Ilizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi Yesibini YeeNdumiso
NJENGABAKHONZI bakaYehova, siyaqonda ukuba siza kufikelwa zizilingo neemvavanyo. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.” (2 Timoti 3:12) Yintoni eya kusinceda sinyamezele izilingo neentshutshiso, ngaloo ndlela sizingqina sithembekile kuThixo?
Inxalenye yesibini kumacandelo amahlanu encwadi yeendumiso iyasinceda kule nkalo. INdumiso yama-42 ukusa kweyama-72 ziyasinceda sibone ukuba, xa sifuna ukunyamezela izilingo ngokuphumelelayo, simele sikholose ngoYehova ngokupheleleyo size sifunde ukulindela ukuhlangulwa nguye. Esinjani ukubaluleka isifundo kuthi! Njengalo lonke iLizwi likaThixo, isigidimi esikwiNcwadi Yesibini yeeNdumiso, ‘siphilile, sinamandla’ nanamhla oku.—Hebhere 4:12.
UYEHOVA “UYINDAWO YOKUSABELA NAMANDLA KUTHI”
UmLevi usekuthinjweni. Ebuhlungu ngenxa yokuba engakwazi ukuya kunqula uYehova engcweleni yakhe, uzithuthuzela ngelithi: “Kutheni na uphelelwe lithemba, mphefumlo wam, kutheni na uxokozela ngaphakathi kum? Lindela kuThixo.” (INdumiso 42:5, 11; 43:5) Le ndinyana imana ukuvela ixokomezelela iziqendu ezithathu zeNdumiso 42 neyama-43 zibe ngumbongo omnye. INdumiso yama-44 sisibongozo esenziwa ngenxa kaYuda—uhlanga ludandathekile, mhlawumbi ngenxa yokusongelwa luhlaselo lwama-Asiriya ngemihla kaKumkani uHezekiya.
INdumiso 45, yingoma eqanjwe ngomsitho kakumkani, isiprofeto esiphathelele uKumkani onguMesiya. Iindumiso ezintathu ezilandelayo zichaza uYehova ‘njengendawo yokusabela namandla,’ “uKumkani omkhulu emhlabeni wonke,” ‘ophakamileyo nonqabisekileyo.’ (INdumiso 46:1; 47:2; 48:3) INdumiso yama-49 yenza kucace ukuba akakho umntu “akukho namnye kubo onokumkhulula nangayiphi na indlela umzalwana wakhe”! (INdumiso 49:7) Iindumiso ezisibhozo zale nxalenye yesibini yeendumiso zinxulunyaniswa noonyana bakaKora. INdumiso yama-50 eyeyesithoba yaqanjwa nguAsafu.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
44:19—Yiyiphi ‘indawo eyayiyeyoodyakalashe’? Mhlawumbi umdumisi wayebhekisela kummandla kafayayo, kuba abo babuleweyo babeba zizisulu zoodyakalashe.
45:13, 14a—Ngubani “intombi yokumkani” ‘eya kuziswa kukumkani’? Yintombi ‘kaKumkani kanaphakade,’ uYehova uThixo. (ISityhilelo 15:3) Imela ibandla elizukileyo lamaKristu ali-144 000, uYehova alamkela njengabantwana bakhe ngokubathambisa ngomoya oyingcwele. (Roma 8:16) Le “ntombi” kaYehova, “njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe,” iza kuziswa kumyeni wayo—uMesiya uKumkani.—ISityhilelo 21:2.
45:14b, 15—Zimela bani “iintombi ezinyulu”? Zimela “isihlwele esikhulu” sabanquli bokwenyaniso, esixhasa intsalela yabathanjiswa. Ekubeni ‘siphuma embandezelweni enkulu’ siphila, siya kuba sisemhlabeni xa kuqhutywa umsitho kaMesiya uKumkani ezulwini. (ISityhilelo 7:9, 13, 14) Ngeso sihlandlo, “siya kuba novuyo nemihlali.”
