IiNdumiso
INCWADI YESIBINI
(IiNdumiso 42-72)
Kumalathisi. IMaskili* yoonyana bakaKora.+
42 Njengexhamakazi eliyifuna ngamandla imisinga yamanzi,
Nam ndikufuna ngamandla Thixo.
2 Ndimnxanelwe uThixo, uThixo ophilayo.+
Ndingeza nini ndibonakale phambi koThixo?+
3 Iinyembezi zam zikukutya kwam imini nobusuku;
Abantu bandinxwala imini yonke besithi: “Uphi lo Thixo wakho?”+
4 Ndiyazikhumbula ezi zinto, ibe ndikhupha yonke into esentliziyweni yam,
Kuba ndandidla ngokuhamba nesihlwele sabantu;
Ndandidla ngokuthi chu phambi kwabo sisiya endlini kaThixo,
Sasisitsho ngentswahla, sivuya yaye sibulela,
Sisisihlwele esibhiyozela itheko.+
5 Kutheni ndikhathazeke kangaka?+
Kutheni ndingcungcutheka ngaphakathi?
6 Thixo wam, ndikhathazeke gqitha.+
7 Amanzi anzulu abiza amanzi anzulu
Xa kuvakala isandi seengxangxasi zakho.
Onke amaza akho andongamele.+
8 Emini uYehova uza kundithanda ngokungagungqiyo,
Ndize ebusuku ndicule ngaye, ndithandaze kuThixo wobomi bam.+
9 Ndiza kuthi kuThixo oliliwa lam:
“Kutheni undilibele?+
Kutheni ndimele ndisoloko ndibuhlungu ngenxa yokucinezelwa lutshaba lwam?”+
10 Iintshaba zam ziyandikhohlakalela zifuna ukundibulala;*
Zindinxwala imini yonke zisithi: “Uphi lo Thixo wakho?”+
11 Kutheni ndikhathazeke kangaka?
Kutheni ndingcungcutheka ngaphakathi?