29 Umntu oyenza lukhuni intamo yakhe emva kokohlwaywa kaninzi+
Uza kwaphulwa ngequbuliso, angaze aphiliswe.+
2 Xa emaninzi amalungisa, abantu bayonwaba,
Kodwa xa kulawula abenzi-bubi, abantu bayancwina.+
3 Umntu othanda ubulumko uvuyisa utata wakhe,+
Kodwa othene nca nabafazi abathengisa ngomzimba udlala ngobutyebi bakhe.+
4 Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe,+
Kodwa umntu owamkela isinyobo uyalonakalisa.
5 Indoda etyibela ummelwane wayo ngezincomo zobuxoki
Yandlala umnatha ezinyaweni zakhe.+
6 Umenzi-bubi urhintyelwa zizono zakhe,+
Kodwa lona ilungisa lihlala lonwabile.+
7 Ilungisa likuxhalabele ukuphathwa ngokusemthethweni kwabo basweleyo,+
Kodwa yena umenzi-bubi akayihoyanga loo nto.+
8 Abantu abaqhayisayo bavusa udushe edolophini,+
Kodwa zona izilumko ziyawehlisa umsindo.+
9 Xa isilumko sixambulisana nesidenge,
Bayanyembana bagxekane, kodwa oko akuphumeli ntweni.+
10 Abantu abanxanelwe igazi bayamcaphukela umntu omsulwa,+
Bafuna ukumbulala umntu olilungisa.
11 Isidenge siyikhupha yonke indlela esiziva ngayo,+
Kodwa sona isilumko sihlala sizolile.+
12 Ukuba umlawuli uhoya ubuxoki,
Zonke izicaka zakhe ziza kuba ngabenzi-bubi.+
13 Ihlwempu nomntu ongumcinezeli bafana ngale nto:
Bobabini bakunikwe nguYehova ukukhanya emehlweni abo.
14 Xa ukumkani ewagweba ngobulungisa amahlwempu,+
Itrone yakhe iza kuhlala ikhuselekile.+
15 Intonga nesohlwayo zinika ubulumko,+
Kodwa umntwana oyekelelwayo uhlazisa umama wakhe.
16 Xa besanda abenzi-bubi, siyanda isono,
Kodwa amalungisa aza kukubona ukuwa kwabo.+
17 Mqeqeshe unyana wakho, uza kukuphumza,
Akuvuyise kakhulu.+
18 Xa kungekho mbono, abantu abalawuleki,+
Kodwa bayavuya abo bawuthobelayo umthetho.+
19 Akuncedi nganto ukusingxolisa isicaka,
Kuba nokuba siyeva, asithobeli.+
20 Ukhe wambona na umntu ongxamayo ngamazwi?+
Kukho ithemba ngakumbi ngesidenge kunaye.+
21 Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo,
Ekugqibeleni liza kukudela.
22 Umntu ofane acaphuke udala ingxabano;+
Nabani na okhawulezayo ukuba nomsindo uza kusoloko esona.+
23 Ikratshi lomntu liza kumthoba,+
Kodwa othobekileyo uza kufumana uzuko.+
24 Umntu otshomene nesela uyazicaphukela.
Usenokucelwa ukuba anikele ubungqina, kodwa angathethi nto.+
25 Ukoyika abantu ngumgibe,+
Kodwa othembele ngoYehova uza kukhuseleka.+
26 Baninzi abafuna ukuthetha nomlawuli,
Kodwa umntu ubufumana kuYehova ubulungisa.+
27 Amalungisa ayamenyanya umntu ongenzi bulungisa,+
Kodwa bona abenzi-bubi benyanya lowo wenza ubulungisa.+