45:16—Baza kuhlala njani oonyana esikhundleni sookhokho bokumkani? Xa uYesu wazalwa apha emhlabeni, wayenomlibo wookhokho abangabantu. Baya kuba ngoonyana bakhe xa ebavusa ekufeni ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka. Abanye babo baza kuba phakathi kwabo baza kumiselwa “njengeenkosana emhlabeni wonke.”
50:2—Kutheni iYerusalem ibizwa ngokuba ‘bubuhle obugqibeleleyo’? Yayingabizwa ngolo hlobo ngenxa yobuhle bayo. Kwakungenxa yokuba yayisetyenziswa nguYehova waza wayizukisa ngokwakha kuyo itempile yakhe waza wayenza ikomkhulu lookumkani bakhe abathanjisiweyo.
Oko Sikufundayo:
42:1-3. Njengexhamakazi elinxaniweyo kummandla ongumqwebedu, wayenjalo nalo mLevi ukulangazelela ukunqula uYehova. Kangangendlela awayebuhlungu ngayo kukungakwazi kwakhe ukuya kunqula uYehova kwingcwele Yakhe, ‘iinyembezi zakhe zaba kukutya kwakhe imini nobusuku’—engacacelanga kutya. Ngaba asifanele sizabalazele ukukuxabisa nzulu ngolo hlobo ukunqula uYehova ngokunxulumana namanye amakholwa?
42:4, 5, 11; 43:3-5. Ukuba ngenxa yesizathu esithile esingaphaya kwamandla ethu asikwazi kunxulumana nebandla lamaKristu, izihlandlo zovuyo zamaxesha angaphambili zinokusihlaziya. Nakuba oku kusenokusidandathekisa kakhulu ekuqaleni, kwelinye icala kuya kusikhumbuza ukuba uThixo uyindawo yethu yokusabela kwanokuba kufuneka silindele kuye.
46:1-3. Enoba sehlelwa yintlekele enjani na, simele sibe nentembelo engagungqiyo yokuba “uThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi.”
50:16-19. Nabani na othetha inkohliso noqhelisela izinto ezimbi akanalo ilungelo lokumela uThixo.
50:20. Kunokuba sihambe siphololoza ngempazamo zabanye, simele sizibethe ngoyaba.—Kolose 3:13.
“LINDELA KUTHIXO UTHE CWAKA, MPHEFUMLO WAM”
Le nxalenye yeendumiso ivula ngomthandazo onzulu kaDavide emva kwesono sakhe noBhatshebha. INdumiso yama-52 ukusa kweyama-57 zibonisa ukuba uYehova uya kubakhulula abo balahlela umthwalo wabo kuye baze balindele usindiso lwakhe. Njengokuba kuboniswe kwiNdumiso yama-58-64, ngalo lonke ixesha lokudandatheka kwakhe, uDavide wamenza igwiba lakhe uYehova. Ucula esithi: “Eneneni lindela kuThixo uthe cwaka, mphefumlo wam, kuba livela kuye ithemba lam.”—INdumiso 62:5.
Ubuhlobo obusenyongweni noMhlanguli wethu bufanele busishukumisele ukuba ‘siliculele uncuthu lwengoma igama lakhe.’ (INdumiso 66:2) UYehova udunyiswa njengomphi onesisa kwiNdumiso 65, njengoThixo ohlangulayo kwiNdumiso yama-67 neyama-68, nomhlanguli kwiNdumiso yama-70 neyama-71.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
51:12—Ngokabani lo “moya ovumayo” wayecela ukuxhaswa nguwo uDavide? Eli binzana alibhekiseli ekuncedeni kukaThixo uDavide okanye kumoya oyingcwele kaYehova kodwa libhekisela kumoya kaDavide—utyekelo lwakhe lwengqondo. Ucela uThixo ukuba amnike umnqweno wokwenza okulungileyo.
53:1—Kutheni kusithiwa ‘akanangqiqo’ nje umntu okhanyela ubukho bukaThixo? Ukungabinangqiqo ekuthethwa ngako apha akunanto yakwenza nobukrelekrele. Isibakala sokuba loo mntu akanangqiqo sinokubonwa ekuwohlokeni kwemilinganiselo yokuziphatha okuchazwe kwiNdumiso 53:1-4.
