Isa. 2:4; ISityhi. 19:17-21.
31 Xa wayebhala ngabo babukhanyelayo ubuKristu ngomhla wakhe, umpostile uYohane wathi: “Basishiya, kuba babengengabo abethu kakade; kaloku ukuba babengabethu, ngebeselapha nangoku.”—1 Yoh. 2:19.
32 Xa umntu ezahlula, imeko yakhe kuYehova ayifani kwaphela neyomKristu opholileyo, ongasayiyo entsimini. Umntu usenokuphola kuba engasalifundisisi qho iLizwi LikaThixo. Okanye mhlawumbi uye waneengxaki okanye watshutshiswa waza watyhafa. Abadala nabanye ebandleni baza kuqhubeka bemkhuthaza loo mKristu upholileyo.—Roma 15:1; 1 Tes. 5:14; Heb. 12:12.
33 Noko ke, ukuba umKristu uzahlule, kwenziwa isaziso esifutshane ebandleni, esithi: “U[Chaza igama] akaselilo iNgqina LikaYehova.” Loo mntu uphathwa njengomntu osusiweyo.
UKUBUYISELWA
34 Umntu osusiweyo kubudlelane okanye ozahluleyo unokubuyiselwa xa kukho ubungqina obucacileyo bokuba uguqukile, yaye uye wazibonakalisa kangangethuba elide ngokwaneleyo ukuba usiyekile isono. Ubonisa ukuba unqwenela ukuba ngumhlobo kaYehova. Abadala abangxami, ukuze baqiniseke ukuba kudlula ixesha elaneleyo ukuze loo mntu abonise ukuba uguquke ngokwenene. Isenokuba ziinyanga eziliqela, unyaka, okanye ngaphezulu, kuxhomekeka kwiimeko. Xa iqumrhu labadala lifumana ileta evela kumntu ocela ukubuyiselwa, ikomiti yokubuyisela iza ethetha naye. Loo komiti iza kuhlola ukuba bukho na ubungqina bokuba wenza ‘izinto ezibonisa ukuba uguqukile,’ ize igqibe enoba ifanele imbuyisele kubudlelane ngelo xesha okanye ingambuyiseli.—IZe. 26:20.
35 Ukuba loo mntu wayesuswe kwelinye ibandla, ikomiti yokubuyisela yebandla akulo ngoku inokudibana naye ize ihlole isicelo sakhe. Ukuba ikomiti yokubuyisela ibona kufanelekile ukuba abuyiselwe, iza kuncomela ukubuyiselwa kwakhe kwiqumrhu labadala bebandla elalisingathe loo mcimbi. Zombini ezo komiti ziza kusebenzisana ukuze ziqiniseke ukuba zonke izinto ziyajongwa ukuze kwenziwe isigqibo sobulungisa. Noko ke, isigqibo sokumbuyisela senziwa yikomiti yokubuyisela yebandla elalisingathe loo mcimbi.
ISAZISO SOKUBUYISELWA
36 Xa ikomiti yokubuyisela iqinisekile ukuba loo mntu ususiweyo okanye uzahluleyo uguquke ngokwenene kwaye ufanele abuyiselwe, kwenziwa isaziso sokuba ubuyiselwe kubudlelane kwibandla elalisingathe lo mcimbi. Ukuba ngoku sele ekwelinye ibandla, eso saziso siza kwenziwa nakulo. Sifanele sithi: “U[Chaza igama] ubuyiselwe kubudlelane kwaye uliNgqina LikaYehova.”
AMATYALA ABANTWANA ABABHAPTIZIWEYO
37 Izono ezinzulu ezenziwa ngabantwana ababhaptiziweyo zifanele zixelwe kubadala. Xa abadala besingatha amatyala ezono ezinzulu zabantwana abasephantsi kwabazali, kuye kube bhetele ukuba abazali ababhaptiziweyo baloo mntwana babekho. Baza kusebenzisana nekomiti egwebayo, bangazami ukumkhusela umntwana wabo owonileyo kuqeqesho olufunekayo. Ikomiti egwebayo izama ukululeka nokulungisa loo mntwana wonileyo kanye ngendlela eyenza ngayo kuboni abakhulileyo. Noko ke, ukuba loo mntwana akaguquki, uye asuswe kubudlelane.
XA ABAVAKALISI ABANGABHAPTIZWANGA BESONA
38 Yintoni efanele yenziwe xa abavakalisi abangabhaptizwanga benze izono ezinzulu? Ekubeni bengengomaNgqina abhaptiziweyo, abanakususwa kubudlelane. Noko ke, basenokuba abayiqondi kakuhle imfundiso yeBhayibhile, kwaye basenokuba bafuna isilumkiso ukuze “bahambe kwindlela efanelekileyo”.—Heb. 12:13.
39 Ukuba umoni ongabhaptizwanga akaguquki emva kokuba abadala ababini beye badibana naye baza bazama ukumnceda, kuza kufuneka kwaziswe ibandla. Kuza kwenziwa isaziso esifutshane esithi: “U[Chaza igama] akasenguye umvakalisi ongabhaptizwanga.” Emva koko ibandla liza kumjonga njengomntu wehlabathi. Nangona engasuswanga kubudlelane, amaKristu ayakulumkela ukuhlobana naye. (1 Kor. 15:33) Iingxelo zenkonzo yasentsimi azithumelayo aziyi kwamkelwa.
40 Ethubeni, loo mntu ungabhaptizwanga oyekisiweyo ukuba ngumvakalisi usenokufuna ukuba ngumvakalisi kwakhona. Xa kunjalo, abadala ababini baza kudibana naye baze bahlole izinto azenzayo ukukhulisa ubuhlobo bakhe noThixo. Ukuba uyafaneleka, kunokwenziwa isaziso esifutshane esithi: “U[Chaza igama] ungumvakalisi ongabhaptizwanga kwakhona.”
UYEHOVA UYALUSIKELELA UNQULO OLUNOXOLO NOLUCOCEKILEYO
41 Ngokuqinisekileyo, wonke umntu onxulumana nebandla likaThixo namhlanje uyavuya kuba uYehova ekhonzwa kakuhle ngabantu bakhe. Sinamadlelo aluhlaza, kwaye sinikwe amanzi amaninzi asihlaziyayo ukuze sikwazi ukukhonza uThixo. Siye sazibonela indlela uYehova asinyamekela ngayo esebenzisa ilungiselelo lakhe lobuthixo phantsi kobuntloko bukaKristu. (INdu. 23; Isa. 32:1, 2) Ukukhonza uThixo nabantu bakhe kule mihla yokugqibela izaliswe ngamahlandinyuka kusenze saziva sikhuselekile.
Xa sigcina ibandla linoxolo kwaye licocekile, siza kuqhubeka siyenza ikhanye inyaniso yoBukumkani
42 Xa sigcina ibandla linoxolo kwaye licocekile, siza kuqhubeka siyenza ikhanye inyaniso yoBukumkani. (Mat. 5:16; Yak. 3:18) UThixo uza kusisikelela sitsho sibone abantu abangakumbi befunda ngoYehova baze basithelele ekwenzeni ukuthanda kwakhe.