58:3-5—Bafana njani nenyoka abantu abangendawo? Ubuxoki ababuthethayo ngabanye abantu bunjengobuhlungu benyoka. Bonakalisa igama elihle labo bantu babangcikivayo. “Njengephimpi eliyivingcayo indlebe yalo,” abantu abangendawo abaluthobeli ulwalathiso okanye bavume ukulungiswa.
58:7—Abantu abangendawo ‘bachithakala njani njengamanzi ahamba indlela yawo’? Mhlawumbi uDavide wayecinga ngamanzi eentlambo ezithile zeLizwe Lesithembiso. Ngoxa isikhukula siwenyusa umthamo wamanzi kwintlambo elolo hlobo, la manzi akhawuleza atshe aze aphele. Apha uDavide wayethandazela ukuba babhangiswe ngokukhawuleza abangendawo.
68:13—‘Amaphiko ehobe ayegqunywe njani ngesilivere neentsiba zalo ngegolide eluhlaza bulubhelu’? Amahobe athile ambala uzuba iintsiba zawo ziyamenyezela xa zigqatswa yimitha yelanga. Mhlawumbi uDavide wayefanisa umkhosi wamaSirayeli ovela edabini neli hobe—lineempiko ezomeleleyo neentsiba ezimenyezelayo. Bambi abaphengululi bacingela ukuba, le ngcaciso isenokuba yayibhekisela kumsebenzi wobugcisa, imbasa ethinjwe emfazweni. Enokuba libhekisela enini, eli binzana, uDavide wayebhekisela kuloyiso alunika abantu bakhe uYehova.
68:18—Yayingoobani “izipho ezingabantu”? Ezi zipho yayingabantu ababethinjwe xa kwakuthinjwa iLizwe Lesithembiso. Kamva loo madoda anikwa isabelo sokuncedisa abaLevi kwinkonzo yabo.—Ezra 8:20.
68:30—Kuthetha ntoni ‘ukukhalimela irhamncwa leengcongolo’? Efuzisela iintshaba zabantu bakaYehova njengamarhamncwa asendle, uDavide wacela uThixo ukuba azikhalimele, okanye azithibaze zingabenzakalisi.
69:23—Lithetha ntoni ibinzana elithi ‘bangela isinqe sotshaba sigexe’? Izihlunu ezisesinqeni zibaluleke gqitha xa kusenziwa umsebenzi onzima, njengokuphakamisa nokuthwala imithwalo enzima. Isinqe esigexayo sintama ukungabinamandla. UDavide wayethandazela ukuba iintshaba zakhe zingabinamandla.
Oko Sikufundayo:
51:1-4, 17. Asimele sivumele ukuwela esonweni kwethu konakalise ulwalamano lwethu noYehova uThixo. Ukuba siyaguquka, sinokuba nentembelo yokuba uya kusenzela inceba.
51:5, 7-10. Ukuba sonile, singambongoza uYehova asixolele ngenxa yesono esizalwa sinaso. Kwakhona simele sithandazele ukuba asicoce, asibuyisele kuye, asincede sisuse utyekelo lokona olusentliziyweni, aze asenze singagungqiswa nto.
51:18. Izono zikaDavide zazisongela uhlanga luphela. Ngenxa yoko wathandazela ukuba uThixo abonise inceba kwiZiyon. Xa sisenza isono esinzulu, oko kudla ngokungcolisa igama likaYehova nebandla. Kufuneka sithandaze kuThixo ukuze silungise umonakalo esinokuba siye sawubangela.
52:8. Sinokuba “njengomthi womnquma onabileyo endlwini kaThixo”—sisondele kuYehova sibe nemveliso enkonzweni yakhe—ngokumthobela nangokulungela ukwamkela uqeqesho lwakhe.—Hebhere 12:5, 6.
55:4, 5, 12-14, 16-18. Iyelenqe lonyana wakhe uAbhisalom nokungcatshwa kwakhe nguAhitofele iphakathi elaliyintonga yakhe esekhosi zawuxhela umphefumlo kaDavide. Noko ke, oko akuzange kuyiphelise intembelo kaDavide kuYehova. Asimele sivumele ukuxheleka kulwenze buthathaka ulwalamano lwethu noThixo.
55:22. Siwulahlela njani umthwalo wethu kuYehova? Oku sikwenza (1) ngokuyithandazela loo nto isikhathazayo, (2) ngokukholosa ngolwalathiso lweLizwi lakhe nentlangano yakhe (3) nangokwenza oko sinokukwenza ukuze silungise imeko.—IMizekeliso 3:5, 6; 11:14; 15:22; Filipi 4:6, 7.
56:8. UYehova akaqondi nje kuphela imeko yethu uqonda kwanendlela ewukhathaza ngayo umoya wethu.
62:11. UThixo akaxhomekekanga kwabanye abantu ukuze abe namandla. Ungumthombo wamandla. ‘Amandla ngawakhe.’
63:3. ‘Ububele bothando bukaThixo bulunge ngakumbi kunobomi’ kuba ngaphandle kwabo, ubomi abunayo injongo nentsingiselo. Sakuba senza ngobulumko ukuba sihlakulela ubuhlobo noYehova.
63:6. Ebusuku—kwesikabhadakazi apho kuzole cwaka—elo inokuba lelona xesha lihle lokucamngca.
64:2-4. Intlebendwane inokulonakalisa igama elihle lomnye umntu. Asimele siyiphulaphule okanye siyisasaze intlebendwane.
69:4. Ukuze sigcine uxolo, maxa wambi isenokuba bubulumko ‘ukulubuyisela’ ngokucela uxolo, kwanokuba asiyiboni kakuhle lo nto kuthiwa sone ngayo.
70:1-5. UYehova uyasiphulaphula xa sicela uncedo. (1 Tesalonika 5:17; Yakobi 1:13; 2 Petros 2:9) UThixo usenokuvumela isilingo ukuba siqhubeke, kodwa asinike ubulumko bokuhlangabezana naso namandla okusinyamezela. Akasayi kuvuma ukuba silingwe ngaphezu kokuba sinokunyamezela.—1 Korinte 10:13; Hebhere 10:36; Yakobi 1:5-8.
71:5, 17. UDavide waba nesibindi waza womelela ngokuthembela ngoYehova ngoxa wayemtsha—kwanangaphambi kokuba aqubisane nengxilimbela yomFilisti uGoliyati. (1 Samuweli 17:34-37) Ulutsha lufanele lukholose ngoYehova kuyo yonke into oluyenzayo.
“Nozuko Lwakhe Luzalise Umhlaba Wonke”
Ingoma yokugqibela yale nxalenye yesibini yeendumiso, iNdumiso 72, iphathelele ulawulo lukaSolomon, oluyingabula zigcawu yolawulo lukaMesiya neemeko eziya kwesamela kulo. Ezinjani iintsikelelo ezichazwa apho—uxolo, ukuphela kwengcinezelo nogonyamelo, intabalala yokutya okuzinkozo emhlabeni! Ngaba siya kuba phakathi kwabo baya kunandipha ezi ntsikelelo zoBukumkani? Sinako ukuba phakathi kwabo, ukuba njengomdumisi, silindela kuYehova, simenza indawo yethu yokubalekela namandla.
“Imithandazo kaDavide . . . iphelela apha” ngamazwi athi: “Makabongwe uYehova uThixo, uThixo kaSirayeli, nguye yedwa owenza imisebenzi emangalisayo. Malibongwe igama lakhe elizukileyo kuse kwixesha elingenammiselo, nozuko lwakhe luzalise umhlaba wonke. Amen Amen.” (INdumiso 72:18-20) Ngamana nathi singamdumisa ngokusuka entliziyweni uYehova size sidumise igama lakhe elizukileyo.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Ngaba uyazi ukuba ngubani owayefanekiselwa “yintombi yokumkani”?
[Umfanekiso okwiphepha 10, 11]
Ngaba uyasazi isizathu sokuba iYerusalem ibizwe ngokuba ‘bubuhle obugqibeleleyo’?